Egranti Yokuncedisa

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesibonelelo sokuncedisa

Ingaba uphila ngesibonelelo sikarhulumente kodwa awukwazi ukuzinakekela? Unakho ukufumana uchatha kwisibonelelo sakho ukuze ukwazi ukuhlawula umongi wakho wamaxesha onke.   

Wazi njani ukuba unelungelo lokuxhamla?

Ukuze usifumane kufuneka ukuba:

  • ube sele usifumana isibonelelo sokukhubazeka, isibonelelo samagqala omkhosi okanye isibonelelo sabantu abadala
  • awukwazi ukuzinakekela ngenxa yokukhubazeka ngokomzimba okanye ngokwengqondo, ke ngoko ufuna ukukhathalelwa ngomnye umntu ngokupheleleyo
  • ukungakhathalelwa kwiziko elifumana uncedo kurhulumente malunga nokukhathalelwa kwakho okanye ukuhlaliswa kwakho kulendawo.

Uzakufumana malini?

Isixa sibonelelo ongasifumana rhoqo ngenyanga yi- R530.

Uzakuhlawulwa njani?

I-Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) izakukuhlawula ngenye yezindlela zilandelayo:

  • uhlawulwa imali xesha lithile kwindawo etyunjiweyo
  • kwi-akhawunti yakho yase bankini okanye eposini (qaphela ukuba ibhanki inga tsala imali yeenkonzo)
  • iziko elisebenza njengo-mlawuli wesibonelelo (umzekelo, umbutho wezentlalontle).

Isibonelelo sokuncedisa sizakuhlawulwa kunye nemali-yendodla.

Qaphela: Ukuba awukwazi ukuyamkela ngokwakho imali, ungatyumba umntu ozakwamnkelela kwi-Ofisi ye-SASSA, okanye unike umntu othile igunya lamagqwetha ukuze akwamkelele imali yakho.

Singahlaziywa xa kutheni isibonelelo sakho?

Isibonelelo singaphinde sijongisiswe esakho sikuluhlu oluzakuqwalaselwa ngokutsha.

Ofanele kukwenza

  • Ndwendwela kwi- Arhente yoKhuseleko lwezeNtalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) ekufutshane kuwe uphathe ezi zilandelayo:
    • incwadi yakho yesazisi enamanani ali-13 (ID)
    • ubungqina besiqinisekiso somtshato nencwadi yesazisi yalo otshate naye
    • ingxelo kagqirha okanye yophononongo (engaphantsi kweenyanga ezintathu ubudala) ebonisa ukuba ufuna unakekelo olusisigxina.

Qaphela: Ukuba ngaba umdala kakhulu okanye uyagula awunako ukuya e-Ofisini ukuya kufaja isicelo, ilungu losapho okanye umhlobo wakho angakufakela isicelo. Umntu lowo kufuneka umnikele incwadi ze okanye incwadi evela kugqirha ingqina ukuba awunakho ukufikelela ngokwakho e-ofisini.

  • Gcwalisa uxwebhu lwesicelo phambi kwegosa le-SASSA (qaphela ukuba njengomxhali okanye igosa le-SASSA unakho ukugcwalisa uxwebhu lwesicelo). Igosa lizakudla indlebe ze likuxelele ukuba uselungelweni lokufumana isibonelelo.
  • Uzakunikwa irisiti. Igcine njengobungqina bokuba ufake isicelo.

Kwenzeka ntoni xa isicelo sakho singaphumelelanga?

Ukuba ngaba isicelosakho asiphumelelanga, i-SASSA izakukwazisa ngokukubhalela ikucacisela ukuba kutheni isicelo sakho singaphumelelanga. Ukuba awuvumelani nesisigqibo, ungafaka isibheno kuMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu kwi-ofisi kaNdlukulu welisebe.

Ukuba awuvumelani nesisigqibo, ungenza isibheno kuMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu kwi-ofisi kaNdlunkulu welisebe. Oku kufuneka ukwenzile phambi kokuba kuphela isithuba esizintsuku ezingama-90 emva kokuba waziswe ngesi sigqibo.

Ixesha elimiselweyo

  • Kungathatha malunga neenyanga ezintathu ukuqwalaselwa kwesicelo sakho.
  • Ukuba isicelo semali yesibonelelo sakho siphumelele, uyakuhlawulwa ukususela kumhla owafaka ngawo isicelo.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo ifumaneka simahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki kwi-intaneti, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yokhuseleko lwezentlalo (SASSA) ekufuphi nawe.

Ungaqhagamshela nabani

I -Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA)

 

 

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email:  GrantEnquiries@sassa.gov.za  

Share this page