Uncedo lobumelelizwe

ISebe lezoBudlelwane bamaZwe-ngamaZwe neNtsebenziswano linikezela ngeenkonzo zobumeli bozakuzo kubemi boMzantsi Afrika abasebenza, abahlala, abahambele nabafunda kumazwe angaphesheya.

Ngokuxhomekeke kuhlobo lwenkonzo oyifunayo, kusengafunwa uhlobo lwesazisi esisemthethweni nesisebenzayo. Ukuba ngaba kukho intandabuzo naxa kunokwenzeka ukubuzisa ngomnxeba kungalonga ixesha ekuhambeni kwethuba. Iinkonzo zobumeli bozakuzo zisimahla ngaphandle kokuba kucaciswe ngolunye uhlobo.

Iinkonzo zingaquka uncedo kwiimeko zikaxakeka, uncedo lwezomthetho okanye uncedo lokwenzela kwakhona amaxwebhu okundwendwela abiweyo okanye alahlekileyo.

Ukufumana uncedo xa ukumazwe angaphesheya qhagamshelana nommeli woMzantsi Afrika okanye uMlawuli Jikelele  kwiiNkonzo zobuMeli boZakuzo ePitoli.

 

Share this page