Uncedo kwabakulomfi ngaphandle

ISebe lezoBudlelwane bamaZwe-ngamaZwe neNtsebenziswano (i-DIRCO) Ngokusebenzisana nabezozakuzo balo kumazwe angaphesheya, babonelela ngoncedo lwenkxaso yezokulungiselela neengcebiso kwizizalwane nezalamane xa kuthe kwasweleka ummi woMzantsi Afrika ekumazwe angaphesheya.

Uncedo luquka uku:

  • fumana iphepha-mvume kwiSebe lezeMpilo yokungenisa elizweni isidumbu salowo uswelekileyo  
  • gcina usapho luphantsi koqhagamshelwano nabangcwabi abanegama elihle kwelo lizwe apho umfi aswelekele khona
  • fumana iingxelo zamaxabiso okuhambisa isidumbu salowo uswelekileyo nawokutshiswa kwesidumbu okanye nawomngcwabowakwelo lizwe, ukuba kucelwe njalo zizihlobo nezalamane
  • nikezela ngolwazi lweemeko zakwelo lizwe neenkqubo ezichaphazela umfi. Kufanele kuhlale kukhunjulwa ukuba indlela umntu asweleke ngayo ingayichaphazela indlela abasemagunyeni balo ndawo abayiphatha ngayo imeko. 

Ukuba umfi lowo une-inshorensi yezohambo, qhagamshelana neziko le-inshorensi leyo kuqala ukufumanisa ukuba ingaba umfi unayo na i-inshorensi elungiselela xa eswelekile na. uRhulumente waseMzantsi Afrika akanikezeli ngoncedo lwezimali ngokumalunga nokusweleka kwabemi boMzantsi Afrika bakumazwe angaphesheya.

Funda ngokuthe vetshe malunga noncedo olunikezelwayo xa ummi woMzantsi Afrika eswelekele kumazwe angaphesheya. Usenakho nokuqhagamshelana noMmeli woMzantsi Afrika ngaphesheya okanye neSebe lezeMpilo kwinombolo yomnxeba ethi: 012 395 8000.

 

Share this page