Isicelo sepaspoti yokukhenketha

Ukuba ngaba ufuna ukuhambela kumazwe angaphesheya, udinga ipaspoti.

Ipaspoti luxwebhu elikhutshwa ngurhulumente wesizwe elikhuphela uhambo lwamazwe-ngamazwe kwaye lungqina ukuba umntu ungubani na nobuzwe balowo yenzelwe yena.

Kufuneka ube nencwadi yesazisi yoMzantsi Afrika ukuze ube nokufaka isicelo sepaspoti, okanye ukuba ngaba ungumntwana, isatifiketi sokuzalwa. 

Ukuba ngaba ukuhambo lokwenza umsebenzi osesikweni waseburhulumenteni, unokufaka isicelo sepaspoti esesikweni. Abezozakuzo bafumana iipaspoti zezozakuzo.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nepaspoti okanye amaxwebhu okundwendwela okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page