Isicelo sobhaliso lwesikhululo sokuthesta izithuthi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubkalisa isikhululo sovavanyo lwezithuthi (i-VTS)

I-VTS liziko elivavanya ukulungela kwezithuthi ukuba zisetyenziswe kwiindlela  zikawonkewonke zaseMzantsi Afrika. Ukuba isithuthi silupasile uvavanyo, isatifiketi sokulungela ukuhamba endleleni siza kunikezwa.

Ukubhalisa isikhululo sovavanyo lwezithuthi (i-VTS), kufuneka ubhale iafidavithi okanye isiqiniselo esichaza izizathu zokubhalisa oko uze uyi(si)ngenise ku-MEC.

Iafidavithi okanye isiqiniselo e(si)lindelekileyo kufuneka i(si)qulathe:

  • Iinkcukacha zakhe wonke umntu, okanye amalungu okanye abalawuli bakhe wonke umntu onelungelo ngokusemthethweni  esiza kuthi eso sikhululo sovavanyo sibhaliswe ngegama lakhe xa sinokuthi eso sicelo samkelwe;
  • Indawo kanye kanye esiza kuba kuyo isikhululo sovavanyo eso sindululweyo;
  • Udidi lwesikhululo sovavanyo esiza kuqhutywa (Udidi A lwesikhululo sovavanyo lugunyaziswe ukuba luhlole kwaye luvavanye isithuthi salo naluphi na uhlobo ukulungela ukuhamba endleleni, kwaye uDidi B lwesikhululo sovavanyo lugunyaziselwe ukuhlola kwaye luvavanye isithuthi salo naluphi na uhlobo ngaphandle kwebhasi, iminibhasi okanye isithuthi esingaphaya kwama-3500kg); kwaye
  • Yonke imiba enxulumene nokujongwa kokufaneleka kweso sicelo, yandlalwe kwisivumelwano esiza kugqitywa phakathi kuka-MEC nomnini wesikhululo njengoko kundululwe kwiShedyuli Schedule 3 ye-National Road Traffic Act.

Ukuba nje i(si)funyanwe, u-MEC uza kusithathela ingqalelo isicelo sakho.

Ukuba isicelo sakho samkelwe, oku kulandelayo kufuneka kuhlangatyezwane nako:

  • I-VTS yakho kufuneka ihlangabezane nobuncinane beemfuneko zezikhululo zovavanyo ezandlalwe kwiShedyuli 4 ye-National Road Traffic Act No.93 ka-1996
  • Isakhono sokuvavanya nokuhlola isithuthi ngokwayamene “Nokuvavanywa nokuhlolwa kwezithuthi” njengoko kubonakalisiwe kwi-SANS 10047

Ukuhlolwa nokuvavanywa kwesithuthi kwisikhululo sovavanyo njengoko kufuneka kuluhlu lwemithetho yendlela yokusebenza emayilandelwe SABS 047 "Ukuvavanywa kwezithuthi ukuba zilungele ukuhamba endleleni".

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwezolawulo lwamaphondo
  2. Gcwalisa ifom yesicelo i-TS1.
  3. Ngenisa oku kulandelayo:
    • uxwebhu lokubhengeza
    • iinkcukacha zamalungu okanye abalawuli
    • indawo kanye kanye esiza kuba kuyo isikhululo
    • udidi lwesikhululo
    • incwadana yesazisi yakho (i-ID).
  4. Bhatala umrhumo omiselweyo.

Qaphela: Ungalindeleka ukuba ungenise amaxwebhu njengoko kufunwa ngu-MEC.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iinyanga ezintandathu ukuqhuba isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana neofisi yonikezo zilayisenisi yengingqi yakho ukufumana indleko.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Isicelo nesaziso malunga nobhaliso lwesikhululo sovavanyo, i-TS1 (Application and notice in respect of registration as testing station, TS1)

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact  your local municipality

Share this page