Uvavanyo lokukhulelwa

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga novavanyo lokukhulelwa

Ukuba ukrokrela ukuba ukhulelwe, yiya kwiklinikhi okanye kugqirha osemthethweni okufutshane nawe uyokwenziwa uvavanyo lokukhulelwa. Ungazithengela ekhemesti nezixhobo zokuzivavanya ngokwakho ukukhulelwa.

Ukuba uneempawu ezifana:

  • isicaphu-caphu
  • ukuliphosa ixesha oqhele ukuya ngalo exesheni
  • amabele anambuzelelayo
  • ukudinwa

ukwenza uvavanyo lokukhulelwa kungakunceda ukuba uqinisekise ukuba ukhulelwe kusini na.

Qaphela: Uvavanyo lokukhulelwa luyenziwa naxa umntu edlwengulwe.

Kokuphi omwawukwenze

  1. Yiya kwiklinikhi okanye ugqirha okufutshane nawe
  2. Gcwalisa ifomu yomntu oze kwagqirha okanye eklinikhi 
  3. Ukuba ukhetha:
    • ukuvavanya igazi, ugqirha uza kutsala igazi aze alithumele elebhu liye kuhlolwa.
    • ukuvavanya umchamo, ugqirha uza kunika itotana yokuchamela uze umnike umchamo wakho.

Qaphela: Ungazithengela ekhemesti izixhobo zokuzivavanya ngokwakho ukukhulelwa.

Kuthatha ixesha elingakanani

  • Iziphumo zovavanyo lomchamo – ziphuma ngoko nangoko
  • Iziphumo zovavanyo lwegazi – zithatha iiyure okanye iintsuku ezimbalwa

Kubiza malini

Le nkonzo isimahla kwiiklinikhi nezibhedlela zikarhulumene. Amaziko ezonyango abucala wona abiza imali.

Qaphela: Ungazithengela ekhemesti izixhobo zokuzivavanya ngokwakho ukukhulelwa.

Iifomu emazigcwaliswe

Ifomu yomntu oye kwagqirha okanye eklinikhi. 

Ungaqhagamshelana nabani

Yiya kwiklinikhi okanye kwiziko lezempilo elisemthethweni elikufutshane.

 

Share this page