Imvume kunye nenombolo yokushishina ngeemoto

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nemvume kunye nenombolo yokushishina ngeemoto

Ukuze uqhube isithuthi esingabhaliswanga kwindlela zikarhulumente eMzantsi Afrika, kufuneka ufake isicelo semvume nenombolo yokushishina ngeemoto kuqala.

Inombolo yokushishina ngeemoto isetyenziswa ngabenzi beemoto ababhalisiweyo, abakhi okanye abazithenga kumazwe angaphandle, abanezivumelwano zezothutho lweemoto, abathengisi zimoto okanye amaziko abolekisa ngemali yokuthenga imoto ukuze la mashishini aqhube isithuthi esingabhaliswanga nesingenampephamvume kwindlela zikarhulumente njengenxalenye yoshishino lwabo. Olo shishino luquka:

  • Ukuthengisa isithuthi
  • Ukutshintsha isithuthi,
  • Ukulungisa isithuthi, okanye
  • Ukusisa isithuthi kubaniniso.
Ofanele kukwenza
  1. Yiya kwelona gunyabantu lobhaliso likufutshane nawe uye uphethe oku kulandelayo:
    • ikopi yesaziso sakho (ID) okanye ileta yegunya ukuba umele inkampani
    • isiqinisekiso sobhaliso lweshishini ukuba umele inkampani
    • umrhumo omiselweyo. 
  2. Zalisa uxwebhu lweSicelo senombolo yoshishino ngeemoto (MTN1) kwigunyabantu lobhaliso lakho lasekuhlaleni.
  3. Chaza isizathu sokufuna inombolo yoshishino ngeemoto uze uchaze nenani leenombolo zoshishino ozifunayo.
Ixesha elimiselweyo

Isicelo sichotshelwa size siphunyezwe kwangaloo mini.

Ingaba kubiza malini na

Fumana imirhumo kwigunyabantu lobhaliso lakho elisekuhlaleni.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu lweSicelo seNombolo yoShishino ngeeMoto (MTN1) (Application and notice i.r.o motor trade number and blank temporary permits [Form MTN1])

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact the registration authority service centre at your local municipality

Share this page