Iimpepha-mvume zabafuna igwiba lokhuselo nezeembacu

Ukuba ngaba ubalekile washiya ilizwe lakho lokuzalwa kuba usoyika iintshutshiso, ube ungenawo amaxwebhu asemthethweni afana nepaspoti okanye ivisa, kufuneka ufake isicelo sokufumana iphepha-mvume legwiba lokhuselo kwiZiko lokwaMkela iiMbacu elikufutshana (i-RPO).

Iphepha-mvume legwiba lokhuselo liphepha-mvume lethutyana olinikwayo ngokuxhomekeke kwisigqibo sesicelo sakho sokunikwa ubume bobumbacu okanye igwiba lokhuselo.

Ukuba ngaba isicelo sakho segwiba lokhuselo siyaphumelela, uza kunikwa iphepha-mvume leCandelo 24 (nelaziwa ngokuthi “liPhepha-mvume leeMbacu”) nelithi likwamkele njengembacu kwaye lisebenza isithuba seminyaka emibini.

 Ukuba ngaba uhleli eMzantsi Afrika ngaphezulu kweminyaka emihlanu ngephepha-mvume lobume bobumbacu, ungafaka isicelo sephepha-mvume yokuba ngumhlali osisigxina.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokufaka isicelo sokunikwa ubume bobumbacu okanye bokufuna igwiba lokhuselo okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page