Faka isicelo sokulinganiswa kwamagama endawo (ukuguqulwa kwamagama) kuluhlu lwamagama kwikhansile yamagama endawo yelo Mzantsi Afrika

Amamgama endawo ngamagama endalo emhlabeni enziwe yimvelo okanye umntu aze athiywa ngokwembonakalo. Amagama eendawo akuluhlu lamagama kwikhansile yamagama endawo yelo Mzantsi Afrika iquka izitalato,izakhiwo zikamasipala kunye neendawo ezilingana macala, ingca kamasipala yokuphumla kunye namangcwaba, neezakhiwo zabucala, idolophu, iindawo ezihlala abantu ezisedolophini, apho kuhlala abantu, isakhiwo zeposi, izikhululo, isikhululo zwenqwelo moya, Amazibuko no hola bendlela, kuqukwa nedalo njengeentaba, imilambo, imifula, amazibuko, amanxweme, izicithi, indalo enamanzi kunye neendawo zezilwanyana. Ukuze uguqule igama lendawo, faka isicelo kwikhansile yamagama eendawo yase Mzantsi Afrika  ekufutshane nawe okanye ikhansile yephondo yamagama endawo yeloMzantsi.

Fumana ngokupheleleyo malunga Nokufaka isicelo sokuguqula igama kuluhlu lwama gama kwikhansile yamagama endawo yeloMzantsi Afrika okanye qhagamshela Isebe Lezobuciko namasiko apha 012 441 3255 / 3000.

 

Share this page