Hlaziya ilayisenisi yakho kaMabonakude

Ungayihlaziya ilayisenisi yakho kaMabonakude nge-intanethi, ePosini ekufutshane nawe okanye kuyo nayiphi na i-ofisi yesithili yeZiko lezoSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC) kunye nakwiindawo zokwenza intlawulo. Ilayisenisi kaMabonakude ihlaziywa kube kanye ngonyaka.

Amaziko, kuquka namashishini, adinga ilayisenisi ngoMabonakude ngamnye anawo.

Emakhayeni umzi udinga ilayisenisi ibe nye kuphela ngabo bonke aboMabonakudeabakhoyo endlwini, ukuba zonke zezomnikazi omnye.    

Imihla yohlaziyo ithiwe gabalala kwiinyanga ezili-12. Inyanga yakho yokuhlaziya ixhomekeka kunobumba wokuqala wefani yakho okanye, kungenjalo, kwinyanga othenge ngayo umabona-kude wakho. 

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokuhlaziywa kwelayisenisi kaMabona-kude kwiZiko lezoSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC)  okanye qhagamshelana ne-SABC kwa: 011 330 9555. E-mail: tvlic.info@sabc.co.za 

 

Share this page