Ukuvala ikhaya labantu abadala

Malunga | Ofanele kukwenza | Ixesha elimiselweyo | Ingaba kubiza malini na | Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa | Ungaqhagamshela nabani

Malunga nokuvalwa kwekhaya labantu abadala

Ingaba ufuna ukuvala ikhaya labadala kwaye ucime nesiqinisekiso sokubhalisa kwakho? Kufuneka wazise iSebe lezoPhuhliso loLuntu kunye nabadala abakwelo khaya kwiintsuku ezingama-90 zokuceba kwakho ukuvala ikhaya labadala.

Ikhaya labadala kufuneka liqinisekise ukuba abadala bafumene iingcebiso ezifanelakileyo phambi kokuvalwa kwekhaya labadala.

Kufuneka ubafumanele indawo ezifanelekileyo abadala kwelinye ikhaya elibhalisiweyo uze ubuyisele isiqinisekiso sokubhaliswa kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Ofanele kukwenza

  1. Zalisa uxwebhu lwesicelo olunombolo ili-12 kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.
  2. Emva kokufaka isicelo sakho uya kunikwa uxwebhu lokwazisa ukuba sifunyenwe isicelo sakho (uxwebhu 13) njengesiqinisekiso sesicelo sakho.
  3. Isebe kufuneka lihlole ikhaya/ (amakhaya) elichongwe njengelo baza kuthuthelwa kulo abadala.
  4. Kufuneka ufake ingxelo kwiSebe ucacisa amanyathelo neenzame ozenzileyo ekufumaneni enye indawo yabadala/ezinye iindawo zabadala.

Ixesha elimiselweyo

Akukho mgangatho kule nkonzo.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu okufaka isicelo ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe

  • UXwebhu 12: Isaziso sokuzimisela ukuvala ikhaya labadala.
  • UXwebhu 13: UXwebhu lokwazisa ukuba isicelo sakho sifunyenwe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page