Okwamkelwa kwikhaya labantu abadala

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa njengomntu onika inkathalo kwabadala ekuhlaleni

Ukuba ufuna ukubonelela ngenkonzo yokukhathalela nokuxhasa abadala, kufuneka ufake isicelo kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu.

ISebe libonelela ngenkxaso mali nenkxaso kwimibutho enikezela ngeenkonzo ezahluka-hlukeneyo kumntu ngamnye kunye neentsapho ezosuleleke kwaye zichaphazeleka yiNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo. Le mibutho ibonelela ngeenkonzo eziziswa eKhaya okanye ekuHlaleni ukuqinisekisa ukuba iimfuno ezingundoqo zabantu abaphila neNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo ziyaneliswa.

Ofanele kukwenza

  1. Ukuba akukho khaya labagula sisifo sikaGawulayo ulaziyo, yiya kwiSebe loPhuhliso loLuntu uye kuchonga ikhaya elikufutshane nawe
  2. Zalisa uze ubuyisele amaxwebhu okufaka isicelo kwikhaya elo.
  3. Faka oku kulandelayo:
    • Isazisi saseMzantsi Afrika.     
    • Ingxelo kagqirha  
  4. Kuya kubakho uvavanyo lokukhangela ukuba ungakwazi na ukungeniswa kwelo khaya kwaye ufumane nenkxaso mali.
  5. Ukuba umdala kakhulu okanye ugula kakhulu awusakwazi ukuhamba uye e-ofisini uyokufaka isicelo, cela ilungu losapho okanye umhlobo ayokufaka isicelo egameni lakho.
  6. Unontlalontle uya kulungiselela ukukundwendwela ekhayeni lakho ukuze ahlole iimeko ophila phantsi kwazo.
  7. Ukuba isicelo sakho asamkelekanga kufuneka unikwe isizathu esibhaliweyo, kwaye ungabhena kuMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu.

Nceda qaphela: Ukungeniswa kwikhaya labadala kuxhomekeke kubukho beebhedi.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sakho siya kuchotshelwa kwiintsuku ezili-14 kwaye uya kufumana impendulo kwisicelo sakho kwiintsuku ezingama-30 emva kokufaka isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Izakhiwo  neendleko zamakhaya nezinto ezifunwayo ziyohluka.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

All forms are available at your nearest older persons residential facility.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page