Bhalisa ikhaya labadala

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa ikhaya labadala

Ukuba ufuna ukubhalisa ikhaya labadala njengomntu oyedwa okanye njengombutho, kufuneka ufake isicelo kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Yintoni ekufuneka uyenze

  • Yiya kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nalapho uhlala khona.
  • Zalisa uxwebhu lwesicelo elingunombolo 9.
  • Emva kokufaka isicelo sakho uya kufumana incwadi ekwazisa ukuba sifunyenwe isicelo sakho.
  • Unontlalontle uya kumema abanye abadlala indima abafana nengcali yezempilo nokusingqongileyo kunye negosa lezempilo ukuba baphande bahlole elo khaya kucetywa ukulivula.
  • Emva kokuhlolwa ngabadlala indima, ingxelo yokufunyanisiweyo iya kufakwa kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu apho isicelo siya kwamkelwa okanye samkelwe ngokuxhomekeke kwizinto ezithile okanye singamkelwa.
  • Ukuba awuvumelani nesigqibo, kufuneka ubhene kuMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu kwiintsuku ezingama-90 ufumene isaziso.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iiveki ezine ukuchophela isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Isicelo sona sisimahla kodwa uza kuhlawula iziqinisekiso ezifana nezokusingqongileyo nezempilo.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu okufaka isicelo ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page