Ukuqinisekiswa ngokusemthethweni (ukungqinwa ubunyani) kwamaxwebhu asesikweni

Ukuba ngaba amaxwebhu wakho imvelaphi yawo iseMzantsi Afrika kwaye aza kusetyenziswe kwelinye ilizwe kufuneka kuqala “angqinwe ubunyani” okanye “aqinisekiswe ngokusemthethweni”. Le ke yinkqubo apho ekuthi kubekwe kuyo izitywino kumaxwebhu lawo ukuze amkelwe njengasemthethweni kwamanye amazwe. 

 ICandelo lokuQinisekisa ngokuseMthethweni kwiSebe lezoBudlelwane bamaZwe-ngamaZwe neNtsebenziswano likhupha isiNgqinisiso esoNgezelelweyo okanye isiQinisekiso sokuNgqina ubuNyani ngokuxhomekeke kule mithetho ilandelayo:

  • Amaxwebhu asasebenza ngokusemthethweni.
  • Kufuneka ucebise iCandelo lokuQinisekisa ukuba ixwebhu elo liza kusetyenziswa kweliphi ilizwe ukwenzela icandelo likwazi ukuqinisekisa ukuba isiNgqinisiso esoNgezelelweyo okanye isiQinisekiso sokuNgqina ubuNyani siyafuneka na.
  • Ngokuxhomekeke kuhlobo loxwebhu, kungafuneka uqale ngokulugximfizisa okanye lutyikitywe lisebe okanye iziko elifanelekileyo; nguMantyi oyintloko, uMantyi owoNgeziweyo okanye uMantyi oNcedisayo: okanye uMgcini-zincwadi okanye uMgcini-zincwadi oNcedisayo weNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika phambi kokuba iCandelo lokuQinisekisa ngokuseMthethweni libe nokukhupha isiNgqinisiso esoNgezelelweyo okanye isiQinisekiso sokuNgqina ubuNyani esifanelekileyo   

La maxwebhu alandelayo awamkelekanga:

  • Amaxwebhu awafinyeziweyo okanye amaxwebhu ashicilelweyo wekhompyutha.
  • Iikopi zeziqinisekiso zemitshato, zokuzalwa, zokusweleka okanye iziqinisekiso zobumsulwa ezivela emapoliseni.
  • Iikopi eziQinisekisiweyo zoBume bezoMtshato (ngaphandle kwesithintelo) okanye isiQinisekiso soBummi.
  • Iikopi zamaxwebhu okundwendwela okanye amaxwebhu ezazisi.
  • Amaxwebhu aqinisekiswe nguMkomishinala weziFungo ukuba aziikopi zokwenene, awamkeleki kwaye kufuneka asiwe kwiGqwetha elinamaGunya okuFungisa ngokuseMthethweni (igqwetha elibhaliswe kwiNkundla ePhakamileyo).

Funda ngokuthe vetshe malunga nokuqinisekiswa ngokusemthethweni kwamaxwebhu asesikweni, qhagamshelana neCandelo lokuQinisekisa ngokuseMthethweni kumnxeba ongunombolo: 012 351 1726 okanye i-imeyili ethi: legalisation@dirco.gov.za

 

Share this page