Isibonelelo-mali senkxaso yomntwana

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

 

Malunga nesibonelelo-mali senkxaso yomntwana

Ukuba uswele, ungafumana isibonelelo-mali sokukuncedisa ekukhuliseni umntwana omgcinileyo.

Uzazi njani ukuba ufanelekile?

Kufuneka:

  • Ube ngumlondolozi okukuphela kwakhe lo mntwana axhomekeke kuye (umz., umzali, umakhulu/utatomkhulu womntwana okanye umntwana oneminyaka engaphezulu kweli-16 oyintloko yosapho). Qaphela: Ukuba awunguye umzali womntwana, kufuneka uze nesiqinisekiso sokuba nguwe kuphela ongumlondolozi walo mntwana ngokuza nenkcazelo efungelweyo emapoliseni, ingxelo yoonontlalo-ntle, inkcazelo efungelweyo evela kumzali womntwana okanye ileta evela kwinqununu yesikolo afunda kuso umntwana.
  • Ube ngummi woMzantsi Afrika okanye ummi osisigxina
  • Ungamkeli umvuzo ongaphezulu kwama-52 800 eerandi ngonyaka ukuba awutshatanga. Ukuba utshatile, umvuzo wenu udibene akufuneki ube ngaphezulu kwama-105 600 eerandi ngonyaka.

Umntwana kufuneka:

  • abe neminyaka engaphantsi kweli-18 ubudala
  • angabikho phantsi konakekelo lweziko lukarhulumente
  • ahlale nomntu omongayo okukuphela kwakhe axhomekeke kuye ongakuhlawulelwa ukugcina lo mntwana.

Wena kunye nomntwana lowo kufuneka nibe nihlala eMzantsi Afrika.

Qaphela: Awukwazi ukusifumana esi sibonelelo-mali ngabantwana abangaphezulu kwesithandathu abangengobakho okanye ongabamkelanga njengabantwana bakho ngokusemthethweni.

Uza kufumana malini?

Uza kufumana ama-500 eerandi ngenyanga ngomntwana ngamnye. (Top-up R500 + R250)

Uza kuhlawulwa njani?

I-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) iza kukuhlawula esi sibonelelo ngenye yezi ndlela zilandelayo:

  • ngokunika imali esandleni kwindawo eyodwa ekuhlawulelwa kuyo ngosuku oluthile
  • ngokuyifaka kwi-akhawunti yakho yebhanki ngokusebenzisa i-intanethi okanye kwi-akhawunti yePostbank (ibhanki isenokuhlawulisa ngalo nkonzo)
  • kwiziko elisebenza njengomlawuli wesibonelelo-mali.

Qaphela: Ukuba awukwazi ukuyilanda ngokwakho le mali, ungazichongela umntu kwi-ofisi yakwa-SASSA oza kumnika ilungelo lokwamkela imali egameni lakho, okanye unike omnye umntu ilungelo lokulanda imali yesibonelelo egameni lakho.

Singahlaziywa nini isibonelelo-mali somntwana?

Abakwa-SASSA bangathatha isigqibo ngokwabo ukuba isibonelelo-mali somntwana kufuneka sihlaziyiwe. Umvuzo wakho njengoko ubuwazisile ngela xesha ubufaka ngalo isicelo sesibonelelo-mali kuza kujongwa wona xa kuthathwa eso sigqibo. Uza kwaziswa kwisithuba seenyanga ezintathu phambi komhla wokuhlaziywa kwesibonelelo-mali okanye umhla esilindeleke ngawo isatifikethi sobomi (ixwebhu eliqinisekisa ukuba usaphila na). Ukuba imali yakho uyifumana ngebhanki, ngeziko okanye kulo mntu wakwa-SASSA umchongileyo, uyakulindeleka ukuba ugcwalise isatifikethi sobomi kwi-ofisi yakwa-SASSA qho ngonyaka.

Singarhoxiswa nini isibonelelo-mali somntwana?

Oku kulandelayo kungakhokelela ekurhoxisweni kwesibonelelo somntwana:

  • ukutshintsha kwemeko yakho
  • iziphumo zohlaziyo
  • ukuba khange kufunyanwe ntsebenziswano kuwe ngethuba kuhlaziywa isibonelelo-mali somntwana
  • xa uthe wenza ubumenemene okanye wanikezela ngolwazi olungeyonyani malunga nomntwana
  • ukuba kwathi kanti bekukho impazamo ekuvunyweni kwesibonelelo-mali somntwana.
  • ukuba umntwana akasekho phantsi kwakho.

Siphelelwa nini lixesha isibonelelo-mali sakho?

Isibonelelo-mali siyakuphelelwa lixesha:

  • ukuba umntwana uswelekile
  • ukuba umntwana ungeniswe wamkelwa kwiziko likarhulumente
  • ukuba umntu owamkela le mali ungumongi womntwana akasilandanga isibonelelo-mali kwade kwadlula iinyanga ezintathu zilandelelana
  • ukuba umntwana akekho kweli lizwe
  • ekupheleni kwenyanga umntwana agqibe ngayo iminyaka eli-18.

Kokuphi omawukwenze

  1. Yiya kwi-ofisi ye-Arhente yeszBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) ekufutshane nalapho uhlala khona uze noku kulandelayo:
    • Icwadi-sazisi (i-ID) enebha khowudi (enamanani ali-13 kunye nesatifikethi sokuzalwa somntwana. Ukuba awunayo i-ID okanye isatifikethi sokuzalwa somntwana:
      • kufuneka ugcwalise ifomu yakwa-SASSA elungiselelwe ukwenza inkcazelo efungelweyo phambi koMfungisi ongelilo igosa lakwa-SASSA.
      • Yiza nala maxwebhu alandelayo:
        • inkcazelo efungelweyo etyikitywe ngumntu obekekekileyo (umz. uceba, inkokheli yezemveli, unontlalo-ntle, umfundisi wakwalizwi) omaziyo umfaki-sicelo kunye nomntwana   
        • isiqinisekiso sokuba usifakile isicelo se-ID okanye nesatifikethi sokuzalwa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
        • i-ID yakho yethutyana ekhutshwe liSebe leMicimbi yezeKhaya (ukuba iyachaphazeleka).
        • Isatifikethi sokuphehlelelwa ukuba sikhona.
        • Ikhadi lasekliniki ukuba likhona
        • Ingxelo yesikolo ukuba ikhona.
    • Isiqinisekiso sayo nayiphi na imali yesondlo oyifumanayo ngalo mntwana.
    • Isiqinisekiso somvuzo wakho.
    • Isatifikethi sakho somtshato (ukuba utshatile).
    • Ukuba ungumntu owaqhawula umtshato, umyalelo wenkundla ochaza ukuba umntwana unikezelwe kuwe.
    • Ukuba omnye okanye bobabini abazali bomntwana basweleka okanye balahleka, isatifikethi sokusweleka salowo uswelekileyo okanye isiqinisekiso sokuba umzali ulahlekile, umz, ingxelo yomntu olahlekileyo evela emapoliseni.
  2. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo phambi kwegosa lakwa-SASSA (qaphela ukuba nguwe kuphela njengomfaki-sicelo okanye igosa lwakwa-SASSA abanokugcwalisa ifomu yokufaka isicelo).
  3. Uza kunikwa irisiti. Yigcine njengesiqinisekiso sokuba usifakile isicelo.

Ukuba asivunywanga isicelo sakho?

Ukuba isicelo sakho asivunywanga, abakwa-SASSA bayakwazisa ngembalelwano ukuba kutheni isicelo sakho singaphumelelanga.

Ukuba awuvumelani neso sigqibo, ungafaka isibheno kuMphathiswa woPhuhliso loluNtu kwi-ofisi yesizwe yeSebe loPhuhliso loluNtu, ucacise ukuba kutheni ungavumelani nokungaphumeleli kwesicelo sakho. Kufuneka ufake isibheno zingadlulanga iintsuku ezingama-90 emva kokuba wazisiwe ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.

Sithatha ixesha elingakanani

  • Inkqubo yokuqwalasela isicelo ingathatha iinyanga ezingafika kwezintathu.
  • Ukuba isicelo sakho sivunyiwe, uza kuhlawulwa ukususela ngomhla owafaka ngawo isicelo.

Kubiza malini

Le nkonzo isimahla.

Iifomu emazigcwaliswe

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki ku-intanethi, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yakwa-SASSA ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshelana nabani

I-Arhente Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA)

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email: GrantEnquiries@sassa.gov.za  

Published Date

Share this page