Isicelo sokungenisa impahla nezinto ezizezakho ubuqu okanye ezizezomntu

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokungenisa impahla eyeyakho

Ukuba ufuna ukungenisa impahla elawulwayo okanye esele isetyenzisiwe kunye neza kuba yeyomntu wesibini eMzantsi Afrika, kufuneka ube nemvume ephuma kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC). 

Uludwe lwempahla ephantsi kwemiqathango yolawulo luyafumaneka kulo mnathazwe www.itac.org.za.

Ukuba unikezele ngeenkcukacha zakho, olu ludwe lungaposelwa, luthunyelwe ngefeksi okanye nge-imeyili kuwe.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwabeNkonzo yeRhafu eMzantsi Afrika (SARS) uze ubhalise njengomntu onqwenela ukungenisa impahla
  2. Yiya kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC) okanye uzikopele uxwebhu lokufaka isicelo.
  3. Faka uxwebhu lwesicelo sakho lukhatshwa yikopi eqinisekisiweyo yesazisi sakho okanye incwadana yakho esemthethweni yokundwendwela kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha ukuya kwiintsuku ezintathu ukugqibezela ukuchophela nokuphumeza isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

iITAC ayijiki imali yokuhlawulela iinkonzo kodwa uzakuhlawula yempahla abaqokeleli be rhafu (SARS). Irhafu yempahla ibalwa ngomyinge wentengo yempahla leyo (ichaziwe kuluhlu lomthetho werhafu yemveliso yokuthengiswa ). Malunga nolwazi malunga nerhafu yempahla yabaqokeleli be rhafu, vndwendwela iwebhu sayithi yabaqokeleli berhafu iSARS.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

ITAC national office - Import and Export Control

Tel: 0861 834 384, 012 394 3590, 012 394 3591
City/town: Pretora
Province: Gauteng
Physical address: International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address: Private Bag X753 Pretoria, 0001
Web address: http://www.itac.org.za

Share this page