Kubhalisela ukubangumrhafi

Kufuneka ubhalise njengomhlawuli-rhafu kwiZiko leNkonzo yeRhafu loMzantsi Afrika (-SARS) ukuba ngaba wamkela ngaphezulu kwesixa semali esithile esicwangcisiweyo qho ngonyaka. Kufuneka ubhalise zingadlulanga iintsuku ezingama-60 emva kokwamkela umvuzo.

Bhalisa njengomhlawuli-rhafu, ngokugcwalisa ifomu yokubhalisa ebizwa IT77 onokuyifumana kwiwebhusayti yakwa-SARS.

Uyifaka njani ingxelo yerhafu yengeniso – umntu ozimeleyo

Xa sele ubhalisele irhafu waza wanikwa inombolo yakho yerhafu, ungabhalisela i-eFiling kwa: www.sarsefiling.co.za uze ufayilishe ingxelo yakho yerhafu yengeniso kwi-intanethi xa ixesha lerhafu liqala. Xa ungayibhaliselanga i-eFiling, kwa-SARS baza kuthumela ifomu ekuza kufuneka uyigcwalise uyithumele kubo kwakhona. 

Kufuneka ufake ingxelo yerhafu kwa-SARS khona ukuze kwa-SARS bakwazi ukubala ukuba ingaba kusekho irhafu ekufuneka uyongezile na okanye ekufuneka bekubuyisele na. Irhafu yengeniso yirhafu yesiqhelo oyihlawulela umvuzo wakho ohlawuliswa irhafu.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokuba ubhalisa njani njengomhlawuli-rhafu nokuba uyifaka njani ingxelo yakho yerhafu okanye qhagamshelana nabakwa-SARS ukufumana ulwazi oluthe vetshe.

 

SARS Contact Centre: 0800 00 7277

Share this page