Ukwamkelwa kwikhaya labadala

Malunga
Ekufuneka ukwenze
Ixesha elimiselweyo
Imali ehlawulwayo
Iifomu ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxibelelwano

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokwamkelwa kwikhaya labadala

Ukuba ungumntu omdala ofuna ukukhathalelwa okanye ukongiwa imini nobusuku kwaye ufuna nokuhlala kwikhaya labadala, ungafaka isicelo kwii-ofisi zoonontlalontle okanye kwikhaya labadala elikufutshane nawe.

Ukuze ube unelungelo lokwamkelwa, kufuneka ube:

  • ungumntu ofuna uhoyo imini nobusuku
  • uneminyaka engama-60 okanye ngaphezulu ubudala kwaye ube uyasokola yaye awunabani
  • ungummi woMzantsi Afrika
  • wamnkela imali yenkam-nkam okanye eyomhlala-phantsi.

Qaphela: Akekho umntu onokufaka kwikhaya labadala ngaphandle kwemvume yakho ngaphandle kokuba ingxelo kagqirha ithi awuzinzanga kakuhle ngokwasengqondweni ukuba unganika imvume ngokwakho, okanye oku kwenziwe ngokomyalelo wenkundla. Kwiimeko ezingxamisekileyo kuye kusetyenziswe kubanjiswa ngengxelo kagqirha osemthethweni ngoku kusalindwe ileta engumyalelo wenkundla.

Ekufuneka ukwenze

  1. Ukuba awulazi apho likhoyo ikhaya labadala elikufutshane yiya kwi-ofisi yesebe lezophuhliso loluntu ubuze khona ikhaya labadala elikufutshane.
  2. Gcwalise iifomu zokufaka isicelo wakugqiba uzingenise kweli khaya labadala.
  3. Faka noku kulandelayo:
  • Incwadi-sazisi yoMzantsi Afrika.
  • ingxelo kagqirha.
  1. Uza kuhlolwa kujongwe ukuba ngokwemeko yakho ufanelekile na ukuba wamnkelwe kwaye ufumane nesibonelelo.
  2. Ukuba sele umdala kakhulu okanye uyagula ukuba ungaziyela e-ofisini ukuya kufaka isicelo, cela ilungu losapho lwakho okanye umhlobo aye kufakela isicelo.
  3. Unontlalontle uza kwenza amalungiselelo eze kwikhaya lakho aze kuzibonela ngokwakhe iimeko ophila phantsi kwazo.
  4. Ukuba isicelo sakho asivunywanga kufuneka unikwe isizathu esibhalwe phantsi kwaye ungafaka isibheno kuMphathiswa woPhuhliso loLuntu.

Qaphela: Ukwamnkelwa kwikhaya labadala kuxhomekeka ekubeni zikhona na iibhedi okanye indawo.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sakho siza kuqwalaselwa zingaphelanga iintsuku ezili-14. Uza kufumana impendulo zingaphelanga iintsuku ezingama-30.

Imali ehlawulwayo

Imali ehlawulwayo iza kwahluka.

Iifomu ezigcwaliswayo

Zonke iifomu ziyafumaneka kwikhaya labadala elikufutshane nawe.

Iinkcukacha zonxibelelwano

Iinkcukacha zonxibelelwano zee-ofisi zephondo zeSebe loPhuhliso loLuntu

Share this page