Inkamnkam yabantu abadala

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesibonelelo sendodla

Ungafumana imali yesibonelelo sendodla ukuze ikuncede kubudala bakho. Le mali yobudala ifunyanwa ngabasetyhini abanama-60 eminyaka ubudala nangaphezulu, kunye nabantu abangootata abanama-60 eminyaka nangangaphezulu. Ngaphambili, esi sibonelelo besisakwaziwa ngokuba yimali yomhlalaphantsi wabadala.

Ungazazi njani ukuba uyakufanelekela ukuyifumana?

Ukuze usifumane kufuneka:

  • ube ngummi waseMzantsi Afrika okanye ubengumhlali osisigxina
  • uhlala eMzantsi Afrika
  • ungafumani sibonelelo sentlalo esingesinye
  • ungafumani nakekelo kwiziko likaRhulumente
  • awamkelii ngaphezu kwama R86 280 ngonyaka okanye ukuba awutshatanga. Ukuba utshatile ingeniso yakho ngotshate naye idibene akufanele ibe ngaphezu kwama-R 172 560 ngonyaka,
  • awunampahla exabisa ngaphezu kwama-R1 227 600 kwaye wena notshate naye akufanele nibe nempahla exabisa ngaphezu kwama-R2 455 200.

Uzakufumana malini?

Eyona mali ininzi uza kuyifumana li-R2 180 ngenyanga. Ukuba ngaba uneminyaka engaphezulu kwama-75 ubudala, uza kufumana i-R2 200.

Uzakubhatalwa njani?

I-Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) izakuhlawula esi sibonelelo ngezindlela zilandelayo:

  • esandleni kwiziko lentlawulo ngosuku olu chaziweyo
  • kwi- akhawunti yebhanka okanye ibhanka yeposi yakho (ibhanka ingakuhlawulisa ngale nkonzo)
  • kumakhaya afana nalapho kugcinwa khona abantu abadala.

Qaphela: Ukuba akukwazwi ukuyilanda ngokwakho le mali, ungatyumba umntu wokukumela kwii-ofisi zakwa-SASSA, okanye unike umntu wumbi amagunya asemthethweni ukuba akulandele esisibonelelo.

Singahlaziywa xa kutheni isibonelelo sakho?

Abakwa-SASSA ngabo abanokugqiba ukuba siqwalaselwe isibonelelo sakho. Ingeniso yakho edandalaziswe ngoxa ufaka isicelo semali yesibonelelo izakuba yinxalenye yesisigqibo. Uyakwaziswa kwinyanga ezintathu kusengaphambili umhla esiyakuvavanywa ngawo isibonelelo sakho okanye usuku lokukhutshwa kwesitifiketi sobomi. Ukuba ufumana imali yakho ngebhanka, kwikhaya logcino okanye ngomntu omtyumbileyo ukuba akupeyele, kufuneka ugcwalise uxwebhu lwe setifiketi sobomi kwii-ofisi zakwa-SASSA rhoqo ngonyaka.

Singarhoxiswa xa kutheni isibonelelo sakho?

Ngenxa yezi zizathu zilandelayo isibonelelo sakho singarhoxiswa:

  • xa imeko yakho iguquka
  • ngokweziphumo zeenkqubo yohlaziyo
  • xa ungakwazi uku sebenzisana namagosa akwa-SASSA ngethuba lohlaziyo lwe sisibonelelo
  • ngethuba usenza ubuqhophololo,okanye ungazivezanga zonke inkcukacha
  • xa kwaba nempazamo ngethuba isicelo sakho sesibonelelo siphunyezwa.

Siphela nini isibonelelo semali?

Isibonelelo siya kupheliswa xa:

  • ubhubhile
  • ungeniswa kwiziko logcino lika rhulumente
  • isibonelelo singalandwa iinyanga ezintathu zilandelanayo
  • ungekho kweli loMzantsi Africa.

Ukuba lowo ufamana isibonelelo ungeniswe kwiziko elinesivumelwano norhulumente lokukhathalela nokugcina lowo ufumana isibonelelo, isibonelelo sincitshiswa sibe ngama-25%  zesixa mali sesibonelelo ukusuka kwinyanga ye-4 emva kokungeniswa kwalowo ufumana isibonelelo kwelo ziko. Isibonelelo eso sehlisiweyo siye sibuyiselwe ngoko nangoko ukusuka kumhla lowo ufumana isibonelelo akhutshwe ngawo kwelo ziko.

Imali yesibonelelo sendodla

Ofanele kukwenza

  • Ndwendwela kwi- Arhente yoKhuseleko lwezeNtalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) ekufutshane  kuwe uphathe ezi zilandelayo:
    • Incwadi yakho yesazisi enamanani ali-13 (ID):
      • umele ugcwalise i-afidavithi eyamkelekileyo kwa-SASSA phambi komgunyazisi okanye umkomishoni wezifungo ongelilo igosa lakwa-SASSA
      • zisa ingxelo efungelweyo yaze yatyikitywa ngumntu othembekileyo(ofana noceba  wasekuhlaleni, inkokheli yomthonyana, unontlalo-ntle, umfundisi wecawe okanye inqununu yesikolo) okwaziyo kwakunye nomtwana
      • igosa lakwa-SASSA lizakuthathe umzobo weminwe yakho, uza kuthunyelwa kwiSebe lezeMicimbi yezeKhaya apho uyokufaka isicelo sencwadi yesazisi ngethuba isicelo sakho sesibonelelo ngemali silungiswa. Kodwa esi sibonelelo sizawurhoxiswa xa ungakwazi ukufumana incwadi yesazisi.
    • isiqinisekiso sobume bomtshato (ukuba sikhona)
    • isiqinisekiso sendawo yokuhlala
    • isiqinisekiso sengeniso yakho okanye, inzala (ukuba ikhona)
    • isiqinisekiso sezinto onazo, kuquka ixabiso lendlu yakho
    • isiqinisekiso semali yomhlalaphantsi wakho wangasese (ukuba ukhona)
    • amaphepha asebhankini eenyanga ezintathu
    • ukuba ubuqeshiwe, kufuneka iNgxowa-mali ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (UIF) (incwadi eluhlaza) okanye isitifiketi sokuyekiswa emsebenzi esisuka kumqeshi wakho omdala
    • iimpepha zamafa okanye nobhango kwizinto ebeninazo, nokwahlulwa kwamatyala ukuba iqabane lakho lisweleke ngexesha eliphakathi kweminyaka emihlanu.

Nceda uqaphele: Ukuba umdala kakhulu okanye ugula kakhulu ukuba ungaziyela e-ofisini ukufaka isicelo, ilungu lentsapho okanye ugxa wakho angayokukufakela isicelo. Loo mntu umele aphathe ileta evela kuwe okanye incwadi kagqirha wakho echaza ukuba kutheni ungakwazi ukuza e-ofisini.

  • Gcwalisa ifomu yesicelo phambi kwegosa lakwa-SASSA (qaphela ukuba nguwe kuphela njengomceli okanye igosa lakwa-SASSA elinokugcwalisa ifomu yesicelo). Igosa lizakukudla indlebe ze likwazise ukuba uyakufaneleka ukufumana isibonelelo.
  • Uzakunikwa irisiti ozakuyigcina njengobungqina bokuba ufake isicelo.

Ukuba isicelo sakho asiphumezangwa?

Ukuba isicelo sakho asamkelwanga, abakwa-SASSA bazakukwazisa ngembalelwano isizathu sokungaphumeleli kwaso.

Ukuba awuvumelani nesisigqibo, ungenza isibheno kuMphathiswa wezoPhuhliso loLuntu Kwi-ofisi kazwelonke yeli sebe. Oku kufuneka ukwenzile phambi kokuba kuphele isithuba seenyanga ezintathu emva kokuba waziswe ngesi sigqibo.

Ixesha elimiselweyo

  • Kungathatha malunga neenyanga ezintathu ukuqwalaselwa kwesicelo sakho.
  • Ukuba isicelo semali yesibonelelo sakho siphumelele, uyakuhlawulwa ukususela kumhla owafaka ngawo isicelo.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo ifumaneka simahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki kwi-intaneti, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yokhuseleko lwezentlalo (SASSA) ekufuphi nawe.

Ungaqhagamshela nabani

I -Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA)

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email:  GrantEnquiries@sassa.gov.za  

Share this page