Ungasifaka njani isicelo seSiqinisekiso soKuba awuBandakanyeki kulo nolunjani na uLwaphulo-mthetho (i-PCC)

Ukuba ngaba ufuna ukufudukela okanye ukuya kuphangela ngaphesheya, kufuneka ufake isicelo se-PCC  kwisikhululo samaPolisa oMzantsi Afrika esikufuphi nawe.

Esi siqinisekiso singqina ukuba wawukhe wafunyaniswa unetyala na ngaphambili okanye hayi.

Kufuneka unikezele ngamagama wakho apheleleyo, ifani, umhla wokuzalwa kunye nencwadi yesazisi okanye ipaspoti kwisikhululo samapolisa apho kuza kuthathwa khona iminwe yakho.

Ukuba ngaba ungaphandle kweli lizwe, ungafaka isicelo sakho kuso nasiphi na isikhululo samapolisa kwelo lizwe ukulo okanye kuNozakuzaku woMzantsi Afrika.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngokufaka isicelo seSiqinisekiso soKuba awuBandakanyeki Kulo nolunjani na uLwaphulo-mthetho.

 

South African Criminal Record Centre
Tel 012 393 3928
E-mail crc-nameclear@saps.org.za
Physical address Sanlam Plaza West, CRC Client Service Centre, 1st Floor, 271 Schoeman Street, Pretoria
Postal address South African Criminal Record Centre, Private Bag X308, Pretoria 0001, South Africa
Web address https://www.saps.gov.za/

 

Share this page