Uvavanyo lokuba unguyise kusini na

Ukuba ngaba ufuna ukuyazi ukuba ingaba uzalana ngokusegazini kusini na nomntu othile okanye hayi, usenokuya kuvavanyo lokuba unguyise na kwiNkonzo yeSizwe yeLebhu yeSebe lezeMpilo.

Uvavanyo lokuba unguyise kusini na luhlela luphonononge udidi lwegazi lakho ukuqinisekisa ukuba ingaba uzalana ngokwegazi nomntu othile kusini na. Iziphumo ezilandulayo zibonakalisa ukuba awuzalani naye kodwa iziphumo ezingqinayo okanye ezivumayo zibonakalisa kuphela ukuba usenokuba nguye. Umntu, igqwetha okanye umantyi angasifaka isicelo sovavanyo lokuba ubani unguyise kusini na.

Funda ngokuthe vetshe malunga novavanyo lokuba unguyise kusini na okanye qhagamshelana neNkonzo yeSizwe yeLebhu yeSebe lezeMpilo e kule nombolo: 011 489 9470.

 

Share this page