Iinkonzo zamabanjwa aseMzantsi Afrika

Abemi boMzantsi Afrika ababanjwe okanye abavalelwe kumazwe angaphesheya bangacela abasemagunyeni ukuba babavumele ukuba baqhagamshelane nommeli woMzantsi Afrika okwela lizwe. Kungenjalo, kubekhona umntu oqhagamshelana noMeli woMzantsi Afrika okwela lizwe okanye uMlawuli Jikelele kwiiNkonzo zobuMeli boZakuzo weSebe lezoBudlelwane bamaZwe-ngamazwe neNtsebenziswano ePitoli egameni labo.

Amagosa obumeli bozakuzo aza kunceda ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika ababanjiweyo ngaphesheya baphathwa ngokobuntu ngeli xesha beseluvalelweni. Aza kutyelela abo bemi babanjiweyo, babanike ulwazi malunga nenkqubo yezomthetho yelo lizwe aze aqhagamshelane neentsapho nabahlobo babo, ukuba ngaba acelwe ngesicelo esibhalwe phantsi.

Funda ngokuthe vetshe malunga noncedo olunikwa aBemi boMzantsi Afrika ababanjiweyo bekumazwe angaphesheya, okanye qhagamshelana nommeli woMzantsi Afrika wozakuzo okufutshane nawe okanye uMlawuli Jikelele kwiiNkonzo zobuMeli boZakuzo ePitoli.

 

Share this page