Isicelo sokungenisa iikhemikhali eMzantsi Afrika

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo semvume yokungenisa imichiza

Ukuze ungenise imichiza ethile eMzantsi Afrika, kufuneka ube nemvume evela kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC). Le Komishoni iya kufikelela kwisigqibo sokuba kunegalelo na kuluntu ukungeniswa kwale michiza.

Imichiza ilawulwa ukuze ithobele uMnqophiso waseMontreal kunye neNgqungquthela yeZizwe eziManyeneyo yowama-1988 eChasene nokuSasazwa ngokuNgekhomthethweni kweZiyobisi neZidodobalisi. Ezi ziinzame zamazwe ngamazwe zokukhusela uqweqwe lwe-Ozone kunye nokulwa ukuveliswa nokushishina ngeziyobisi ngokulandelelana.

Xa ufaka isicelo semvume yokurhweba ngokungenisa imichiza kweli, kufuneka ufumane incwadi ekuthethelelayo evela kwiNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika (SAPS) okanye kwiSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo (DEA).

Ofanele kukwenza

    1. Zalisa la maxwebhu alandelayo:

    2. Faka oku kulandelayo:

  • ikopi yesiqinisekiso sakho seVat
  • ikopi eqinisekisiweyo yesazisi sakho ukuba akunaso isiqinisekiso seVat
  • ukuthethelelwa ngabakwaSAPS ukuba imichiza leyo iza kungeniswa ikuludwe lweNgqungquthela yeZizwe eziManyeneyo yowama-1988 eChasene nokuSasazwa ngokuNgekhomthethweni kweZiyobisi neZidodobalisi
  • ukuthethelelwa ngabeSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo ukuba imichiza leyo ikuludwe loMnqophiso waseMontreal.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha ukuya kwiintsuku ezintathu ukukhutshwa kwemvume yokungenisa imichiza.

Ingaba kubiza malini na

iITAC ayijiki imali yokuhlawulela iinkonzo kodwa uzakuhlawula yempahla abaqokeleli be rhafu (SARS). Irhafu yempahla ibalwa ngomyinge wentengo yempahla leyo (ichaziwe kuluhlu lomthetho werhafu yemveliso yokuthengiswa). Malunga nolwazi malunga nerhafu yempahla yabaqokeleli be rhafu, vndwendwela iwebhu sayithi yabaqokeleli berhafu iSARS .

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

ITAC national office - Import and Export Control

Tel: 0861 834 384, 012 394 3590, 012 394 3591
City/town: Pretora
Province: Gauteng
Physical address: International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address: Private Bag X753 Pretoria, 0001
Web address: http://www.itac.org.za

Share this page