Ukuba lilungu le-DeedsWeb

Ukuba usebenzisa i-DeedsWed, ungafumana olu lwazi lulandelayo kwiwebhusayithi:

  • Ulwazi olunxumene nokubhaliswa kwepropati engenakususwa (umz., umhlaba nezakhiwo), olufana:
  • namagama, iinkcukacha zesazisi nokuba batshatile okanye abatshatanga na abo bangabanikazi ababhalisiweyo,
  • imigqaliselo yenkundla ejoliswe kubantu kunye neenkcukacha ngokukhutshelwa kwepropati, kuquka nemihla yokubhaliswa namaxabiso eyayithengwe ngawo
  • iinkcukacha zesivumelwano sokuthenga indlu, kuquka namagama eebhanki ezibolekisa ngemali kunye nemali iyonke ekubolekiswe ngayo
  • Iikopi ezikwikhompyutha (eziyi-PDF) zamalungelo obunini-mhlaba namanye amaxwebhu ashicilelwe nge-scan nange-microfilm.

Ukuze ukwazi ukuxhamla konke oku, kufuneka ubhalise njengomsebenzisi we-DeedWeb njengoko kukho imali ehlawulwayo. (Uluhlu lwamaXabiso abekiweyo ngokoMthetho woLuhlu lamaLungelo obuNini, we-1937, lukhona kwiwebhusayithi.)

Bhalisa kwi-DeedsWeb

Share this page