Isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla elizweni

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nemvume yokungenisa impahla evela kumazwe angaphandle     

Ukuba uceba ukungenisa impahla elawulwayo, esele isetyenzisiwe, eza kuba yeyomntu wesibini, izinto ezilahlwayo okanye ezindala kweli, kuqala kufuneka ubhalise njengomntu ongenisa impahla evela kwamanye amazwe neNkonzo yeRhafu yaseMzantsi Afrika uze ufake isicelo  semvume yokungenisa impahla evela kumazwe angaphandle kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe yaseMzantsi Afrika (ITAC).

Imvume yokungenisa impahla evela kumazwe angaphandle iqinisekisa ukuba impahla leyo uceba ukuyingenisa, iyithobele imiqathango yokhuseleko, umgangatho, iimfuno zokusingqongileyo nezempilo zelizwe. Kufuneka zibe zikwayithobele imiqathango yezivumelwano zamazwe ngamazwe.

Ezi mvume zikwanceda ukulawula ukungena kwempahla ngobuchule okanye impahla ethutyeleziswayo.

Umgaqo-nkqubo obhekiselele ekungenisweni kwempahla wohlukile kwicandelo ngalinye lezoshishino. Uninzi lwempahla entsha lukhululwe kumanyathelo olawulo lokungeniswa kwempahla. Kanti ke, zonke impahla ezisebenzileyo, ezizakuba zezomntu wesibini, izinto ezilahlwayo kunye nezindala ziphantsi kwamanyathelo olawulo lwempahla engeniswayo.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwi- SARS uze ubhalise njengomntu ongenisa impahla kweli.
  2. Yiya kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC) okanye uzikopele uxwebhu olufunekayo.
  3. Zalisa amaxwebhu.
  4. Faka amaxwebhu kwiqela labongameli: uLawulo lokungeniswa nokuphuma kwempahla kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).

Qaphela:

  • Ungaluthunyelelwa uxwebhu lwempahla ephantsi kwamanyathelo olawulo lokungeniswa kwempahla ukuba uthumele iinkcukacha zakho zoqhagamshelwano kwiKomoshoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).
  • Ukuba ufuna ulwazi malunga nomgaqo-nkqubo wokungeniswa kwempahla ethile, chaza iinkcukacha zempahla leyo unqwenela ukuyingenisa kwiKomoshoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).

Ixesha elimiselweyo

Amaxesha amaninzi iimvume zokungenisa impahla evela kumazwe angaphandle zikhutshwa kwiintsuku ezintlanu zomsebenzi.

Ingaba kubiza malini na

iITAC ayijiki imali yokuhlawulela iinkonzo kodwa uzakuhlawula yempahla abaqokeleli be rhafu (SARS). Irhafu yempahla ibalwa ngomyinge wentengo yempahla leyo (ichaziwe kuluhlu lomthetho werhafu yemveliso yokuthengiswa ). Malunga nolwazi malunga nerhafu yempahla yabaqokeleli be rhafu, vndwendwela iwebhu sayithi yabaqokeleli berhafu iSARS .

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Kufuneka uzalise uze ufake uxwebhu oluhambelana nesicelo sakho kuphela.

Ungaqhagamshela nabani

 

ITAC national office - Import and Export Control

Tel: 0861 834 384, 012 394 3590, 012 394 3591
City/town: Pretora
Province: Gauteng
Physical address: International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address: Private Bag X753 Pretoria, 0001
Web address: http://www.itac.org.za

Share this page