Isicelo sokufikeleleka kolwazi

Malunga | Ofanele kukwenza | Ixesha elimiselweyo | Ingaba kubiza malini na | Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa | Ungaqhagamshela nabani

Malunga nokufaka isicelo sokufikelela kulwazi

Unobangela wokuba kubekho umthetho wokukhuthaza ukufikeleleka kolwazi kukuqinisekisa ukuba abemi beli bayakwazi ukusebenzisa ilungelo labo lomthetho siseko lokuthi bafikelele nakoluphi na uhlobo  lolwazi olusezandleni zika:

  • Rhulumente
  • omnye umntu okufanele enze okanye ukkukhusela naliphi ilungelo.

Inkuthazo ekubeni kunikwe ilungelo lokufikelela kulwazi kunyanzelisa isiqhelo sokungabi namfihlo noku thatha uxanduva kurhulument kunye nakwintlangano ezizimeleyio, nokunyusa uluntu apho abantu base Mzantsi Afrika bazakufikelela kulwazi ngoufaneleyo ukuba nceda ukuba bakwazi ukusebenzisa nokukhusela amalungelo abo.

Zeziphi iingcombolo zolwazi, ezikumasebe ka rhulumente okanye naluphi na iqumrhu likarhulumente apho ukufikeleleka kolwazi kungafunyanwa?

Ungacela kufikelela kulwazi kuzo zonke incwadi neengcombolo eziphethwe naliliphi na isebe lika rhulumente, amagosa akhe okanye naliphi na iqumrhu lika rhulumente. Akukhathaliseki ukuba inkcikacha yeyanini
 Oku kuquka:

  • ingcombolo zomntu eziphethwe ngu rhulumente okanye iqumrhu likarhulumente
  • iingcombolo zomnye umntu okanye iinkcukacha: uzifumana ngemvume yallomntu, ingakumbu ukuba iincwadi zineengcombolo ezifihlakeliyo okanye iingcombolo zabucala
  • ulwazi olungathintelwa nguMthetho Wokufikeleleka Kolwazi 
  • inckukacha zesigqeba sika rhulument kunye neekimiti zaso 
  • inkcukacha ezithetha ngokusebenza kwezomthetho wase zinkundleni zama tyala.
  • iinkcukacha:
    • ezifunyenwe yikomiti emiselwe ngo kwezomthetho
    • eziphethwe ligosa leenkundla zamatyala okanye ungxanthathu wenkundla
    • eziphethwe lilungu le Palamente okanye ilungu lesigqeba Sephondo.

Umthetho Wokufikeleleka kolwazi awunakusetyenziswa:

  • Xa iinkcukacha uzifunela ukuzisebenzisa ematyaleni ematyleni asezinkundleni  zasekuhlaleni.
  • Ukuba ityala ezinkundleni okanye ekuhlaleni seliqalile.

Noxa kunjalo, uMthetho wokufikeleleka kolwazi ungaphezulu nakowuphi na umthetho okanye umthetho wesigqeba ongakuthintela  ekubeni ungafikeleli kulwazi aluphi na.

Ofanele kukwenza

  1. Cela isekela legosa lezolwazi le Sebe elo likarhulumente ukuba akuncede ukufumana iinkcukacha onkanye iingcombolo ozifunayo.
  2. Gcwalisa ufake Form 2 : Ummiselo 6: cela ukufumana ilungelo loujonga inkcukacha zequmrhu likarhulumente. Ungalifumana kwiofisi yesebe elo ulifunayo okanye ulifumane ngekhompuyutha apha ezantsi.
  3. Ukuba iinkcukacha oyifunayo ayifumaneki felefele kuyawufuneka uyihlawulele (ngohlobo lwezitampu zerhafu). Ungaphinda uhlawuliswe imali yokungena neyokujonga (jonga isikejuli sezimali apha ezantsi).
  4. Xa ucela iinkcukacha kwiqumrhu lika rhulumente awunyanzelekanga ukuba unike izizathu  okanye ukukhusela ilungelo lakho.

Ixesha elimiselweyo

  • Isekela legosa lezolwazi kufanele liphendule zingaphelanga intsuku ezingamashumi amathathu esifumene isicelo sakho.
  • Ukuba igoza lezolwazi okanye isekela lakhe abafuni kukunika umvume yokufumana ulwazi olucelileyo , ungafaka isibheno nesebe elo okanye iqumrhu lika rhulumente. 
  • Ukuba awanelisekanga ziziphumo ungabenela kwikundla zamatyala.
  • Igosa lezolwazi okanye isekela lakhe liza kukuncedisa ukwenza oku.
  • Ukuba iingcombolo ozifunayo azikho kweli isebe okulo,  kodwa zikwiqumrhu lika rhulumente, isekela legosa lezolwazi liza kudlulisela isicelo sakho kweigosa lezolwazi kuqumrhu likarhulumente zingaphelanga iintsuku ezilishuminane.
  • Iqumrhu likarhulument kufanele liphendule  zingaphedlenga intsuku ezingamashumi amathathu njengomqathango usitsho. Uyawukwaziswa ngokokudluliselwa kwesicelo sakho kwelinye iqumrhu likarhulumente.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

PAIA Forms
 

Ungaqhagamshela nabani

Ukuba ufuna uncedo okanye unemibuzo ngokufumaneka kwenkcukacha ezikurhulumente okanye iqumrhu likarhulumente, nceda uqhagamshele isekela gosa lezolwazi okanye igosa lezolwazi kwisebe elo lika rhulumente okanye iqumrhu likarhulumente.

Share this page