Ukubhalisa kokuzalwa komntwana

Kufuneka ukubhalisile ukuzalwa komntwana wakho zingadlulanga iintsuku ezingama-30 ezelwe. Ukuzalwa komntwana kungabhaliswa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya ngumzali, ngumlondolozi okanye nguye nabani na othwele uxanduva lomntwana lowo. Ukuba uphesheya kolwandle, ukuzalwa komntwana kungabhaliswa kwiziko lezozakuzo elikufutshane.

Ukubhaliswa kokuzalwa komntwana emva kweentsuku ezingama-30 kuthathwa njengokubhaliswa kwasemva kwexesha kwaye kufuneka iingcombolo ezongezelelweyo.

Xa ukuzalwa komntwana kubhalisiwe, ukhutshelwa isatifikethi esineenkcukacha ezipheleleyo simahla. Usenako ukufaka isicelo sokufumana esinye isatifikethi esineenkcukacha ezipheleleyo, kodwa ke sona kuyakufuneka usihlawulele. Isatifikethi esineenkcukacha ezipheleleyo siyafuneka ukuba ufuna ukuhambela kumazwe angaphandle kweli lizwe kunye nomntwana lowo.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokubhaliswa kokuzalwa komntwana, okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

 

Share this page