Iipemethe yokuhlala isigxina

UMzantsi Afrika uthanda abangeneleli njengabemi abakwisimo sokwenza igalelo elibonakalayo ukunabisa isiseko soqoqosho loMzantsi Afrika.

Phambi kokuba ufake isicelo sephepha-mvume lokuba ngumhlali osisigxina, kufuneka uchaze ukuba kutheni le nto kufuneka uvakaliswe njengomntu ongathintelwanga okanye njengomntu ongafanelekanga.

Ukuba ngaba wena nomlingane wakho nihleli eMzantsi Afrika ngenxa yephepha-mvume yakho yomsebenzi kangangexesha leminyaka emihlanu ubuncinane, niselungelweni lokufumana iimpepha-mvume zokuba ngabahlali abasisigxina. Abantwana babemmi boMzantsi Afrika okanye babo bangabanikazi beempepha-mvume zokuba ngabahlali abasisigxina nabo bangafaka izicelo.

Iphepha-mvume-phantsi-kwezinye-izizathu isebenza kubemi bamanye amazwe aba:

  • thenjiswe ngomsebenzi osisigxina eMzantsi Afrika
  • nezakhono namabakala emfundo agqwesileyo
  • nenjongo zokuvula amashishini eMzantsi Afrika
  • nelungelo lokuba ziimbacu ngokwemimiselo yeCandelo 27(c) loMthetho wobuMbacu
  • nelungelo ngokwabantu abadla umhlala-phantsi
  • zimeleyo ngokwezezimali
  • zizihlobo (ngokuzalwa okanye wamkelwe njengomntwana ngokusemthethweni) wabemi boMzantsi Afrika okanye wabanikazi beempepha-mvume zokuba ngabahlali ngokusisigxina.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nenkqubo yokufaka isicelo sokuba ngumhlali ngokusisigxina, okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page