INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-11 kuCanzibe wowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyiqaphele ingxelo eyenziwe nguMphathiswa wezeMali kuMongameli, ngenkqubela yokufakana imilomo kukarhulumente naboshishino lecandelo labucala kunye nemibutho yabasebenzi ngoqoqosho. UMongameli ebegunyazise uMphathiswa ukuba akhokele ezi ndibano zokufakana imilomo nala mahlakani ezentlalo ukuba kuboniswane ngesicwangciso-qhinga kunye nokuveza amalinge okukhulisa uqoqosho nokugcina indawo ilizwe elibekwa kuyo ngokwezoqoqosho.  

IKhabhinethi inovuyo lokuba lo msebenzi uphele ekuveliseni amanyathelo okuqala aluqilima aza kuphucula amathemba kumbono wezoqoqosho weli lizwe. NgoMvulo uMongameli ubhengeze amaphulo aphambili aliqela, aquka: (1) ingxowa-mali edibeneyo yabezoshishino labucala norhulumente yeNkxaso yamaShishini amaNcinane, (2) ukuhlangabezana neengxaki eziphazamisa utyalo-mali olwandayo khona ukuze kukhawuleziswe uhlumo oluquka wonke umntu, (3)  utyalo-mali oludibeneyo lukarhulumente  nabezoshishino labucala kwiziseko ezingundoqo kusetyenziswa umzekelo weNkqubo yabaVelisi baMandla oMbane abaZimeleyo ebe yimpumelelo kunye (4) nokomeleza amaShishini kaRhulumente ukuqinisekisa uzinzo lwawo lwezezimali nokomeleza indima yawo ekuqhubemi uphuhliso.

Ezi zibhengezo zibubungqina bokuba yintoni enokwenziwa leli lizwe xa onke amahlakani ezentlalo edibene esebenzisana kwaye ejongise kwinjongo enye.

1.2 IKhabhinethi ihleli iqinisekile ukuba uhlengahlengiso olumandla lwezoqoqosho, ukuqokelela kweNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika (i-SARS) imali efikele kwitriliyoni yeerandi okokuqala ezimbalini kwakunye nokubhengezwa kwakutsha nje kwamanyathelo okungenelela amahlanu exesha elifutshane, zonke nje zongeza kwisicwangciso esimaNqaku aliThoba ngeenjongo zokuqinisekisa ngokwenzeka kwenguqu kuqoqosho lweli lizwe. Ukwanda kwerhafu eqokelelweyo ngabakwa-SARS kuza kongeza ukwenza ukuba uRhulumente anikezele iinkonzo eziza kuphucula umgangatho wobomi babo bonke abemi beli.   

1.3 IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe yi-arhente yokuhlela, iMoody’s Investor Services, ethe kwezi veki zimbini zidlulileyo yaphinda yaliqinisekisa inqanaba eli lizwe elibekwa kulo kwezoqoqosho engamanqanaba amabini ngaphezulu kwenqanaba elilelona liphantsi nelamnkelekileyo kubatyali-zimali. Ekungqineni eli nqanaba, abakwaMoody’s baphawule okokuba uMzantsi Afrika uya uyiguqula imeko emva kweminyaka yohlumo olubuthathaka kwaye amanyathelo okuhlengahlengisa nokomeleza uqoqosho owama-2016 aza komeleza ityala likarhulumente kwiSambuku seMveliso yeLizwe (i-GDP) kulo nyaka. Onke amaqela ayangqinelana ukuba amalinge entsebenziswano adinga ukomelezwa ukunika amandla ekuphucukeni koqoqosho. Sikwaqaphela ukuba umsebenzi woMphathiswa wezeMali kunye namahlakani ezentlalo ukwaquka umsebenzi oluthotho wohlolo lwemali ilizwe elinayo oza kuchonga uhlaziyo olunokwenziwa nongenelelo lokugcina urhwebo olomeleleyo lwemali eyinkunzi yaseMzantsi Afrika nomlinganiselo wohlolo lwemali yotyalo-mali.

1.4 UMongameli uyazibulela iiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali ezenziwa ngabaPhathiswa ngokwahlukeneyo nezithi zihlangabezane neemfuno zabo bonke abemi baseMzantsi Afrika. Iingxelo zenkqubela nezicwangciso eziphuma kwezi Voti zoHlahlo Lwabiwo-mali zamaSebe zibonakalisa ukuba uMzantsi Afrika usisizwe esisebenzayo, apho urhulumente akhokelayo khona, ekwakheni ubomi obungcono kumntu wonke.  

Kumiselwe amanyathelo aluqilima ukunciphisa impembelelo embi yokudodobala koqoqosho ehlabathini jikelele kuqoqosho lweli lizwe, nokulungiselela uhlumo lwezoqoqoqsho oludlamkileyo xa uqoqosho seluguquke lwathembisa. Sikwasebenza ngamandla ukususa imiqobo yalapha ekhaya kwezohlumo.

Ezi voti zohlahlo lwabiwo-mali zikwabonakalisa ukuba urhulumente, imibutho yabasebenzi nabezoshishino basebenzisana, kakhulu kunangaphambili, ukufumanisa ngeendlela zokuvuselela uhlumo nokwakha ubomi obungcono kumntu wonke. Oku kuquka ukufezekiswa ngamandla kwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba, esathi sabhengezwa nguMongameli uJacob Zuma kwiNtetho engoBume beSizwe yowama-2015 kwakunye nephulo i-Operation Phakisa, elamiselwa ukukhawulezisa ukufezekiswa kwezisombululo kwimimandla apho uphuhliso ludingeka ngamandla khona. Ezi nkqubo zihlangabezana nemiba ebaluleke kakhulu kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), efana nokuncitshiswa kwendlala nentswela-ngqesho.

1.5 IKhabhinethi iqinisekisa kwakhona abemi baseMzantsi Afrika ukuba iimeko yentswela-ngqesho kweli lizwe kuhlangatyezwana nayo ngokufezekiswa kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) seli lizwe, ngongenelelo lwezoqoqosho lwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba esenzelwe ukuvuselela uhlumo size sikhulise imisebenzi kumacandelo angundoqoqo kuqoqosho lwethu. Intsebenziswano yecandelo lezoshishino labucala ibaluleke kakhulu ukuze kufumaneke iziphumo ezihle.

Urhulumente usebenzisa onke amaphulo akhoyo kuquka nesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) ukudala iimveliso eziza kuthatha abasebenzi abongezelelekileyo namacandelo eenkonzo ukuhlangabezana nentswela-ngqesho ethe yaphinda yongezwa bubunzima beemeko zezoqoqosho zehlabathi jikelele nezalapha ekhaya. UMphathiswa wezoRhwebo noShishino uRob Davies umisele owesibhozo umfuziselo wonyaka we-IPAP2016/17 ukuya kowama-2018-19 ngomhla we-9 kuCanzibe wowama-2016 kwinkampani yokunyibilikisa isinyithi negilasi enabanikazi abaNtsundu ngokupheleleyo eGauteng. Urhulumente ugxininisa ukubaluleka kokwakhiwa kwentsebenziswano emandla neenkampani zezoshishino zalapha ekhaya ezigqwesileyo nezisebenzisa ubuchule bale mihla ezingabandakanyeki nje kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, ezothutho nezolungiselelo kodwa zibandakanyeke kuthotho lwezinto zobuchwepheshe ezinzima, ezilungele ukuthunyelwa kumazwe angaphandle necandelo elifuna kakhulu abasebenzi loqoqosho laseMzantsi Afrika liphela. 

Ngeli xesha uPhando olungabaSebenzi lweKota ebelwenziwe kwikota yokuqala yowama-2016 lubonakalise ukwanda kwintswela-ngqesho okufikelela kuma-26.7%  ngokwekota nekota, ngowama-2016 izinga lemisebenzi linyuke ngama-204 000 ekuqesheni abantu xa lithelekiswa nekota yokuqala yowama-2015.

1.6 IKhabhinethi iyakwamkela ukunikezelwa kweZiko loLutsha laseBhobhofolo eNtshona Koloni nguMongameli uJacob Zuma, elibonelela ulutsha ngoncedo lobuchule, apho lunokuzixhobisa. Eli Ziko lineendidi ngeendidi zoncedo lobuchule olubonelela ngophuhliso olugabalala lwabantu abatsha noluntu ngokubanzi. Olu ncedo lobuchule lukhoyo kweli ziko lolutsha luza kubonelela abantu abatsha abasuka kuluntu oluhluphekileyo ngamathuba okuthatha ngcono inxaxheba nokwenza igalelo elihle kuluntu lwalo nakwilizwe. 

IZiko lezaKhono elixhotyiswe ngokupheleleyo neliqhutywa yiKholeji yaseMzantsi Koloni iza kubonelela ngoqeqesho kulawulo lwezoshishino, ukusebenzisa ikhompyutha nophuhliso lwabantwana abazintsana ukuya kutsho kubathathi-nxaxheba abangama-200 beQela leNkonzo yoManyano lwamaShishini oLutsha lwaseMaphandleni leSizwe (i-NARYSEC) ngonyaka. I-NARYSEC yinkqubo yexesha elide apho igxile, ikwagaya ulutsha lwasemaphandleni kuphela nenesivumelwano sexesha leminyaka emibini. 

Kugaywa ulutsha oluminyaka iphakathi kwe-18 nama-25 ubudala luze lubhaliselwe uqeqesho kwizakhono ezahlukahlukeneyo eziza kuluxhobisa ngokufanayo kulwazi ngeengcingane nangokuphathwayo ukudala imisebenzi okanye bona ngokwabo nabanye abantu badale imisebenzi kuluntu lwabo. Eli Ziko loLutsha luyiprojekthi esaLingwayo kwaye iyeyokuqala elolu hlobo kwaye liza kudluliselwa kwamanye amaphondo.

1.7 Khabhinethi iyayamkela iNtlanganiso yoMmandla we-Afrika yoBudlelwane bobuRhulumente obuVulelekileyo yowama-2016 ebibanjwe phantsi komxholo othi “UbuRhulumente obuVulelekileyo boPhuhliso obuZinzileyo e-Afrika” ukususela ngomhla we-5 ukuya kowe-6 kuCanzibe wowama-2016.

Le ndibano iza emva kweenyanga ezisixhenxe uMzantsi Afrika wathi waba nguSihlalo oKhokelayo woBudlelwane bobuRhulumente obuVulelekileyo. Imigomo yoburhulumente obuvulelekileyo ibaluleke kakhulu ekuphumezeni uludwe olubanzi lweenjongo eziphambili zophuhliso oluzinzileyo, ukuqhagamshelanisa okuvulekileyo kulawulo loorhulumente ukwenzela ukuphuculwa kwabahlelelekileyo nabahluphekileyo ehlabathini jikelele. 

UBudlelwane bobuRhulumente obuVulelekileyo nobuRhulumente obuVulelekileyo bukwangundoqo ekuncedeni uluntu lwehlabathi ukuba lukwazi ukuphumeza i-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo.

Le Ngqungquthela yoMmandla ibe yeyona inkulu kwiingqungquthela zoMmandla zoBudlelwane bobuRhulumente obuVulelekileyo (i-OGP) kwezakhe zaququzelelwa yi-OGP eneziphumo ezincomeka kakhulu kwisigaba ngasinye yade yayokuphela le ngqungquthela.

Ukugcina isibophelelo sikarhulumente kubudlelwane nolawulo lukarhulumente olungcono, le ngqungquthela ibe nomtsalane kubathathi-nxaxheba abavela kwiMibutho yoLuntu (i-CSO) evela ehlabathini jikelele emilisele kuluntu olukumacandelo awohlukahlukeneyo olungaphandle kwe-CSO yesiqhelo esoloko iyinxalenye yobu budlelwane.   

1.8 IKhabhinethi ikuqaphele ukwamkelwa kwesivumelwano sokudibanisa amaziko  amathathu kutha ebhotileni ukwenza elona ziko lokutha ebhotileni lakwaCoca- Cola Beverages Africa lakhe lasikhulu kweli lizwekazi. IKhabhinethi iyasamkela isivumelwano kwiimeko zeemfuno zoluntu kule ndibanisela phakathi kukarhulumente kunye noCoca-Cola Beverages Africa amaqela endibanisela anokuxhasa amalinge wethu wokuvulwa kwemizi-mveliso okukhulu kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika.

Esi sivumelwano sisikhuselo sabo bakwinqanaba lengqesho ekumyinge ophakathi kule nkampani ixesha elingangeminyaka emithathu sikhusela abasebenzi abakwinqanaba elisezantsi ukuba bangabi ngamaxhoba okudendwa okuhambelana nendibanisela, sixhasa ukusetyenziswa kwezinto zasekhaya kwinkqubo yokuthenga nokuthengisa nokuzibophelela ekuphuhliseni amafama aye sakuhleleleka nababoneleli-zinkonzo kule nkampani. Ukongeza apho, imali ezizigidi ezingama-400  zeerandi iza kubonelela ukuxhasa ngezimali uphuhliso lwamashishini amancinane ekuqaleni kwemveliso yezolimo ide ibe yimveliso egqibeleleyo ize enye imali ezizigidi ezingama-400 eerandin aye ekunyusweni kutyalo-mali ukuphuhliswa ukubonelelwa kwemveliso abasebenzisi bayo kunye namandla eevenkile nophuhliso lwezakhono ezibandakanyekayo noqeqesho. Imveliso ye-Appletiser esele isaziwa kakhulu iseza kuqhubeka iveliswa eMzantsi Afrika.  

Esi sivumelwano sivulela indawo kwizikhenkcezi zakwaCoca-Cola kwiivenkile ezincinci: indawo eyi-10% ingasetyenziselwa ukufaka iimveliso ezikwafanayo ezivela kwivenkile ethengisa ngemiyinge emincinci kweli candelo leevenkile apho kukho khona izikhenkcezi zakwaCoca-Cola. Oku kuvulela urhwebo kwinkampani ezintsha kunye neenkampani ezincinci zokutha ezibhotileni, ukuncedisa ukuphepha imimiselo yezoshishino enemiqathango ethintelayo nethi igcine amashishini amancinci naphakathi engaphandle korhwebo

Ukongeza apho, utyalo-mali lwexesha elide lale nkampani kuphuhliso lwezoqosho nolwezentlalo kweli lizwe liza kuxhotyiswa ngokumiselwa kondlunkulu wequmrhu lendibaniselwano eMzantsi Afrika. Esi sivumelwano silandela isivumelwano sakutsha nje esikwafanayo ekungenwe kuso nabakwa-Annhauser Beush In Bevrelating sokuthenga i-SAB Miller. Ingakumbi, ekugxininiseni kwaso ingqesho, ukuthandwa kwezinto zalapha ekhaya nophuhliso lwamashishini amancinci, ezi zivumelwano zibalula ukubaluleka kokulinganiswa kweendibaniselwano zezoshishino kunye nemiba yokubaluleka kweemfuno zoluntu kunye noluhlu lwemigangatho yeenkampani ezisaceba ukwenza okanye ukufumana iindibaniselwano ezikumila kunje.  

1.9 IKhabhinethi ikuqaphele ukumiselwa kweziko elixabise izigidi ezingama-350 zeerandi sokutha ebhotileni ngabakwa--Mpact Polymers besebenzisana nabakwaCoca-Cola. Eli phulo liyimpendulo kwinkqubo-sikhokelo kaRhulumente esemthethweni lisebenza ngenjongo ephambili yesiCwangciso-qhinga soLawulo lweNkunkuma lweMicimbi yezokusiNgqongileyo yeSizwe ukukhuthaza amashishini amancinane ukuba asebenzise kwakhona imveliso esele isetyenzisiwe ukuze isetyenziswe kwakhona. Esi sikhululo sesokuqala ezilolu hlobo kwilizwekazi le-Afrika lijike ama-29 000 eetoni (i-polthylene terephthalate) iibhotile ezophukileyo ze-PET nokonga okuthelekelelwa kwi-186 000 zeetyhubhiki-mitha zesithuba ezigcwalise umhlaba kwaye siza kuba negalelo ekunciphiseni ukukhutshwa komoya ongcolileyo (i-CO2) omalunga nama-53 000 eetoni ngonyaka. IQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) ibonelele ngoncedo lwemali-mboleko ezizigidi ezingama-210 zeerandi kwakunye nezigidi ezingama-30 zeerandi ukwenzela izabelo zenzala yayo engama-21% laza iSebe lezoRhwebo noShishino labonelela ngembuyekezo yerhafu yeCandelo le-12(1). Isikhululo sokusebenzisa kwakhona imveliso esele isetyenzisiwe ukuze isetyenziswe kwakhona sibonelela ngemisebenzi kubasebenzi abangama-80 kunye nemisebenzi eli-1000 kubaqokeleli benkunkuma.  

Ubudlelwane obufana nobu yinjini ebalulekileyo kuhlumo lwezoqoqosho, ukudala amawaka-waka emisebenzi kuqoqosho lokusebenzisa kwakhona imveliso esele isetyenzisiwe ukuze isetyenziswe kwakhona exabisa malunga nama-R50 eebhiliyoni. Sithetha nje, ukuveliswa ngokutsha kweplastiki eseyisebenzile kubonelela abaqokeleli bayo ngamathuba engeniso angaphezulu kwama-60 000. Isikhululo sokuvelisa ngokutsha imveliso eseyisebenzile sakwa-Mpact Polymer esikumgangatho wehlabathi, sihambelana nemigaqo yokhuselo lokutya yeManyano yaMazwe ase-Yurobhu (i-EU) kwaye ngumzi-mveliso wokuqala ololu hlobo e-Afrika kwaye ukwafikelela kwemimiselo yokuqinisekiswa yakwaCoca-Cola yeebhotile ze-PET.

1.10 IKhabhinethi iyayamkela ingxelo yesiCwangciso-qhinga esiDibeneyo soLawulo lweMikhombe esiubonakalise ukuba uMzantsi Afrika ukulwa ngempumelelo ukuzingelwa kwemikhombe ngokungekho mthethweni. Ukususela ekuqaleni kwalo nyaka kuphela kubanjwe abatyholwa ngokuzingela imikhombe ngokungekhomthethweni abangama-206.

Indlela yokuHlangabezana nesiCwangciso-qhinga soLawulo oluDibeneyo yamkelwa yiKhabhinethi kwinyanga yeThupha yowama-2014 nokwakhokelela ekubeni iNtlanganisela yoKhuselo iphumeze amanyathelo okungenelela azindidi ezahlukeneyo, nolwamacandelo ahlukeneyo ukukhusela imikhombe eMzantsi Afrika.

1.11 IKhabhinethi iyavuyisana neli lizwe ngokusingatha ngokuyimpumelelo iNgqungquthela yezoKhenketho yowama-2016 eDurban kwiphondo laKwaZulu-Natal, nethe yaqukunjelwa ngoMvulo umhla we-9 kuCanzibe wowama-2016 neqela lokubandakanyeka olube yimpumelelo phakathi kwababonisi abali-1 047 abavela kumazwe ase-Afrika ali-18 kunye nabathengi abali-1 856 abavela ehlabathini jikelele. Kulo nyaka, Ie Ngqungquthela ibambe iintlanganiso ezingama-3 000 ngaphezulu kunakulonyaka uphelileyo. Ziintlanganiso zezoshishino ezingama-14 000 ezithe zahlala zizonke kwezi ntsuku zintathu zale Ngqungquthela, zinikeza ithemba lokuxhamla kuqoqosho oluncomekayo. Lo msitho ubukwazinyaswe nazintatheli zesizwe nezehlabathi ezingama-575.

Le Ngqungquthela igxile kumashishini amancinci aphakathi nakhulayo (ii-SMME) ebonisa ngeemveliso neenkonzo zamashishini ehambo amancinci athembisayo.ngamashishini amancinci angama-70 axhamle kwiintlanganiso zocweyo zokuba angafikelela njani kurhwebo lentengiso ukuze akhule. Ii-SMME zinamandla okuba ngamashishini amakhulu. Le Ngqungquthela iyomelezile indima edlalwa zi-SMME kuphuhliso loqoqosho lamazwe aphuhlileyo nasaphuhlayo, ekukhuliseni icandelo lezokhenketho. Ukuveza amandla ee-SMME yenye yeendlela ezibaluleke kakhulu ekuveliseni imisebenzi kwisiCwangciso esimaNqaku aliThoba eza kukhulisa ize iguqule uqoqosho idale nemisebenzi.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ixoxe ngokufezekiswa kwezindululo zeKhomishini yeNyani noXolelwaniso (i-TRC) nezinye iindlela ezicetyisiweyo zokufezekiswa kweeProjekthi zokuBuyiselwa koLuntu kwiMo yesiQhelo.

UkuQondwa kweeProjekthi zokuBuyiselwa koLuntu kwiMo yesiQhelo zilungisa intswela-bulungisa yangaphambili ngokubuyiselwa kwemo yesiqhelo kwiindawo zoluntu ezili-128 ezazingamaxhoba ezenzo zobundlobongela nokutshatyalaliswa ngexesha longquzulwano (ukususela kumhla woku-1 kweyoKwindla yowe-1960 ukuya kowe-10 kuCanzibe wowe-1994).

ISebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liza kucela amagalelo avela kubadlali-ndima ababalulekileyo abachaphezelekayo (kurhulumente nakwabezoshishino labucala) khona ukuze kufumaneke imithombo eyaneleyo yokuzisa ungenelelo olupheleleyo kwezi ndawo zoluntu zili-128, nezathi zachazwa yi-TRC ngokwetyala ngalinye elinokwahluka ngokwexabiso kodwa ukuya kutsho kwelona xabiso liphezulu liyimali engama-30 ezigidi zeerandi. Oku kuza kuqinisekisa ukuba iiProjekthi zinokwenzeka kwaye zizinzile khona ukuze kufezekiswe iminqweno yoluntu

Oku kunegalelo ekufezekisweni kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) ngokwandisa intlalo-ntle nomanyano, ukulungisa ukungalingani kwangaphambili nokufezekiswa kombuso ophuhlayo, onakho nonenkathalo ophatha abemi ngesidima.

2.2 IKhabhinethi yazisiwe ngeziphumo zeNgqungquthela yonxibelelwano lukanomathotholo yeHlabathi (i-WRC-15) ebibanjwe ukususela ngomhla wesi-2 ukuya kowama-27 kweyeNkanga yowama-2015 eGeneva, eSwitzerland. UMzantsi Afrika ubukhokela iQela lase-Afrika kuthethathethwano olukhokelele ekubeni lo mmandla ufumane ububanzi obongezelelweyo bamaza othungelwano lweminxeba ephathwayo kwaye i-Afrika ikwazile ukukhusela ububanzi baseMzantsi be-UHF boomabonakude bedijithali behlabathi jikelele. Kunikezelwe ngobubanzi obongezelweyo ukwenzela amaza asemanzini, inqwelo-moya neenqanawa kunye neenkonzo zasesibhakabhakeni ezingena nto.

IsiCwangciso saMaza e-Frequency eRediyo eSizwe (i-NRFP) siza kulungiswa ukuze sivelise izigqibo ze-WRC-15, neziqala ukusebenza ngomhla wo-1 kweyoMqungu yowama-2017. Ukwabelwa ngobubanzi ngaphakathi kwi-NRFP kuza kuququzelela izicwangciso zomsebenzi weenkonzo ezahlukeneyo ezibaluleke kakhulu ekuphumeleleni koqoqosho, ukuxhamla ngokwenkcubeko nezentlalo ngokusebenzisa ububanzi njengomthombo wendalo. Ekuxhaseni iinjongo eziphambili zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso, ububanzi buzakusetyenziselwa ukufezekiswa kwamaza omoya wesizwe, umabonakude wedijithali wehlabathi jikelele, unxibelelwano lwesiphekepheke esijikeleze ihlabathi (isathelaythi) nokhuseleko loluntu nomnyenyevu wentlekele, kwakunye nezinye iinkonzo.

2.3       IKhabhinethi yazisiwe ngeziGqibo ezithathwe ngooMongameli beSizwe beNdibano yeMbumba yaMazwe ase-Afrika (i-AU) noRhulumente eRhawutini kweyeSilimela yowama-2015 ukuze ihlaziye uhlolo lwamagalelo onyaka lwaMazwe angamalungu ukususela kowama-2016, khona ukuze kuxhotyiswe amandla okuthwala iinkqubo zayo.

IKhabhinethi ikwamkele ukufezekiswa kwegalelo elitsha loMzantsi Afrika kwi-AU lokuhlola ngokuhambelana neSigqibo seNdibano yoHlolo loMlinganiselo omtsha. Oku kumiliselwe kwimigomo yembumba yamanyama, intlawulo kamakulingwane kwakunye namandla okuhlawula, ngendlela eqinisekisa ukuba akukho lizwe linesabelo esingalinganiyo kuhlahlo lwabiwo-mali.

3. Imisitho ezayo

3.1. Ngomhla we-19 kuCanzibe wama-2016 uMongameli uJacob Zuma uza kuqhuba uTyelelo lwasebuRhulumenteni eDoha, e-Qatar ukuyokomeleza ubudlelwane bezopolitiko nobezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini.

3.2. Ngomhla we-16 kuCanzibe wama-2016, uSekela Mongameli uCyril Ramaphosa, njengoMthunywa oKhethekileyo kaMongameli uJacob Zuma eSouth Sudan), uza kutyelela e-Juba. Olu suku lubaluleke kakhulu kubemi baseSouth Sudan kuba baza kube bekhumbula uSuku loMkhosi weNkululeko waBantu baseSudan, iSudan Liberation Army Day.

Ngexesha lolu tyelelo uSekela Mongameli uza kuhlola ukufezekiswa kwesivumelwano soxolo. ISouth Sudan yenze impumelelo eyimbali ekupheleni kwekaTshazimpunzi yowama-2016 ngokufungiswa kukarhulumente wethutyana wobumbano wesizwe.

3.3.  UMongameli uJacob Zuma uza kukhokela umbhiyozo wesizwe nowoMbutho woPhuhliso wamaZwe eseMazantsi e-Afrika (i-SADC) wesiKhumbuzo seMinyaka eliKhulu yeDyunivesithi iFort Hare ngomhla wama-20 kuCanzibe wowama-2016. Igalelo lale dyunivesithi lokuvelisa abantu ababefunda kuyo abadumileyo kweli nakuMazantsi e-Afrika yomeleza imibhiyozo yeNyanga ye-Afrika.

3.4. IKhabhinethi ikhuthaza abantu ukuba bathathe inxaxheba kwiinkqubo ezahlukeneyo kwiNyanga ye-Afrika equka izizukulwana neentlobo zoncwadi nobugcisa ezahlukeneyo phantsi komxholo othi: “UKwakha i-Afrika eNgcono neHlabathi eliNgcono”. Yonke le misitho igxininisa ukubaluleka koluntu lwasekuhlaleni kwaye luquka iinkqubo zamacandelo ahlukeneyo kuquka: umculo, imibongo, imidaniso, imiboniso-bhanyabhanya, iindidi zezidlo, ifashoni, imisebenzi yobugcisa nokuyila, iingxoxo-mpikiswano ezilola ingqondo neminye imisebenzi yentsebenziswano evela kumagcisa aseMzantsi Afrika noogxa bawo kwilizwekazi kunye nabantu abaminombo neenkaba zabo zise-Afrika kodwa abasele bezinze kwamanye amazwekwazi ngoku.  

3.5. USuku lweHlabathi lweeNtsapho luza kubhiyozelwa ngomhla we-15 kuCanzibe wowama-2016 phantsi komxholo wehlabathi othi: “IiNtsapho, ubomi obusempilweni neNgomso eliZinzileyo” ohambelana ne-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo (yamkelwa ngowama-2015). USuku lweLwahlabathi lweeNtsapho labhengezwa yiNdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo kwaye lugxile kwiiNtsapho: impilo nobomi babantwana nolutsha; ukunika ingqalelo elinganayo kwimiba yekhaya neyomsebenzi kunye neziphumo zezempilo; nomgangatho wobomi ongcono kubantu abadala.

3.6. Ukususela ngomhla we-16 ukuya kowama-20 kuCanzibe wowama-2016 iSebe lezaManzi noGutyulo liza kukhokela iVeki yoGutyulo noCoceko phantsi komxholo othi: “Akuphelelanga nje ekugungxuleni”. Eli phulo liza kufundisa ngokubaluleka kogutyulo nokukhuthaza indlela ezingcono zokusebenza ngogutyulo.

Eyona nkqubo ingundoqo yiNkqubo yokuPheliswa kwaMabhakethi; inkqubela iquka ukupheliswa ngokupheleleyo kwamabhakethi ematyotyombeni aKwaZulu-Natal, eMntla Ntshona, eMpumalanga naseGauteng. INtshona Koloni sele ifikele kuma-99.8% ukuya ekugqityweni. Inkqubela kwamanye amaphondo iquka ukupheliswa kwamabhakethi ezindlu zangasese ezingama-20 560: eFreyistatha (ibe ngama-4 056), eMpuma Koloni (ibe ngama-2 672) eMntla Koloni (ibe ngama-2 421) ize eMntla Ntshona (ibe ngama-398).   

UMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uNomvula Mokonyane uza kuthatha inxaxheba kwiKomiti yama-84 yeHlabathi engaMadama amaKhulu (i-ICOLD) kwiZiko leNgqungquthela lase-Sandton ukususela ngomhla we-15 ukuya kowama-20 kuCanzibe wowama-2016. Eli qonga liza kwabelana ngolwazi lwezokuyila, ukwakha, ukulungiswa nempembelelo yamadama amakhulu. Iza kuquka nokhenketho lwamadama amakhulu aseMazantsi e-Afrika kwaye iza kwenza igalelo kumalinge okulondolozwa kwamanzi.

3.7.  Njengenxalenye yeSicwangciso-qhinga sokuFunda nokuBhala nokuBala esiDibeneyo seSizwe, iSebe leMfundo esiSiseko lisingathe ukuphiswano lowama-2016 lopelo, i-Spelling Bee ukuphucula umgangatho wabafundi kwiilwimi.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuzo zonke izikolo, ootitshala nabazali ukuba bakhuthaze abafundi bezikolo zamabanga aphantsi kuba bangenele i-Spelling Bee lowama-2016 phambi kokuba kuvalwe ngomhla wama-31 kuCanzibe wowama-2016. Ngolwazi oluthe vetshe yiya kwi-www.education.gov.za.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba esematheni

4.1. IKhabhinethi ibugxeka kakhulu ubuhlanga obubonakaliswe ngabanye abantu kwilizwe lethu, ingakumbi kumakhasi onxibelelwano. Isimo esinjalo sinxamnye nemithetho yethu yentlalo ekuMgaqo-siseko, uxanduva nezithethe ezifakiweyo, kwaye sisingela phantsi amalungelo abantu bakuthi. Oku akunandawo kwilizwe lethu elilawulwa ngentando yesininzi. Ingakumbi iKhabhinethi ikhe yazikhalimela iintetho zobuhlanga ezimayela nelungu eliphezulu lecandelo leeNkundla, iJaji yeNkundla ePhakamileyo uMabel Jansen.

Ezi ntetha ingakumbi zisenziwa lilungu eliphezulu leenkundla azihambelani noko ilizwe lethu likulindele kumalungu eenkundla. Amalungu eeNkundla kulindeleke ukuba ngalo lonke ixesha aziphathe ngokungakhethi cala kwaye ngendlela engathandabuzekiyo.

Ukunyamezelana nentlonipho kwakusoloko kusisiseko somzabalazo wenkululeko kwaye kuyakuhlala kubalulekile kwiseko solawulo lwentando yesininzi yaseMzantsi Afrika. Masiphinde simanyane kwakhona ngokuthi soyise ngokudibeneyo iyantlukwano ehamba nobuhlanga kweli lizwe lwethu.

ISebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liceba ukusebenza ngemiba elolu hlobo ngokuveliswa koMthetho wokusebenza ngobuhlanga ngokukodwa iintetha zentiyo.

IKhabhinethi ibongoza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bahloniphane njengoko kucaciswe kuMqulu wamaLungelo.

4.2. IKhabhinethi iyawaphinda amazwi kaMongameli uJacob Zuma wokugxeka ukutshatyalaliswa kwezikolo ezingama-24 ngabantu abazibonakalisa njengabahlali besithili saseVhembe eLimpopo. Oku kutshatyalaliswa kweziseko ezingundoqo kuthintela abantwana bethu kuze kuphinde kusingele phantsi amalinge eli lizwe okubonelela ngemfundo esemgangathweni.

IKhabhinethi iyakwamkela ukudibana kukaMongameli uJacob Zuma neKumkani yaMaVenda uKumkani Thovhele Toni Mphephu Ramabulana ebicelwe lithole lomthonyama ngokwalo ngomhla we-8 kuCanzibe wowama-2016 ukusombulula iingxaki zaseVuwani.

UMongameli uJacob Zuma umisele iqela elisebenzayo eliza kukhokelwa liSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli ukuba likhokele inkqubo yokuqulunqa iprojekthi yeziseko ezingundoqo zezentlalo zikaMasipala weNgingqi waseMakhado. IKhabhinethi iyalibulela iQela eliSebenzayo labaPhathiswa likhokelwa nguMphathiswa uDesmond van Rooyen ngamanyathelo okungenelela athe enziwa ukusombulula lo mba kwaye siyibulela indima edlalwa yi-Ofisi yeNkulumbuso uStanley Mathabatha, kunye noSodolophu waseVhembe, uTshitereke Matibe; uSodolophu waseThulamela, uGrace Mahosi noSodolophu waseMakhado, uDavid Mutavhatsindi.   

Ngexesha lale ntlanganiso yeQela liSebenzayo, iinkokeli zemveli zizibophelele ukuba ziza kusebenzisana norhulumente ukusombulula lentlekele nokukhalimela ukutshatyalaliswa kwempahla nobundlobongela nokumemela isisombululo esikhawulezileyo sale meko. Kwezi ntlanganiso iinkokeli zemveli neQela eliSebenzayo liphinde laziqinisekisa iziphumo zentlanganiso kuMongameli laze lathatha isigqibo sokufaka ingxelo yenkqubela kuMongameli. Njengokuba sithetha nje iQela eliSebenzayo lithethana nabo bonke abadlali-ndima ebalulekileyo njengelinge eliqhubekayo lukarhulumente lokubuyisela imeko esiqhelweni eVuwani nakwiilali eziyingqongileyo.   

IKhabhinethi iyawabulela amalungu asekuhlaleni neenkokeli zemveli ezithe zangenelela ukukhusela ezo zikolo zisaseleyo zaze zadala imeko yothethathethwano oluqhubekayo.

Akukho sizathu sisemthethweni sinokubangela ukutshatyalaliswa kweziseko ezingundoqo ezibaluleke kakhulu zoluntu ezifana nezikolo. Abo bahlali bathe bafunyaniswa benetyala lokutshisa iziseko zethu zoluntu bayakuhlangana nengalo yomthetho.

IKhabhinethi iyabakhumbuza abemi baseMzantsi Afrika ukuba urhulumente wethu olawulwa ngentando yesininzi unika bonke abemi amaqonga amaninzi okuvakalisa iinkxalabo zabo ngokungena kuthethathethwano olwakhayo lokufumanisa isisombululo esihle. Abahlali besi sithili bayakhuthazwa ukuba bohlule naluphi na uphawu olukhokelayo nolutshabalalisa ikamva labantwana bethu baze bazibike kwabezomthetho.

Kwesinye isehlo esahlukileyo kodwa esifanayo iKhabhinethi ivile futhi yakhathazeka ngobundlobongela obuqhubekayo, ukuphazanyiswa kwezikolo nokutshiswa kweziseko zecandelo lezendlela kummandla waseGrabouw eNtshona Koloni. IKhabhinethi iyawaphinda amazwi athi ingalo yomthetho iza kusebenza ngabo bafumaniseke benetyala kwizenzo zolwaphulo-mthetho.

4.3. IKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu kusapho nezihlobo zabo baphulukene nobomi babo ngenxa yezikhukula kwimimandla yaKwaZulu-Natal. Urhulumente ubonelela ngeenkonzo zokulawula intlekele noncedo kumaxhoba.

4.4. IKhabhinethi ikhumbuza abemi baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke ukusebenzisa amanzi ngobunono ukwenzela kubekho amanzi awoneleyo kwixesha elizayo, njengoko kusekho imimandla esethwaxwa yimbalela kweli lizwe.

Inkxaso karhulumente isaqhuba ukwehlisa impembelelo ebuhlungu yembalela ngesabelo sohlahlo lwabiwo-mali sexesha elifutshane, eliphakathi nesexesha elide ukuxhasa ngezimali iinkqubo eziphakathi kwamaSebe ezihlangabezana neemfuno ezikhethekileyo zemimandla echatshazelwe yimbalela nemfuno yokuhlangabezana nokuphela kwamanzi kuthungelwano lokubonelela ngamanzi olubaluleke kakhulu.

Urhulumente umisele iQela eliSebenzayo labaPhathiswa kuNikezelo lweeNkonzo, apho kumelwe khona amacandelo awohlukahlukeneyo. Njengenxalenye yamanyathelo okuthomalalisa athathelwe ukuphamba impembelelo yembalela, kwamiselwa imimiselo yokulawula ukusebenza kwamadama kumadama angama-35 neenkqubo ezi-4 apho kukho khona izithintelo ezimiselweyo ngokumalunga nemithombo yamanzi (izithintelo ezisisinyanzelo zokusetyenziswa ekhaya nakwezolimo).      

Ukuthomalalisa iziphumo zembalela kubasebenzisi bamanzi, iSebe lezaManzi noGutyulo lichithe imali engaphezulu kwezigidi ezingama-500 zeerandi kumanyathelo okungenelela angxamisekileyo nawexesha elide KwaZulu-Natal, eFreyistatha, eMntla Ntshona, eMpuma Koloni, eMpumalanga, eLimpopo, eNtshona Koloni naseMntla Koloni. Amanyathelo okungenelela exesha eliphakathi ukuya kwixesha elide ajolise ekuqinisekiseni ukuba somelele ngakumbi ekuguquguqukeni kwesimo sezulu, okunciphisa umngcipheko wokuthomalalisa imbalela. 

Indlela esetyenziswa ngurhulumente ekuhlangabezaneni nembalela neengxaki yokuhla kwexabiso lomhlaba, ukuququzelela iimpendulo enamatheleyo nedibeneyo ephakathi koorhulumente, ezizezi, inkqubo yokuKhathalelwa komhlaba, ukuSebenza ngaManzi, ukuSebenza ngoMlilo ngokuSebenza ngeeNdawo ezingamaJojo, oku kwenza igalelo ekudalweni kwemisebenzi, ukubakho kokutya, uphuhliso lwezakhono, ulondolozo, ukuhlaziywa komhlaba ngokuwubuyisela kwakunye nophuhliso lwamaphandle. Ukuqalisa kwale mbalela ikhoyo kwenze ukuba kusetyenziswe ubuchwepheshe obuqinisa ukomelela. Ngokunjalo ngowama-2015 uMzantsi Afrika ukuvumile ukusetyenziswa ukusetyenziswa kombona ophuculwe ngokofuzo ukuba ukwazi ukumelana nembalela kuze liphunyelelwe idabi lokulwa nokunqongophala kokutya. Sikwaphucula ukuyilwa kobuchule obutsha nobuchwepheshe obufunekayo ekubuyiselweni kwemimandla echaphazelekayo ukuthintela ukuhla kwexabiso lomhlaba nokuzinzisa ukuvelisa komhlaba.     

Njengenxalenye yokusebenza edibeneyo uMzantsi Afrika uzibophelele kubudlelwane waza waba ngumxhamli weNgqungquthela yeZizwe eziManyeneyo yokuLwa ingxaki yokuTshintsha koMhlaba ube ziNtlango (UNCCD)) eHlabathini eegxile ekumiseleni inkqubo yenkxaso. Ngala manyathelo okungenelela, sizibandakanya nokufezekiswa kwehlabathi ukumiselwa kwenjongo ephambili yokuzithande yesizwe njengenxalenye yokufezekiswa kweeNjongo zoPhuhliso eziZinzileyo. Umgomo ongundoqo wokuThomalalisa ukweHla kweXabiso loMhlaba ungqina indima yabantu basekuhlaleni kumanyathelo okuyila nawokufezekisa  ukumisa nokubuyisela umva ukwehla kwexabiso lomhlaba. IsiCwangciso-qhinga sokuMelana nokuGuquguquka kweSimo seZulu sisanda kuqukunjelwa kutsha nje sichonge ungenelelo oluphambili saza sangqinelanisa ezingundoqo ezaManzi, ezoLimo, iNzululwazi ngeZilwanyana neZityalo, ezeMpilo, ezokuHlaliswa koLuntu, kunye nezicwangciso zecandelo lokumelana nokuNciphisa uMngcipheko weNtlekele ukuba ube yinxalenye yesiCwangciso sokuMelana seSizwe. Ukususwa koHlobo olungaQhelekanga ngeNkqubo yokuSebenza ngaManzi asuka kwingingqi ekuqokelelwa kuyo amanzi ogcweleyo nezifundo zamanzi ezinegalelo ekuphuculeni umgangatho nomthamo wamanzi.       

4.5. IKhabhinethi ixhalabile ngamanyathelo oqhankqalazo kwiNkonzo yezePosi yaseMzantsi Afrika (i-SAPO), iziphumo zalo zibe nefuthe elingelihle kwindima yayo yokunika uluntu lwaseMzantsi Afrika iinkonzo ezingcono.

Urhulumente ngeSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi usebenzela ukuhlangabezana nemiba kwiNkonzo yezePosi yaseMzantsi Afrika (i-SAPO) ukuzisa uzinzo nokuguqula imeko. KweyeThupha yalo nyaka uphelileyo, eli Sebe limisele ibhodi entsha, iGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) elitsha laza lomeleza ulawulo ukukhokela iinkqubo zokusebenza nokuzisa uzinzo kwi-SAPO. Uzinzo lwezezimali ze-SAPO lusengumba ophambili.

INkonzo yezePosi yaseMzantsi Afrika (i-SAPO) iyakuhlala iliqumrhu lobuchule lokunabisa urhulumente, urhwebo nge-intanethi neenkonzo zezimali kuluntu lwaseMzantsi Afrika ngamasebe ayo amalunga nama-2448. Ukuqaphela ukuba abaphathi neenkokeli zemibutho yabasebenzi bazinikele kuthethathethwano njengendlela yokusombulula iiyantlukwano zabo kuyakhuthaza.

4.6. IKhabhinethi iqhwabela izandla iqela labafundi baseMzantsi Afrika (uLiam Baker, uDylan Nelson, uSang Eun Lee, uRalph McDougall, uTimothy Schlesinger, uHannah Clayton, uRauseenah Upadhey, noMpho Nkwana) ngokuphumelela uKhuphiswano lwe-Olimpiki yeZibalo yama-24 yaMazwe ase-Afrika eSenegal. U-Lee, ominyaka ili-17, ukwanikwe iwonga lokuba yiKumkanikazi yase-Afrika yeZibalo kukhuphiswano lwamantombazana iminyaka emibini ilandelelana.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Tsalela: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore