INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla woku-1 kweyoKwindla yowama-2017

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente

1.1. IKhabhinethi iyasixhasa isibophelelo esenziwe kuHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2017 sokuqhubela phambili inguqu egqibeleleyo yezoqoqosho nokutsalela uninzi lwabemi boMzantsi Afrika kuqoqosho olubhekisele kuhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

Uhlahlo lwabiwo-mali luyavuma ubukhulu becala ukuba uhlumo olungaphandle kwenguqu luyakomeleza kuphela isimo sokungalingani sangaphambili.

Ukuhlengahlengiswa ngokutsha kwenkxaso yezemfundo, iinkonzo zezempilo nemisebenzi kamasipala kwimimandla yasemaphandleni kuhleli kungundoqo oqhuba iinkqubo zenkcitho yethu.

Ukuhlaziywa kwenkqubo yokuthenga nokuthengisa kuyaqhuba ukuphucula ukuqhutywa kakuhle kwenkcitho karhulumente nokuvulela ukuba amashishini amancinci athathe inxaxheba.

Uhlahlo lwabiwo-mali luyaluxhasa uhlumo lwezoqoqosho nophuhliso: ziibhiliyoni ezi-3.9 zeerandi eziya kumashishini amancinci, aphakathi naphuhlayo nookopolotyeni; ziibhiliyoni ezi-4.2 zeerandi zeziseko ezingundoqo zezoshishino kwimimandla yezoqoqosho ekhethekileyo kunye neepaka zezoshishino; si-1.9 seebhiliyoni zeerandi ukwenzela ukufezekiswa  kwenkqubo ye-intanethi ekhawulezayo; si-3.9 seebhiliyoni zeerandi ukwenzela iQumrhu loPhando-nzulu lezobuNzululwazi nelezoShishino (i-CSIR), kwaza kongezwa ama-494 ezigidi zeerandi ukwenzela ukukhuthazwa kokhenketho, nemali eyongezelelweyo engama-226 ezizigidi zeerandi ukuxhasa icandelo lokufama ngendalo yasemanzini kwindawo engenalwandle nokufezekisa iinjongo zoQoqosho lwaseLwandle ze-Operation Phakisa, ize inkcitho yezolimo, uphuhliso lwamaphandle nobuyiselo lomhlaba iphantse ifikelele kuma-30 eebhiliyoni zeerandi ngowama-2019/20. 
Uhlahlo lwabiwo-mali ludlala indima engundoqo kwinguqu ngokukhuthaza ngokwabiwa ngokutsha nokujolisa izakhono ezinqabileyo zibe ngunobangela wehlumelo lobuntu.

1.2. Ngokwamkela kwethu imfuno yokwenza utyalo-mali kwingomso lolutsha, uhlahlo lwabiwo-mali luqinisekisa ukuba abafundi abasweleyo ngokwasezimalini bayakwazi ukufikelela kwimfundo ephakamileyo.

ISkimu seSizwe soNcedo lwezeZimali sabaFundi (i-NSFAS) sibonelele ngenkxaso-mali abafundi abangaphezulu kwama-300 000 abatsha nabo basaqhubekayo ukuba bafunde kwiidyunivesithi neekholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa nobuChule (i-TVET) kweli jikelele ngowama-2017.

Le ngxowa-mali ilandele ukuba yongeze elinye i-100 000 labafundi kulo nyaka. Imali eli-15 leebhiliyoni zeerandi eyabelwe i-NSFAS ngurhulumente iza kunceda ekunciphiseni umthwalo woxanduva lwezezimali ekujongenwe nalo ngabasweleyo ‘nabafundi abalengalengayo’ (missing middle).

1.3. Ngenxa yokumiselwa okuyimpumelelo kwephulo i-Operation Phakisa kumacandelo afana nawoQoqosho lwaseLwandle, elezeMpilo neMfundo esiSiseko, uMongameli uJacob Zuma umisele i-Operation Phakisa yezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso lwaMaphandle ngomhla wama-24 kweyoMdumba yowama-2017.

I-Operation Phakisa isusela kwindlela yokwenza yeziPhumo eziBonakalayo eziKhawulezayo yaseMalaysia nesetyenziswe ngokuyimpumelelo yiMalaysia ukufikelela kwinguqu yezoqoqosho ekhawulezileyo; neseyamkelwa ngokuyimpumelelo kwiimeko zaseMzantsi Afrika, ngoku iyinxalenye yomqulu wokuPhunyezwa kwesiCwangciso sethu esiManqaku aliThoba.   

I-Operation Phakisa yezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso laMaphandle uzama ukufezekisa uhlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke, njengoko luyalelwe kumbono wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) kwaye ujongise ekwenzeni igalelo ekuvuseleleni uhlumo lwezoqoqosho, ukukhuthaza ukudalwa kwemisebenzi, nokwenza inguqu kumaqumrhu asebenzisanayo ezolimo.

Ukwazama ukuqinisekisa ngokufikelela okulinganayo kumhlaba, noba kubhekisele kuphuhliso lwezoqoqosho nasekwenzeni inguqu kwezolimo.

Le nkqubo iza kuhlaziywa ziinkqubo ezikhoyo zenkxaso yabavelisi ize iphuhlise iinkqubo zenkxaso-mali ezigxile ekukhawuleziseni ubuyekezo lomhlaba, phantsi kwemeko engxamisekileyo yokuba urhulumente enze inkqubela yokubakho kokutya.

Ukongeza apho, le nkqubo ijongise ekuhlangabezeni imiqobo ekuqinisekiseni ukufikelela kumhlaba okulinganayo, noba kubhekisele kuphuhliso lwezoqoqosho nasekwenzeni inguqu kwezolimo.  Oku kuquka ukuhlengahlengiswa komhlaba, uphuhliso lwamaphandle, ezabasebenzi, iinkonzo, imfuyo, ukulima nenkxaso yabavelisi.

1.4. Ngowama-2016, uMzantsi Afrika utyelelwe ngabakhenkethi abangaphezu kwezigidi ezili-10, inani elinyuke ngo-3% ukususela ngowama-2015.

Ushishino lwethu lokhenketho oluphumeleleyo lububungqina bentsebenziswano phakathi kukarhulumente, imibutho yabasebenzi nabezoshishino ekhokelwa liSebe lezoKhenketho kwakunye noKhenketho lwaseMzantsi Afrika ukuvulela ukuxhamla kwezoqoqosho okupheleleyo kwimithombo yethu yezokhenketho.

Sibongoza onke amahlakani olushishino ukuba aqhubeke ekuphuhliseni nasekukhuliseni ukhenketho ukuze lube nokuxhamlisa uluntu lwalapha ekhaya ngemisebenzi nophuhliso lweziseko ezingundoqo.  

1.5. Njengenxalenye kaRhulumente yokugxila ekuvuleni amandla ee-SMME namashishini amancinci asezilokishini, uMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqungquthela yamaShishini amaNcinci yeHlabathi (i-GEC) phakathi komhla we-13 nowe-16 kweyoKwindla yowama-2017 eRhawutini.

Le ngqungquthela yindibano edibanisa iintshatsheli zamashishini aqalayo namashishini ashishina ngeemveliso ezahlukeneyo atsale abathunywa abangama-4 000 avela kumazwe angaphezulu kwe-150.

Kuza kube kukho abaniki-gunya, oosomashishini abancinci, abatyali-mali, abaphandi-nzulu nabaqulunqi bemigaqo-nkqubo abathe baba yinxalenye yalo mbutho wehlabathi uqhubela phambili amashishini amancinci njengendlela yokwakha uqoqosho nokuphucula intlalo-ntle yoluntu.

Oku kokokuqala ukuba le ngqungquthela isingathwe e-Afrika kwaye kunika uMzantsi Afrika kunye nelizwekazi lonke ukuba livuselele umoya walo wamashishini amancinci.

1.6. UMzantsi Afrika ubhiyozele ukuqala kweNyanga yamaLungelo oLuntu ngomhla woku-1 kweyoKwindla yowama-2017 phantsi komxholo othi: “Unyaka ka-OR Tambo: UManyano oluSebenzayo ukuQhubela Phambili amaLungelo oLuntu” ukufundisa nokukhuthaza ukuhlonitshwa kwamalungelo oluntu asisiseko.

INyanga yamaLungelo oLuntu iza kubhiyozelwa elizweni jikelele ukukhokelela kwimibhiyozo yesizwe ngoSuku lwamaLungelo oLuntu ngomhla wama-21 kweyoKwindla yowama-2017 e-Ginsberg, eQonce eMpuma Koloni.

Ngolu suku, uMongameli uJacob Zuma uza kuba enikezela ngokusesikweni isiza sengcwaba elisisikhumbuzo likaSteve Bantu Biko kusapho lakwaBiko. Le yinxalenye yokubhiyozela nokukhuthaza umanyano ngokuhambelana nombono ka-OR Tambo.

1.7. IKhabhinethi ikwaqaphele isiphumo sophando lweKhomishini yoKhuphiswano xa ibiphanda isityholo seyelenqe kurhwebo namazwe angaphandle kwaye ilindele ukuqukunjelwa kweenkqubo zeNkundla yamaTyala oKhuphiswano, kuquka neziphumo zayo nesigqibo ngesohlwayo esifanelekileyo. 

1.8. Njengokuba sibhiyozela iNyanga yaManzi yeSizwe kwinyanga yoKwindla yowama-2017 phantsi komxholo othi: “AmaLungelo oLuntu waManzi noGutyulo”, bonke abantu baseMzantsi Afrika bayakhunjuzwa ukuba bonge amanzi ukuqinisekisa ngozinzo kubonelelo lwamanzi lexesha elizayo.

IKhabhinethi yazisiwe ngesindululo soMbutho weZizwe eziManyeneyo weMfundo ngezeNzululwazi neNkcubeko (i-UNESCO) sokusingatha umsitho woSuku laManzi lweHlabathi eMzantsi Afrika ngomhla wama-22 kweyoKwindla yowama-2017 phantsi komxholo othi: “Amanzi aMdaka ngumthombo ongachukunyiswanga”.

UMongameli uJacob Zuma nolilungu leGqiza eliPhezulu leZizwe eziManyeneyo kwisiCwangciso sokuSebenza saManzi uza kuba evula lo msitho, ngokumisela iNgxelo yoPhuhliso yaManzi yeHlabathi yowama-2017 ngamanzi amdaka nemisebenzi enxulumeneyo.

1.9. IKhabhinethi iyayamkela inkqubela eyenziweyo ekuboneleleni nasekuhanjisweni kokutya kwemfuyo ukuxhasa amafama akwimimandla echatshazelwe yimbalela kweli lizwe.

Eli phulo liyinxalenye yenkxaso eyimali engama-212 zezigidi zeerandi, ebekelwe bucala ngurhulumente kunyaka-mali wama-2016/17 ukunceda amafama achaphazelekayo kweli lizwe jikelele.

Amaphondo nawo abekele bucala imali eli-198 zezigidi zeerandi ngenkxaso-mali yokulinganiswa kwezabelo, kunye nenkxaso-mali evela kwinkqubo yokuThintela nokuThomolalisa iNtlekele yoMngcipheko esetyenziselwe ukugrumba imingxuma yezitsala-manzi nokwakha izinqandi-mlilo.

1.10. Khona ukuze kuncedwe ngeenzima ezimalunga nokunqongophala kwamanzi eNtshona Koloni, kudingeka ukuba kuziwe namacebo okulalelisela ngokuba kukhangelwe eminye imithombo yamanzi ekunokuyiwa kuyo xa inokuthi imvula ingani ngokwaneleyo kulo nyaka.

Ukongeza kuthintelo lokusetyenziswa kwamanzi okugqithisileyo, iSebe lezaManzi noGutyulo lazise amacandelo ezolimo ngothintelo olongeziweyo lokusetyenziswa kwamanzi oluyi-10%. Le miqathango yothintelo lokusetyenziswa kwamanzi iza kuqhuba kude ukugcwala kwamadama kufikelele kumthamo ongama-85%.

1.11. Njengokuba ilizwe lethu likwamkela ukuna okudingeka kakhulu kwemvula neziza kunceda kakhulu ukuphungula ulwamvila lwembalela kweli lizwe, amadama nemilambo abonisa iimpawu zokwanda kwemithamo yazo.

Kuhleli kuphezulu ukulindeleka kweempuphuma zephanyazo. Sibongoza uluntu ukuba luhlale luqaphele iimpuphuma zephanyazo nezinokukhokelela ekuswelekeni kwabantu, ukutshatyalaliswa kwempahla nezakhiwo kunye neziseko ezingundoqo. Urhulumente nee-arhente zakhe bayibeke esweni iimeko kwaye bakulungele ukuthatha amanyathelo apho kukho khona imfuneko. 

1.12. UMongameli uJacob Zuma uza kuba esenza intetho yakhe yonyaka kwiNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli ngomhla we-3 kweyoKwindla yowama-2017.

Ngokuvela kule Ntetho kuza kuqulunqwa iNkqubo yeMisebenzi ize ifezekiswe yiNdlu kunye neSebe leMicimbi yezeMveli. Ukuvulwa kwale ndlu ngokusesikweni kuza kubhiyozela neminyaka engama-20 yasekwayo.

1.13. UMongameli uJacob Zuma uza kukhokela igqiza likarhulumente waseMzantsi Afrika kwiNgqungquthela ePhezulu yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC) ngomhla we-18 kweyoKwindla yowama-2017, eza kubanjelwa eSwazilan.

I-SADC isaqhuba ukusebenza njengeyona ndlela yomgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika wamazwe angaphandle ukufezekisa uphuhliso lommandla nendibaniselwano ngaphakathi kulo mmandla wethu. 

Kulindeleke ukuba le Ngqungquthela iza kuxoxa phakathi kwezinye izinto, imeko yoxolo nokhuseleko kulo mmandla, ngokugxile ngokukodwa kwizinto ezenzekayo eLesotho naseDemocratic Republic of  (e-DRC) nokufezekiswa kwesiCwangciso sobuChule sokuBonakalisa soMmandla esiHlaziyiweyo. 

UMzantsi Afrika njengoSihlalo we-SADC ongenayo kulindeleke ukuba usingathe iNgqungquthela eNkulu ye-SADC elandelayo kweyeThupha yowama-2017.

1.14. Ngomhla we-8 kweyoKwindla yowama-2017 uMongameli uJacob Zuma uza kuba ethatha uhambo loTyelelo lwasebuRhulumenteni lwase-Indonesia. Omabini la mazwe uMzantsi Afrika ne-Indonesia ngamanye wamazwe anoqoqosho olukhulu kwimimandla yawo, kwaye omabini angamazwe anobutyebi bendalo kunye neelwandle ezinokutya.

1.15. Oku kuza kukhokelwa yiNgqungquthela yeeNkokheli zoMbutho we-RIM ye-Indian Ocean (i-IORA) ukususela ngomhla we-6 ukuya kowe-7 kweyoKwindla yowama-2017, nezakuba ikwabhiyozela iminyaka engama-20 ye-IORA. Kule Ngqungquthela, uMongameli uJoko Widodo uza kuba enikezela ngesikhundla sokuba ngusihlalo we-IORA kuMzantsi Afrika.

Omabini la mazwe, uMzantsi Afrika ne-Indonesia ngamalungu angabaseki be-IORA, nequlethe amazwe akunxweme lwe-Indian Ocean angama-21.

UMzantsi Afrika usebenze njengoSekela-Sihlalo ukususela kowama-2015 ukuya ekuqaleni kowama-2017 kwaye uza kusebenza njengoSihlalo ukususela kowama-2017 ukuya kowama-2019.

2. Izigqibo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukushicilelwa koyilo loMgaqo-nkqubo woLawulo lwaManzi oMgodi kwiphephandaba lombuso ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. ULawulo lwaManzi oMgodi, kuquka ukuTsalwa kwaManzi oMgodi anesi-Asidi, kuhlala kungumngeni wezokusingqongileyo.

Lo Mgaqo-nkqubo ubonelela ngesiseko sokuba amaqela achaphazelekayo kwimpembelelo embi nomonakalo owenziwa kukuTsalwa kwaManzi oMgodi anesi-Asidi nongcoliseko oluchaphazelekayo ibe luxanduva lawo kunye nayo nayiphi na impembelelo enxulumeneyo nako okanye nayo nayiphi na impembelelo enxulumene nako.

Lo mgaqo-nkqubo ukwazama ukucebisa ngeendlela ekufanele amaziko emigodi azihlole ukulawula ngcono amanzi wawo.  

2.2. IKhabhinethi yazisiwe ngokuphunyezwa kweziphumo ezichaphazelekayo zengxelo yenkqubela phambili yeKomiti yabaPhathiswa yokuVuselelwa kweMimandla Emelene nemiGodi Evaliweyo ezivela kukhenketho loPhononongo loHlolo lokuThelekisa iMigangatho lwase-Australia lomhla wama-24 ukuya kowama-28 kweyeThupha yowama-2015.  

Olu khenketho lophononongo belusekwe kuHlolo oluKhawulezileyo loMgaqo-nkqubo neeNkqubo zoLawulo eziLawula iCandelo lezemiGodi nezithelekise umgaqo-nkqubo neenkqubo-sikhokelo zezomthetho ezilawula icandelo lezemigodi kwakunye neendlela ezisebenza ngayo iinkampani zemigodi zase-Australia, e-Chile, eMzantsi Afrika naseZambia.

Amagqabantshintshi enkqubela phambili aquka ubudlelwane bentsebenziswano phakathi kukarhulumente neenkampani zemigodi ekunikezeleni ngezindlu ezindilisekileyo neemeko abaphila phantsi kwazo abasebenzi mgodini noluntu; Kwenziwa uhlolo lwezikhululo zokucoca amanzi weenkampani zemigodi ukuze kukhangelwe ukuba bungenzeka na ubudlelwane bentsebenziswano kwiziseko ezingundoqo na.

Ukuphuhliswa kwezicwangciso zokuguqula izithuba koomasipala abahlanu kwidolophu zasemigodini sekugqityiwe.

Seziphunyezwa iiprojekthi zophuhliso ezingunobangela woqoqosho kwimimandla ethumela abasebenzi, nokugxininisa ukuqhubela phambili icandelo lezolimo kubantu abahlala kwimimandla yemigodi; nokukhawulezisa ufikelelo kuhlolo lwezonyango kwabo babengabasebenzi-mgodini, amalungu oluntu nabasebenzi-mgodini bangoku.  

IKhabhinethi ikwamkele ukuba iSebe lezabaSebenzi neleMithombo yeziMbiwa liphonononge iindlela ezahlukeneyo zokuhambisa ngezinto zokukhwela abasebenzi-mgodini zase-Australia ukunceda abasebenzi-mgodini baseMzantsi Afrika abasebenza kude namakhaya wabo ukuba bakwazi ukukhwela bagoduke rhoqo.

IKhabhinethi ikwamkele nokuba iSebe lezeMpilo lisebenzisane neSebe leMithombo yeziMbiwa namanye amahlakani ngokubonelela ngeenkonzo zenkxaso kwabo babengabasebenzi-mgodini ukusebenza ngezigulo ezinxulumene nomsebenzi, ngenjongo yokunciphisa nokuthintela imingeni yezempilo enxulumene nomsebenzi emigodini.

ISebe lezokuHlaliswa koLuntu liceliwe ukuba likhawulezise ukuphumeza iiprojekthi zokuhlaliswa koluntu ezidibeneyo ngokusebenzisana neenkampani zemigodi.

2.3. IKhabhinethi isamkele isicwangciso sokuphuculwa esisekelezwe kwiziphumo nezindululo zohlolo lodibaniso lokuba ingaba ubonelelo lwezindlu zenkxaso karhulumente ziyifezile intlupheko yezindlu kumakhaya noomasipala basekuhlaleni.

Zizindlu ezingaphezulu kwezigidi ezithathu esekubonelelwe ngazo ngale nkqubo yezezindlu. Izindlu ezizigidi ezi-2.8 zinikezelwe ngenkxaso yemali equka zonke iindleko zokwakha ethi inike umntu ilungelo lobunikazi bendlu ezimeleyo kumakhaya amkela ngaphantsi kwama-R3 500 ngenyanga.

Ubungqina budiza ukuba izindlu ziyinxalenye ebalulekileyo yezibonelelo-mali zikarhulumente kunye nesibonelelo-mali samakhaya esivela kurhulumente.

2.4. IKhabhinethi iyamkele ingxelo engokuVavanywa kokuPhunyezwa kweNkqubo yeNkxaso-mali yokuFunda yeFunza Lushsaka kwakunye neMpendulo nokuPhuculwa koLawulo evela kwiSebe leMfundo esiSiseko. Le ibiyinxalenye yesiCwangciso soVavanyo seSizwe sowama-2014/15.  

IKhabhinethi iyamkele into yokuba iSebe lezeMfundo esiSiseko liyigcine le Nkqubo neyasekwa ngowama-2007 ukwandisa ubonelelo lootitshala abasemgangathweni abazingcaphephe kwizifundo eziphambili. ISebe lizakuqwalasela nento yokunatyiswa kuze kufakelelwe kule Nkqubo. 

Ubungqina bophando bubonakalisa ukuba ukuyilwa kwale Nkqubo kufanelekile ngokomxholo wezopolitiko, ezoqoqosho nowezentlalo. Ikwafaneleke kakhulu ngokobunzima bemeko ephunyezwa phantsi kwayo.

Le Nkqubo iphumeze ukuphucuka okuqhubekekayo kwisicwangciso-qhinga yayo, kuquka ukuveliswa kwenkqubo yokugaywa esekwe kwisithili ngowama-2012.
Yenze igalelo elibalulekileyo ekwandeni okubonakalayo kubhaliso lokuqala lwemfundo yootitshala.

2.5. IKhabhinethi yazisiwe ngeNkqubo-sikhokelo yokwaLathisa ukuKhubazeka yaza yamkela ukulingwa isaLathiso sokuNgaLingani kuKhubazeko. IKhabhinethi iyakuxhasa nokwahlula-hlulwa kweenkcukacha ngokwesini, ukukhubazeka nangokweminyaka kurhulumente ngokubanzi. 

IsaLathiso sokuNgaLingani kuKhubazeko sisixhobo esingundoqo sokufumanisa ukungalingani phakathi kwabantu abakhubazekileyo kunye nabantu abangakhubazekanga, sikwabonelela ngovavanyo olukhawulezayo lobuchule obukwinqanaba eliphezulu ekulinganiseni umsantsa wokungalingani. Oku kunceda ekukhombiseni ungenelelo lukarhulumente ngokudibeneyo ngakumbi.

Inkqubo yokwahlula iinkcukacha iza kwenza kube lula ukuphendula kukarhulumente kwangethuba kwiingxaki zabantu abakhubazeke ngeendlela ezahlukeneyo. Ulungelelaniso loMgaqo-nkqubo nokuphuculwa ngokwako, akukwazi kukunciphisa oku kungalingani, ngaphandle komlinganiselo womsantsa wokungalingani ohamba ngokwenkqubo ethile nongaguqukiyo.

2.6. IKhabhinethi iyawamkela uMgaqo-nkqubo ongamaGcisa eeNkonzo zezeNtlalo, wowama-2016. Iziphumo eziphambili kukunikezela inkonzo yezentlalo ephendulayo nenophuhliso olusemgangathweni, ngemimiselo yamagcisa enkonzo yezentlalo.

Oku kudala inkqubo-sikhokelo encedisayo eza kwenza banzi inkangeleko yecandelo loPhuhliso lwezentlalo, khona ukuze kuphucuke iinkonzo zenkathalelo nezokhuseleko kumaqela onzakeleyo. 

Kukho imfuneko yabasebenzi beenkonzo zezentlalo abaphuma kwiindawo ezahlukeneyo kuquka amagcisa ophuhliso loluntu, abagadi-bantwana, ootitshala boPhuhliso lwaBantwana abaziNtsana; ukuhlangabezana nohlaziyo lwezomthetho, iimfuno eziguqukayo zoluntu, neemeko zezentlalo noqoqosho kwicandelo leenkonzo zentlalo-ntle kwezentlalo. 

2.7. IKhabhinethi iyawamkela uMgaqo ongokuMiselwa koDidi labaSebenzi abaKhethiweyo ekuLindeleke ukuba baDize imiba yabo yezeZimali iPhelele, nezakuphunyezwa ukususela ngomhla wo-1 kuTshazimpuzi wowama-2017.

Iingxaki zokuba ulawulo olungcono lube semngciphekweni ngenxayeemeko apho ubani anokuthi enzelwe idolo kuba esesikhundleni esithile azichaphazeli abasebenzi abakwizikhundla eziphezulu kuphela. Inkqubo yokudiza ngobuchwepheshe bekhompyutha isaqulunqwa ukwenzela ukuba abasebenzi bamanye amacandelo bakwazi ukudiza ezezimali zabo ziphelele besebenzisa i-intanethi ukuze inkqubo yokuqinisekisa yenziwe liSebe.

2.8. IKhabhinethi iyayamkela iNgxelo yesiGaba se-3 eBhaliweyo yokuLandelela yeLizwe yaseMzantsi Afrika emalunga nokuphunyezwa kwesiVumelwano se-OECD ngokumalunga nokuThintela ukuNyoba kunye namaGosa kaRhulumente wamazwe angaPhandle kwiNtengiselwano yezoShishino yeHlabathi (isiVumelwano esiChasene nokuNyoba)

Le ngxelo icacise amalinge adibeneyo karhulumente okubona, okuphanda nawokutshutshisa amatyala okunyoba wamazwe angaphandle.

Esi siVumelwano sigxile ekusetyenzisweni komthetho walapha ekhaya ukwenza ukuba ukunyoba kube lulwaphulo-mthetho kumagosa wamazwe angaphandle.

Oku kubhekisele kunyobo olwenzeka phandle nolo lwenziwe ngeendlela ezisekhusini, kodwa kungaquki ukunyoba okwenzeke apha ekhaya kuphela nokunyoba apho umamkeli woko kuxhanyulwayo ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga engelilo igosa lukarhulumente.    

IsiGaba 1 sigxile ekuchongweni kwemithetho nenkqubo amazwe athe ayamkela ukuthintela ukunyoba kwamazwe angaphandle. IsiGaba 2 sigxile ekusetyenzisweni nokusebenza kwezi nkqubo nale mithetho. IsiGaba 3 silindeleke ukuba sijonge iziphumo zokwamkela kwesi siVumelwano kweli lizwe. IsiGaba 4, nesiqale ngowama-2016, sigxile kwimiba engundoqo eliqela nebanzi exananazileyo ukuya kutsho kumalinge okufezekisa neenguqu kwimithetho yalapha ekhaya okanye inkqubo-sikhokelo yamaziko yamazwe atyikitye esi siVumelwano.  

2.9. IKhabhinethi iyawamkela amanyathelo acetywayo acwangciswe kwiNgxelo yeZizathu zokutshintsha icandelo elibekwa phantsi kwalo iSebe leMicimbi yezeKhaya. Eli sebe kufuneka libekwe kwicandelo lezokhuselo karhulumente ukuze libe negalelo kukhuseleko lwesizwe ukuze likwazi ukukhusela abantu balo, iinkqubo neenkcukacha.   
  
Oku kuyakwenza ukuba eli sebe likwazi ngcono ukusebenzisa isigunyaziso salo esipheleleyo sokudlala indima ebaluleke kakhulu kuphuhliso loqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke, ukhuseleko lwesizwe, unikezelo-nkonzo olubonakalayo nolawulo olusebenza kakuhle.

2.10. IKhabhinethi ikwamkele ukuba iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) ikhuphe ingxelo yeenkcukacha-manani zolwaphula-mthetho yesizwe yeekota ezintathu zowama-2016/17.

Njengokuba kusiba njalo kwingxelo yonyaka yolwaphula-mthetho, le ngxelo iza kuquka izehlo zolwaphulo-mthetho zamaphondo nezesizwe. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho ziqokelelwa kuvimba weenkcukacha zolwaphulo-mthetho ezibhaliswe kwizikhululo zamapolisa.

Ukukhutshwa kweengxelo ngekota kuza kwenza ukuba urhulumente akwazi ukubeka esweni iinjongo eziphambili ezingundoqo, ingakumbi ukuncitshiswa kolwaphulo-mthetho oluxeliweyo oluxhalabisayo, njengoko kuxeliwe kwiNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi kwaye isenokusetyenziswa njengezilumkiso kwangexesha ukomeleza iinkqubo zokuthintela ulwaphulo-mthetho nezicwangciso-qhinga zikaRhulumente.

2.11. IKhabinethi yazisiwe ngeenjongo zoMphathiswa weamaPolisa zokuvakalisa uxolelo ngokwemimiselo yomThetho woLawulo lweMipu, wama-2000 (umThetho onguNombolo 60 wama-2000), lwexesha leenyanga ezintandathu ukukhulisa ukuthathwa kwenxaxheba luluntu, kwaye luza kuqala ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi yowama-2017 luze luphela ngomhla wama-30 kweyoMsintsi yowama-2017.

Olu xolelo luza kunciphisa ukujikeleziswa kwemipu engekho mthethweni noluza kuthi lunciphise ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela kwelinye icala.

Olu xolelo luza kugxila kwaba bantu balandelayo banemipu okanye neembumbulu eMzantsi Afrika:
a) Abantu abanemipu engekho mthethweni okanye neembumbulu ezisekujikelezeni, kuquka naleyo ibandakanyeka kwisenzo solwaphulo-mthetho esinye okanye ezininzi; kunye
b) Nabantu abafumene imipu okanye neembumbulu njengelifa baze basilela ukuthobela imimiselo yomThetho woLawulo lweMipu. 

2.12. IKhabhinethi iyasamkela isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa ubuGulukudu ngokuhlangabezana nobugulukudu ngazo zonke iindlela obuzibonakalisa ngazo ngendlela yokubuhlasela ngawo onke amazinga karhulumente. Oku kuhambelana nesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) ukuqinisekisa ukuba abantu abahlala eMzantsi Afrika baziva bekhuselekile emakhayeni wabo, ezikolweni nasemisebenzini, kwaye bonwabela ubomi basekuhlaleni ngaphandle koloyiko.

Oku kukwabonakalisa elubala ukuba ulwaphulo-mthetho nobundlobongela asingomba nje wokhuseleko, kodwa buneengcambu zezentlalo nezoqoqosho ezinzulu nemiphumela.  

2.13. IKhabhinethi iyayamkela ingxelo yelizwe yoHlolo Jikelele lwamaXesha ngamaXesha yomjikelo wesi-3 yoMzantsi Afrika, ukuba mayinikezelwe iyokuhlolwa liQela eliSebenzayo loHlolo Jikelele lwamaXesha ngamaXesha, kwiBhunga lamaLungelo oLuntu leZizwe eziManyeneyo (i-UN) kekaCanzibe yowama-2017.

Le ngxelo ibonakalisa inkqubela phambili eyenziwe nguMzantsi Afrika ekufezekiseni amalungelo oluntu neenkululeko ezibaluleke kakhulu eziqulathwe nguMgaqo-siseko.

UHlolo Jikelele lwamaXesha ngamaXesha yinkqubo engaqhelekanga eyodwa equka ukuhlolwa kwenkcukacha zamalungelo oluntu kuwo onke amaZwe angamaLungu e-UN ali-193 kanye kwiminyaka emine. Lunika onke amaZwe ithuba lokuba avakalise ukuba ngawaphi amanyathelo awawathathileyo ukuphucula iimeko zamalungelo oluntu kumazwe wawo nokoyisa imingeni ukuze konwatyelwe amalungelo oluntu. Lukwaquka nokwabelana ngendlela ezingcono zokuxhamla amalungelo oluntu ehlabathini jikelele. 

2.14. IKhabhinethi iyakwamkela ukufakwa kweNgxelo yeLizwe yo-1 yemiNyaka emiNe engesiVumelwano sowama-2005 sokuKhuselwa nokuKhuthazwa kweeNtetho ezaHlukileyo zeNkcubeko, kwi-UNESCO. 
Esi siVumelwano siyakwamkela ukuba iimpahla neenkonzo zenkcubeko zibonakalisa ukuba ungubani okanye uyintoni, iinqobo ezisemgangathweni nentsingiselo. Inkcubeko inamandla okuba yenye yezinto ezidlala indima enkulu ekwenzeni igalelo kuqoqosho, kwintlalo-ntle nasekulweni indlala.

Iimpawu zempumelelo kukwamkelwa kwezicwangciso-qhinga ezine zokufezekisa: IsiCwangciso-qhinga sezoQoqosho iMzantsi Golden; isiCwangciso-qhinga seNtsebenziswano yoLuntu; isiCwangciso seSizwe soPhuhliso nesiCwangciso-qhinga seNdlela eNtsha yoHlumo lwezoQoqosho; kunye nee-arhente nezisekwe ngokupheleleyo zeSebe lezobuGcisa neNkcubeko ezineBhodi zoLawulo.

UMzantsi Afrika ukwayenze inkqubela enkulu ekwamkeleni ukubaluleka kweelimi zemveli kwimigaqo-nkqubo nakwimithetho.

3. ImiThetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente komThetho osaYilwayo waMaziko ezeMpilo kaRhulumente weSizwe waseMzantsi Afrika. Ubonelela ngokusekwa kwaMaziko ezeMpilo kaRhulumente weSizwe waseMzantsi Afrika (i-NAPHISA), imisebenzi, amagunya noxanduva lawo.

I-NAPHISA ijongise ekuboneleleni ngokukhangela izifo nomonzakalo ngendlela edibeneyo nehleliweyo, uphando-nzulu, uhlolo novavanyo lweenkonzo nongenelelo olujongiswe kwezona ngxaki zinkulu zezempilo zikarhulumente zichaphazela abantu eMzantsi Afrika.

Oku kuza kwandisa amandla okuhlola izifo nomonzakalo ezosulelayo nezingosulelieyo, neza kunceda ekubhaqweni, ekuthintelweni, nokuhlangatyezwa kwezi meko kwangethuba. Oku ekugqibeleni kuza kwenza igalelo ekulawulweni kwezifo nokuncitshiswa kwezifo okanye ukwenzakala nokusweleka. 
 
I-NAPHISA iza kuba ngumthombo wesizwe osebenza ngeemfuno zezempilo yoluntu kwaye izimisele ukubonelela ngenkqubo yokhuseleko lwezempilo olugxile kufikelelo, ulingano, usebenza kakuhle nomgangatho.

3.2. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente komThetho-siHlomelo weNkonzo yeLabhoretri yezeMpilo yeSizwe. Oku kuhlomela umThetho weeNkonzo yeLabhoretri yezeMpilo yeSizwe, wama-2000 (umThetho onguNombolo 37 wama-2000).

Esi sihlomelo sicetyiwayo sijonge ukuphucula ulawulo, ukukwazi ukuphendula, nozinzo lwezezimali kwiNkonzo yeLabhoretri yezeMpilo yeSizwe. Oku kuza kwenza ukuba inkonzo yesizwe ibonelele ngeenkonzo zaselabhoretri yezempilo ezisombulula iingxaki ngendlela eyonga ngokuthe chatha nangobuchule obukhulu, khona ukuze kwande umgangatho weezempilo enikwa izigulana ngolawulo lwezonyango lwangexesha nolunobulungisa.

3.3. IKhabhinethi ikwamkele ukuba umThetho-siHlomelo waBantu abaDala, wama-2016 mawupapashwewe ukuze uluntu luhlomle. Lo mThetho usaYilwayo uhlomela umThetho waBantu abaDala we-13 wowama-2006. Ezi zihlomelo zibhekisele ngokukodwa kukhuseleko namanyathelo okuthotyelwa nezakuba negalelo ekuboneleleni abantu abadala ngendawo ekhuselekileyo nenokhuseleko.
 
Lo mthetho usaYilwayo ugxile ekomelezeni amanyathelo ohlolo nawovavanyo lweenkonzo ezinikwa abantu abadala ngokumiselwa amanyathelo onyanzeliso xa kukho ukungathotyelwa naquka ukumiselwa kwezohlwayo. Oku kuza kuqinisekisa ukuba abantu abadala bayafikelela kwiinkonzo ezisemgangathweni ezifana nezentlalo, ezempilo, ezigxile kwezoluntu, nenkathalelo yendawo zokuhlala.

3.4. IKhabhinethi ikwamkele ukushicilelwa komThetho-siHlomelo wokuNyusa iNgxowa-mali, wama-2016 ukuze uluntu luhlomle.

Ukongeza apho, iKhabhinethi ikwamkele ukuguzulwa kweengxowa-mali ezikhoyo nokudityaniswa kweempahla zazo namaxanduva abe phantsi kweNgxowa-mali enye. Lo mThetho usayilwayo uhlomela umThetho wokuNyusa iNgxowa-mali, we-1978 nosowuphelelwe lixesha.   

Lo mThetho usaYilwayo ucuthela iimpendulo kwiintlekele uze uvumele ukuba kusetyenziswe izicwangciso-qhinga zokuthibaza imingcipheko nezophuhliso ngokudityaniswa kweengxowa-mali ezikhoyo kuquka neempahla zazo namaxanduva ohlukahlukeneyo zibe yiNgxowa-mali yoPhuhliso noNcedo yeSizwe enye.

Izakhono zokunyusa ingxowa-mali zomThetho ziza kubuyiselwa kwaye le ngxowa-mali ayizokwanela nje kukunceda xa kudingeka uncedo lwezentlalo, koko iza kusebenza ukuthomalalisa imingcipheko nokuphuhlisa uluntu.

3.5. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa komThetho-siHlomelo weSizwe wemiThetho yoLawulo lokusiNgqongileyo, wama-2016 ePalamente. Oku kuhlomela umThetho wezokusiNgqongileyo weSizwe, we-1998 (umThetho onguNombolo 107 we-1998) kwakunye neqela lemiThetho eGqalileyo yezokusiNgqongileyo.  

Oku kuza komeleza: ulawulo lwezokusingqongileyo oludibeneyo; inkqubo enye yolawulo lwezokusingqongileyo; amanyathelo okuthotyelwa nawonyanzeliso; iintlobo ngeentlobo zezilwanyana nezityalo nolondolozo; ulawulo lomgangatho womoya; ulawulo lwenkunkuma; kwakunye nolawulo lwamanxweme oludibeneyo.

3.6. IKhabhinethi ikwamkele ukuba uYilo lweMimiselo yomThetho osaYilwayo ongobuNini-mhlaba wezoLimo, wama-2017 mawupapashwe ukuze uluntu luhlomle. Ubuyekezo lwemiHlaba luyafuneka ukuvulela amandla ecandelo lezolimo elinamandla, elikhulayo nelidala imisebenzi. 

Phakathi kokunye, lo mThetho usaYilwayo wenza ukuba kusekwe iKhomishini yeMihlaba neza kuqinisekisa ngemeko eselubala nolawulo oluluncedo oluthe chatha kwisizukulwana nokusetyenziswa kolwazi lobunikazi oluphathelene nomgaqo-nkqubo nokusetyenziswa komhlaba wezolimo. 
                         
Oku kuza kuphucula amandla karhulumente okuhlola nokuvavanya ukuyithobela kwakhe imimiselo yomgaqo-siseko ukuqinisekisa ngexesha lokuhlala emhlabeni nohlengahlengiso olunxulumene nako, ngenjongo yokuthatha amanyathelo okulungisa iziphumo zocalucalulo olunobuhlanga lwangaphambili.

Oku kwenza igalelo kumbono we-NDP wokuvuselelwa kwamaphandle, uhlumo loqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke nokunciphisa indlala nokukwaxhomekeke ekudalweni okuthe chatha kofikelelo olulinganayo kumhlaba nokhuseleko lwexesha lokuhlala kuwo kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika.

3.7. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa komThetho osaYilwayo wamaGcisa ePropati, wama-2016 kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu uhlomle. Lo mThetho usaYilwayo uguzula umThetho wemiCimbi ye-Arhente zemiHlaba, we-1976 (umThetho onguNombolo 112 we-1976).

Lo mThetho usaYilwayo uhlangabezana neemeko zorhwebo eziguquguqukayo nokuhambelana nazo, nokuzama ukudala iimeko eyenza kwenzeke ukuxhobisa imisebenzi yezoqoqosho ngaphakathi kurhwebo lezokuthengiswa komhlaba nezakhiwo.

Ukwahlangabezna nemfuno yokomeleza ukuthotyelwa nonyanzeliso, kwakunye nokuqinisekisa inguqu kweli candelo nokulawula ukuziphatha nezimilo zamagcisa epropati.

Oku kuhambelana ne-NDP esiyalela inguqu yeendawo zokuhlaliswa koluntu noqoqosho lwesithuba sesizwe ngokuhlaziya imigaqo-nkqubo yezezindlu nenkqubo-sikhokelo yezomthetho yokufezekisa ngcono amalungelo akumgaqo-siseko.

Oku kuza kuqinisekisa ukuba unikezela lwezindlu luyasetyenziswa ekusekweni ngokutsha iidolophu nezixesko nokomeleza iminqweno yokuhlala yamakhaya.
3.8. IKhabhinethi iyakwamkela ukuba umThetho siHlomelo ongokuDiza iMali-mboleko yokuThenga iNdlu neyokuBambisa, wama-2016 ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle.

Lo mThetho usaYilwayo uhlomela umThetho ongokuDiza iMali-mboleko yokuThenga iNdlu neyokuBambisa, wama-2000 (umThetho onguNombolo 63 wama-2000).

Lo mThetho usaYilwayo uhlangabezana nemingeni engokuhlaliswa koluntu echazwe kwi-NDP. Oku kuquka: iindlela zokuhlaliswa koluntu ezingafanelekanga,elizweni jikelele; imingeni ezijongene nayo iidolophu nezixeko; ucwangciso lomhlaba olungekho ngqingqwa namandla ezolawulo.

Lo mThetho usaYilwayo uzama ukubonelela ngenkxaso-mali yezezindlu nehambelana necandelo 26 loMgaqo-siseko, nocacisa ukuba “wonke umntu unelungelo llendlu efanelekileyo”. Wongeza ngokuxhobisa i-ofisi yokuDiza ukuba yamkele ize iphande izikhalazo malunga nemali-mboleko yezezindlu.

Oku kuza kukhuthaza uthotyelo ngamaziko ezezimali ngokumalunga nemali-mboleko yezezindlu.

3.9. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa komThetho-siHlomelo ongobuNkokheli beMveli neNkqubo-sikhokelo yezoLawulo, wama-2016, kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle. Oku kuhlomela umThetho ongobuNkokheli beMveli neNkqubo-sikhokelo yezoLawulo, wama-2003 (umThetho onguNombolo 41 wama-2003).

Ezi zihlomelo zisebenza ngemingeni ekuhlanganwa nayo kumgaqo-siseko ngokufakwa kwakhona kumgaqo-siseko kweziseko zobunkokheli bemveli kunye, nokuchithwa kokusekwa kweziseko ezithile, apho kuchaphazeleka khona.

Injongo kukuqinisekisa ukumiselwa ngokutsha kweenqila zeenkokeli zemveli njengamabhunga enkokeli zemveli; ukusekwa kwamabhunga ezikumkani nezikumkanikazi; ukuchithwa kokusekwa koogunyaziwe boluntu.

3.10. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa komThetho osaYilwayo ongoLamlo weHlabathi ePalamente. Injongo zalo mThetho usaYilwayo kukuphucula ufikelelo kwiinkonzo zezobulungisa nokuqinisekisa ngokufezekiswa kommiselo wokwandisa urhwebo we-NDP notyalo-mali nokubeka uMzantsi Afrika endaweni kwihlabathi.

Lo mThetho usaYilwayo uhlanganisa umThetho woMfuziselo kuLamlo loRhwebo lweHlabathi, njengokwamkelwa yiKhomishini yeZizwe eziManyeneyo kuMthetho woRhwebo weHlabathi. Oku kungasetyenziswa ngamashishini ukusombulula iimbambano zehlabathi zawo zezorhwebo kwaye ngokwemimiselo yawo amaqela angafumana izigwebo zolamlo ezinyanzeliswa ngokusemthethweni.

Inyathelo elinjalo linganegalelo kuhlumo loqoqosho olongezelelweyo notyalo-mali kwakunye nokuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika yindawo enomtsalane kumaqela yokusombulula iimbambano zawo zezorhwebo. 

4. Imiba engundaba mlonyeni

4.1. IKhabhinethi njengoMongameli uJacob Zuma ithi makuthotywe umsindo kumba wokungaboni ngasonye phakathi kwabanye babemi boMzantsi Afrika nabo basuka kumazwe angaphandle.

Ubondlobongela obebuhamba noqhankqalazo lakutsha nje lwabantu baseTshwane abamkeleki kwaye abunandawo kulo mbuso wethu ulawulwa ngentando yesinzi. I-SAPS ikulungele ukubonelela ngoncedo olukhawulezileyo kwizehlo zobundlobongela nokutyhuthula.

Ulwaphulo-mthetho lutshaba lwethu sonke kwaye ngokusebenzisana singahlangabezana nayo le miba ixhalabisa abantu beli. Noxa kunjalo izenzo zobundlobongela nezokoyikisa azinandawo tu kwaphela. Akukho sikhalazo sinokuze sisetyenziswe ngabantu njengesizathu sokuba bathathele umthetho ezandleni zabo.

Ngokusebenza ngokusemthethweni singenza uluntu lwethu lukhuseleke nakhuselekileyo nangaphezulu. Abemi kufuneka basebenzisane namapolisa namanye amaqumrhu ezomthetho ukuluncothula nengcambu ulwaphulo-mthetho kwiindawo ezihlala uluntu.  

4.2. Urhulumente uzivile izikhalazo eziphakanyiswe zinkampani ezilayisha amalahle malunga neziphumo zephulo lamandla ahlaziyekayo kubonelelo lamalahle kwa-Eskom, nezinokunokuchaphazela imisebenzi kweli candelo. Iingcango zikaRhulumente zivulekile ukuba kuthethathethwane ngendlela eyakhayo ngale miba kunye neenkokheli ezisemthethweni zoshishino lezigadla zamalahle.
URhulumente kufuneka asebenze ngenkathalo kucwangciso lwakhe lwezamandla ukuqinisekisa ngozinzo kubonelelo lwamandla nolufikelelekayo.

Le nkqubo ixhomekeke kwindibanisela yomthwalo wesiseko (amalahle nenyukliya) kunye nobonelelo lamandla olunesiqabu (ohlaziyiweyo negesi). Kucacile kuyilo lwesiCwangciso sokuXhobisa esiDibeneyo sowama-2016 ukuba uMzantsi Afrika uza kuqhubeka ukutyala umbane wamalahle kwingxube-vange yezamandla.

4.3. IKhabhinethi isiqaphele isigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMntla eGauteng ngesigqibo soMzantsi Afrika sokurhoxa kwiNkundla yeHlabathi yamaTyala (ICC). IKhabhinethi iyazi ukuba iPalamente iqwalasela ukuthatha inyathelo elifanelekileyo.

IKhabhinethi iyasamkela isigwebo kwaye iseke iqela lokusebenza ukuba liqulunqe umhlahla-ndlela wokuthobela esi sigwebo.

4.4. INkumanda ePhezulu yoMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) uMongameli uJacob Zuma ebephethe imibhiyozo yoSuku lweMikhosi eXhobileyo ye-5 nebibanjelwe eDurban kunye nesikhumbuzo seminyaka eli-100 sokuzika kuka-SS Mendi wona obubanjelwe e-United Kingdom.

IKhabhinethi ihlonipha ikwakhumbula amaJoni aNtsundu oMkhosi woMzantsi Afrika aphulukana nobomi bawo ngexesha leyona ngozi yakha yambi yaselwandle kwimbali yomkhosi waseMzantsi Afrika.

La yayi ngamadoda angamagorha nawasabela kwikhwelo elenziwa nguMbuso owawuphethe ngelo xesha loku kwenza umsebenzi wawo wobujoni.

4.5. Ngokubhaqwa okuqinisekileyo kokufika kwemibundane  ebizwa i-Fall Army Worm, urhulumente ngokukhokelwa liSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba usaqhubeka nophanda ngobukhulu bomonakalo, kwakunye namanyathelo okufundisa amafama ngolwazi olunzulu neendlela ezahlukeneyo zolawulo kwakunye nokuqinisekisa kokubhaliswa okufanelekileleyo kwamachiza ezolimo.

Eli Sebe likwaqalise iqela elijongene nokuthibaza ifuthe lezitshabalalisi zezityalo, nelidibana rhoqo ngeenjongo zokuhlola inkqubela phambili neziphumo nawo onke amasebe ezolimo, amalungu ezoshishino kunye nemibutho yezophando-nzulu.

IsiCwangciso sokuHlangabezana nesiTshabalalisi seziTyalo esijongene nokubona kwangethuba izitshabalalisi zezityalo sele sisebenza ukulwa lo mbundane ufuna ukuxaka, i-Fall Army Worm.

URhulumente uza kuqhubeleka efakana imilomo namazwe angamalungu e-SADC ukuqinisekisa ukuba kumiselwa iinkqubo zokubona ezi zifo nengozi zendalo kwangethuba.  

4.6. IKhabhinethi inqwenela ukuba baphile ngokukhawuleza abakhweli bakaloliwe abathe bonzakala xa bekungqubana oololiwe ababini kwisitishi sikaloliwe saseRosslyn emantla ePitoli futh ikwavakalisa umbulelo ongazenzisiyo kwabeenkonzo zikaxakeka ngokusabela kwabo okukhawulezileyo ukunceda abonzakeleyo.

Umsebenzi webhodi yophando wokuqhuba uphando olugqibeleleyo kanobangela wengozi kunye neemeko ezikhokelela kuyo kufuneka ube ngumba ophambili khona ukuze kuthintelwe ukuphindeka kwayo kwixesha elizayo.

5. Amazwi ovelwano

5.1. IKhabhinethi njengoMongameli uJacob Zuma nayo ivakalisa amazwi ovelwano kusapho lukaJaji u-Essa Moosa, obesisibane esibengezelayo kwiijaji jikelele nosebenzele uMzantsi Afrika ngokugqwesileyo phambi kokuba athathe umhlala-phantsi njengejaji yeNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni ngowama-2011.

Uza kukhunjulwa ekuzinikeleni kwakhe ekulweleni nasekukhuseleni amalungelo oluntu, kwakunye nokuzijula kwakhe ijacu ekulweleni ulawulo lwezomthetho.

Phambi kokuba anyukele kwinkundla yejaji ebesebenza njengegqwetha lokulwela amalungelo oluntu kwaye ebehamba phambili ekuceleni umngeni ekunyhashweni kwamalungelo oluntu ngexesha lucalucalulo okufana nokuvalelwa eziseleni ngaphandle kokubekwa ityala. Ebekwangumseki woMbutho wamaGqwetha aKhululekileyo weSizwe (i-Nadel).   

5.2. UMongameli uJacob Zuma uwuvakalise njengoMngcwabo oKhethekileyo oseSikweni wePhondo umngcwabo wegqala lomzabalazo nowayesakuba libanjwa lesiqithi i-Robben Island, uMnu Collen Monde Mkunqwana nosweleke kule veki iphelileyo umhla wama-21 kweyoMdumba yowama-2017.

UMnu Mkunqwana usisizukulwana sikaMnu Makhanda Nxele, igorha elakhokela uhlaselo lwamaNgesi eRhini, umasipala wakhona ngoku uthiywe ngegama likaMakana.

Iinkcukhacha zomngcwabo ziza kuchazwa nguRhulumente wePhondo waseMpuma Koloni.

5.3. IKhabhinethi ikwavakalisa amazwi ovelwano kusapho lukaMirriam Tladi, unozala woluncwadi waseMzantsi Afrika nongumntu wokuqala wasetyhini ongumbali weenoveli. UMama uTladi nowathi wawongwa nge-Oder  of Ikhamanga wayophula imida yokufunda nangona wayevaliwe kwiDyunivesiti yaseWitwatersrand phantsi ngenxa yemithetho yocalucalulo.

5.4. IKhabhinethi njengoMongameli uJacob Zuma nayo ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho zamalungu amathathu oMkhosi waseLwandle waseMzantsi Afrika kunye nabasebenzi abangabakhi abathathu beSebe leMisebenzi yoLuntu nabathe basweleka ngexesha bebesebenza kumgxuma wogutyulo kwisiGqubu soMkhosi saseDurban. La majoni mathathu ebezama ukunceda abasebenzi beSebe leMisebenzi yoLuntu abebesokola ukuphefumla bengaphantsi komhlaba.  

5.5. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho zabantu abasixhenxe abathe basweleka kwingozi equka izithuthi ezininzi kwindlela engu-R34 ephakathi kwe-Vryheid ne-Dundee xa kuye kwagilana isigadla neemoto ezimbini.

5.6. Imithandazo neengcinga zelizwe zikunye nosapho lukaRichard Thole oselula ekuvakala ukuba uye wawela ezantsi kumgodi ongasasetyenziswayo eBoksburg, ngoMgqibelo. IKhabhinethi iyalibulela iqela labahlanguli ngokwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba uRichard ubuyiselwa kumama wakhe.

5.7. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nabahlobo abathe bashiywa ngabo bebebathanda ngexesha bekukho iimpuphuma eMntla Ntshona, kummandla waseRustenburg.

6. Imiyalezo yokuvuyisana

6.1. IKhabhinethi iyavuyisana noNozakuzaku Xawier Carrim ekuqaliseni kwakhe kwisikhundla sokuba nguSihlalo weBhunga Jikelele loMbutho wezoRhwebo weHlabathi (i-WTO) ngomhla wama-28 kweyoMdumba yowama-2017. Kokokuqala ukuba ummi waseMzantsi Afrika achongwe kwesi sikhundla kwaye kukane kuphela apho esi sikhundla sikhe sabanjwa ngumntu wase-Afrika.

6.2. IKhabhinethi iyavuyisana neNkampani yeziKhululo zeNqwelo-moya yaseMzantsi Afrika ngokuthi ibe kuluhlu lweenkampani ezilishumi eziphezulu ezilawula ezona zikhululo zeenqwelo-moya zilibambayo ixesha ehlabathini, ngokutsho kwe-OAG Aviation yeHlabathi Jikelele.

ISikhululo seeNqwelo-moya seZizwe-ngezizwe i-OR Tambo ifumene indawo yesi-8 kudidi lwezikhululo ezikhulu, iSikhululo seeNqwelo-moya seZizwe-ngezizwe saseKapa sifumene indawo ye-6 kudidi lwezikhululo zeenqwelo-moya eziphakathi ngeli xesha iSikhululo seeNqwelo-moya seZizwe-ngezizwe i-King Shaka sime kwindawo ye-10 kudidi lwezikhululo zeenqwelo-moya ezincinci. 

6.3. IKhabhinethi iyavuyisana neMamelodi Sundowns ngokuphumelela iNdebe eBalaseleyo yeManyano yeBhola eKhatywayo yase-Afrika (i-CAF Super Cup). ISundowns ibonakalisile ukuba ilelona qela ligqwesileyo kwiLizwekazi emva kokubetha i-TP Mazembe ngenqaku elinye kwimbande yesikhova.

Siyathemba ukuba le mpumelelo iza kuqhuba ekukhuthazeni amanye amaqela ukuba alandele ezinyaweni zeMamelodi Sundowns. 

7. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo
7.1. Nksz. Zanele Monnakgotla njengeLungu eliNgekho kwisiGqeba kwiBhodi yeZiko loMiselo Mgangatho laseMzantsi Afrika (i-SABS).
7.2. AbaLawuli abangengoMalungu esiGqeba kuMbutho we-Inshorensi yoMngcipheko oKhethekileyo waseMzantsi Afrika oliQumrhu likaRhulumente:
a) Nksz Tando Mbatsha (uqeshiwe kwakhona); no-
b) Nksz Tshwarelo Moutlane (uqeshiwe kwakhona).
7.3. AbaLawuli abangengoMalungu esiGqeba kwiBhodi yeBhanka yoPhuhliso lwezeMihlaba nezoLimo:
a) Nksz Dumo Motau (uqeshiwe kwakhona);
b) Nksz Thembekile Thelma Ngcobo (uqeshiwe kwakhona); no-
c) Nksz Gugu Mtetwa.
7.4. Mnu. T. S. Mokoena njengoMlawuli-Jikelele weSebe leMithombo yeziMbiwa.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yeselula: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore