Faka isampule yezifundo ngezifo okanye izinto zendalo kweloMzantsi Afrika

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isampule yezifundo ngezifo okanye izinto zendalo kweli loMzani Afrika

Ukuba ufuna ukufa imveliso yezilwanyana, izinto ekunokwenzeka ziyanikezela okanye ziyasulela  kweloMzantsi Afrika, umthetho unyanzelisa ukuba ufake isicelo ufumane iphepha mvume logqirha wezilwanyana kuMalwuli wempiloyezilwanyana.

kufanele ufumane iphepha mvume lonyango lwezilwanyana lokufaka kweli ukuze ukwazi ukufaka isampule yokufunda okanye izinto zendalo ezifana ne:

  • negazi okanye igazi elihluziweyo lezilwanyana
  • noba zintoni zovavanyo ezezilwanyana, ezifana nomchamo, ubisi, isikhumba okanye amalungu omzimba anagaphakathi, njalo-njalo, etc
  • igciwane, intsholongwane okanye amalungu omzimba wezilwanyana ziza kusebenza kuphando lwayo nantoni na.

Amaphepha mvume asebenza okwethutyana kwaye zisebenza kumthwalo omnye kuphela.
kufanele ufumane le mvume phambi kokuba imveliso iphume kwilizwe esuka kulo.

kungabakhona eminye imithetho ejongene neemveliso ezithile kwaye ufanele ukuqinisekisa ukuthi awuchasananga nako konke okusemthethweni okufunekayo.

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa uxwebhu lwesicelo sokufaka isampule yezifundo ngezifo okanye izinto zendalo kweli lomzantsi afrika. Thinta abalawuli bempilo yezilwanyana ukuba awuqinisekanga ngo xwebu omawuligcwalise.
  2. Namathisela umgaqo nkqubo wokwenza uphando okanye incwadi echaza ngenjongo yokuthenga phesheya kwaye unike ingcombolo ngokuphathwa kwemveliso evela phesheya, ukuqinisekisa oku kulandelayo:
    • Zonke izinto ezingena luncedo kufanele sithunyelwe kubuxhakaxhaka bophando lweseyensi
    • ubuxhakaxhaka bophando lwesayensi kufanele lwamkeleke kwaye libe kwinqanaba elwamkelekilyo lokhuseleko lwemvelo  (kuxhomekeka kubungozi).
    • zonke izinto ezivela phesheya kufanele  zifakwe kwindawo yokugcina izinto ezilahlwayo emva kovavanyo okanye uphando
    • kufanele kuchazwe ukuba izilwanyana zizakudibana nezizinto okanye hayi 
    • ukuba zizakudibana, kufanele zitshabalaliswe imizimba ifakwe kwindawo yokugcina izinto ezilahlwayo emva kovavanyo okanye uphando. 
    • konke okunokusulelwa sisifo senyawo nomlomo (foot-and-mouth disease), noba yintoni na ehambisa ukufa,  ingaya kwindawo egcina izilwanyna ezinezifo ezifumaneka phesheya kwe mida e Onderstepoort.
  3. ugqirha wezilwanyana kubalawuli bempilo yezilwanyana uzaku Qhagamshelana nawe ukuba kukhona ulwazi olufunekayo kwaye uzakuvavanya ubungozi phambi kokuba amkele isicelo sakho.
  4. Kufanele uhlawule ukuze ufumane imvume.
  5. Faka imali ntlawulo kwibhanki ye Sebe:
    Igama le Bhanki: Standard Bank of South Africa
    igama lomnini akhawunti: National Department of Agriculture
    Account No: 011219556 International Band
    Branch: 010845
    IB brand 0001982 Centre Code
    Swift Code: SBZA-ZAJJ
    Name of the branch: Arcadia.
  6. ungahlawula nge tsheki, enegama lomlawuli jikelel:
  7. Isebe Lezolimo Amahlathi nokuloba.
  8. kuyahlawulwa kwiofisi Zesebe Lezolimo,Amahlathi Nokuloba.
  9. luxanduva lakho ukuhlawula indleko zebhanki kunye zendleko zebhanki yelinye ilizwe, Isebe alinawukukhupha iphepha mvume ukuba imali eli R120 ayika funyanwa lisebe.
  10. Isaziso esibalulekileyo: uphawu lwempahla ligama nefani yomthumeli mpahla
  11. Thumela uxwebu olugcweleyo nobungqina bokuhlawula kuledilesi:
    The Director: Animal Health
    Import Export Policy Unit
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
    South Africa
    okanye ufeksele kule nombolo 012 329 8292 / e-mail: VetPermits@daff.gov.za.
  12. Nceda uchaze kuxwebhu lwesicelo ukuba ufuna imvume uthunyelwe kuwe okanye uzakuyilanda ngokwakho. Emva kokuba kufunyenwe uxwebhu olugcwalisiweyo lwesicelo kunye nobungqina bokuthi uhlawulile iphepha mvume lokusebenza ngezilwanyana kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana, iphepha eliqingqiweyo (template) liza kukhutshwa luthunyelwe kuwe ngqo.
  13. Ugqirha wezilwanyana enikwe igunya ngabase magunye bonyango lwezilwanya kwilizwe elithumelayo kumele agcwalise isiqinisekiso sempilo ngesingesi phambi kokuba umthwalo uphume.
  14. Isiqinisekiso sempilo yezilwanya asifuneki ngalo lonke ixesha xa ufaka kweli isampula yezempilo, kodwa  igosa lonyango lwezilwanyana lwelizwe elithumelayo kufanele lwazi kwaye ibenguye ovala umthwalo.
  15. kufanele uvezeiqobelo  lesiqinisekiso  semvum yokufakaizilwanyana kweli (eso You must present the original Veterinary Import Permit (iqobelo lesiqinisekiso sempilo yezilwanyana iyafuneka) Kwigosa lase Mzantsi Afrika lonyangolwezilwanyana ezibukweni.
  16. ukuba ufuna ulwazi ngokufunekayo malunga nesampule ethile yezifundo  okanye imvelilo yendalo, ingafumana ikopi yephepha mvume yokufaka izilwanyana kweli  nesiqinisekiso sempilo yezilwanyana kwiofifsi ekhipha iimvume yombexeshi wezempilo yezilwanyana.
  17. apho isicelo sisegameni lomnye umntu, qinisekisa ukuthu uhlawula usebenzisa igama lakhe okanye igama le khampani.

Qaphela: Asikho isicelo ngaphandle kobungqwina bokuthi kuhlawuliwe. Ubungqina bokuhlawula bunga fekselwa kule nombolo: 012 329 8292 kwi gama lika: Ina Labuschagne.

Ixesha elimiselweyo

Ukuba nje igosa lonyango lwezilwanyana kwi ofisi ka zwelonke linga samkela isicelo kuthabatha iintsuku ezintathu ukuya kwekwezintlanu ukugqoba isicelo kukhutshwe ne phepha mvume.

Ingaba kubiza malini na

R220

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page