Bhalisa njengomntu ofundisa abanye ukuqhuba

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa njengomntu ofundisa abanye ukuqhuba

Ukuze ube ngumntu ofundisa abanye abantu ukuqhuba ngokusemthethweni eMzantsi Afrika, kufuneka ubhalise kwiSebe lezoThutho lePhondo. Abafundisa abanye ukuqhuba kufuneka babenesiqinisekiso esichaza udidi okanye uhlobo lwesithuthi abaqinisekiselwe ukufundisa abanye ngaso.

Abafundisa abanye ukuqhuba bahlelwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Uhlobo A – ngumntu ofundisa abanye ukuqhuba okwaziyo ukufundisa umntu afumane iphephamvume layo nayiphi na ikhowudi kwaye yena unephephamvume elingukhowudi EC lokufundisa ngemoto etshintswayo kunye nelingukhowudi A lokuqhuba;
  • Uhlobo B – ngumntu ofundisa abanye ukuqhuba okwaziyo ukufundisa umntu afumane iphephamvume elingukhowudi B, C1, C, EB, EC1 kunye no-EC, kwaye yena unephephamvume elingukhowudi EC lokuqhuba efundisa ngemoto etshintshwayo;
  • Uhlobo C - ngumntu ofundisa abanye ukuqhuba okwaziyo ukufundisa umntu afumane iphephamvume elingukhowudi A1, A kunye no-B, aze yena abe nephephamvume elingukhowudi EB lokuqhuba kunye nokhowudi A efundisa ngemoto etshintshwayo
  • Uhlobo D - ngumntu ofundisa abanye ukuqhuba okwaziyo ukufundisa umntu afumane iphephamvume elingukhowudi B, aze yena abe enephephamvume elingukhowudi EB lokufundisa ukuqhuba ngemoto etshintswayo; okanye
  • Uhlobo L - ngumntu ofundisa abanye ukuze bafumane iimpephamvume zokufunda ukuqhuba zayo nayiphi na ikhowudi yokuqhuba.

Uza kusebenzisa uhlobo lwesithuthi onephephamvume laso. Isiqinisekiso sokufundisa abanye ukuqhuba sisemthethweni unyaka omnye kuphela.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwelona ziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba elikufutshane nawe uphethe isiqinisekiso sikagqirha (MC) wenze idinga lomhla wovavanyo.
  2. Zalisa uxwebhu lweSicelo sokubhalisa njengomntu ofundisa abanye ukuqhuba (RI)
  3. Uya kuthunyelwa kwisikhululo samapolisa ukuze ufumana isiqinisekiso.
  4. Ngomhla obekiweyo wovavanyo, uza kubhala uvavanyo. Ukuba uphumelele, kufuneka uhlawule umrhumo omiselweyo.
  5. Iziko lovavanyo liza kusithumela isicelo sakho kuMphathiswa wephondo (MEC) ukuba asivume okanye asikhabe. Ukuba sivunyiwe, iziko lovavanyo liza kukhupha imvume.

Ixesha elimiselweyo

Imvume ingaba seyilungile kwiiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yempephamvume yasekuhlaleni ufumane ixabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

  • Isicelo sokubhalisa njengomntu ofundisa abanye ukuqhuba (RI)
  • Isiqinisekiso sikaGqirha  (MC)

Amaxwebhu ayafumaneka kuwo nawaphi na amaziko okuvavanyelwa impephamvume zokuqhuba okanye kwiwebhusayithi ye-eNatis.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact the licensing office at your local municipality

Share this page