Isicelo sokungenisa elizweni iimveliso zezilwanyana

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokufaka izilwanyana nemveliso

Ukuba ufuna ukufaka kweli loMzantsi Afrika izilwanyana eziphilayo, imveliso yezilwanyana, izinto ezinezifo ezosulelaya, umthetho unyanzelilsa ukuba ufake isicelo kwaye ufumane iphepha  mvume lokufaka izilwana kumlawuli wempilo yazilwanyana.

Kufanele ube nalemvume phambi kokuba isilwanyana okanye imveliso ithunyelwe ukuphuma kwelolizwe liyithumelayo.

Ukuba uthenga izilwanyana zefama ezifana neenkomo, iigusha, iibhokhwe, amahashe, iihagu, ingciniba, inkukhu (hayi iikati nezinja) okanye  incindi yemvelo  yezi zilwanyana. kufanele ufumane imvume kumbhexeshi wophuculo  lwezilwanyana kuqala.
Imibuzo malunga nolwazi ngabagunyazisi bophuculo lwezilwanya tsalela umnxeba kule nombolo 319 7434 okanye 012 319 7424.

Kukho imigaqonkqubo yokuthenga izilwanyana nemveliso yezilwanyana kwamanye amazwe. Imibandela yezempilo ihlala iguquka ngako oko qhagamshela icandelo lemithetho yokungena nokuphuma kwe mpahla kubalawuli bempilo yezilwanyana, feksela apha 012 329 6892 ukuze ufumane ulwazi lwamva nje lwemibandela. Kungabakho eminye imithetheo elawula imveliso ezithile ngako oko kufuneka uqinisekise ukuthi  uyonelisa yonke imibandela esemthethweni.

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa uxwebhu lwesicelo olulandelayo:
    1. isicelo sokufaka izilwanya nemveliso yezilwanyana kweloMzantsi Afrika (zizakufakwa kukhuseleko lokungasasazi isifo).
    2. Isicelo sokufaka kweli loMzantsi Afrika izilwanyana okanye imveliso yezilwanyana (zingaphinda zifakwe phantsi kolunye ulawulo).
    3. Isicelo sokufaka izilwanyana kweli loMzantsi Afrika okanye imveliso yezilwanyana (ezingenawufakwa kukhuseleko lokungasasazi izifo).
  2. Qhagamshela abalawuli bempilo yezilwanyana  ukuba awuqinisekanga ngamaxwebu omawuwagcwalise.
  3. kufuneka uhlawulele iphepha mvume lokuthenga izilwanyana phesheya (iphinda ubhekwe kokutsha unyaka nonyaka ipapashwe kwigazethi ka rhulumente.
  4. Hlawula imali yemvume kwibhanki yeSebe:
  5. Igama le Bhanki: Standard Bank of South Africa
  6. igama lomnini akhawunti : National Department of Agriculture.
  7. Inombolo ye akhawunti: 011219556 International Band
    Branch: 010845
    IB brand 0001982 Centre Code
    Swift Code: SBZA-ZAJJ
    Name of the branch: Arcadia
    Thumela uxwebhu olugcwalisiweyo  kunye nobungqina bokuthi uhlawulile kule dilesi:
    The Director: Animal Health
    Import Export Policy Unit
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
    South Africa
    okanye Feksela apha  012 329 8292
    sicela ucacise kwixwebhu lwesisicelo ukuba ufuna imvume ithunyelwe kuwe okanya uzakuyilanda ngokwakho.
  8. kwilixa apho izilwanyana kufanele zifakwe kukhuseleko lokussulelwa zizifo, kufanele uthinte igosa lonyango lwezilwanyana kwizibuko lokungena:
  9. Johannesburg Tel: 011 973 2827 or Fax: 011 973 2828
  10. Cape Town Tel: 021 551 2050 or Fax: 021 551 1378
  11. indawo yokhuseleko lokuseleleka zizifo yaseThekwini ayisebenzi, kodwa ulwazi lungafumaneka kulenombolo: 031 368 6011 okanye ifeksi: 031 337 7469
  12. igosa lika rhulumente lonyango lwezinyanya uzakulungiselela ukubekela bucala indawo yokuhlala  kwisikhululo sokhuseleko ekuseleleni ngezifo, kwaye kufanele agcwalise uxwebhu olufaneleyo. Oku ke kuza kuthunyelwa kwiofisi ekhupha amaphepha mvume nge feksi ligosa lezonyango lwezilwanyana likarhulumente.
  13. Gcwalisa uxwebu lokukhulula abagcini (apho izilwanyana okanye intaka ezivela phesheya ziza kugcinwa kwisikhululo sokhuseleko ezifeni) ulufake noxwebu lwesicelo. Ungafumana uxwebhu lokukhulula abagcini kwiofosi ekhupha amaphepha mvumekubalawuli  bempilo yezilwanyana.
  14. Emva kokuba kufunyenwe uxwebhu olugcwalisiweyo  lwesicelo kunye nobungqina bokuthi uhlawulile iphepha mvume lokusebenza ngezilwanyana kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana esliqingqiweyo (template) siza kukhutshwa luthunyelwe kuwe ngqo.
  15. isiqinisekiso sempilo sezilwanyana kufanele sigcwaliswe ngesiNgasi ngamagosa ezempilo yezilwanyana  belizwe elithumelayo.
  16. ukuba usafuna ulwazi oluthe vetshe malunga neenkcukacha zesilwanyana ngasinye  okanye imveliso yesilwanyana ungafumana ikopi yomzekelo we phepha mvume kunye nesiqiniseko sempilo yezilwanyana kwi ofisi ekhupha imvume.
  17. kufanele udlulisele oku okulandelayo kwigosa lwezonyango lwezilwanyana eziphuma kumazwe angaphandle kwizibiko lokungena:
    1. iqobelo lwephepha mvume yokuthenga izilwanyana pheshesheya.
    2. Iqobeli lesiqinisekiso sempilo sezilwanyana
    3. nezinye inkcukacha ezibaliweyo, umzekelo uukukhulula abagcini, isiqinisekiso sokuthintelwa kwisifo sezinja amarabi, Imvume ye CITES njalo-njalo.
  18. Ukuba uthenga amafele amanzi nomilyo, izikhumba, neendebe, igosa lonyango lwezilwanyana engingqini apho kuneziko elivumelweyo kufanele lwamkele isicelo  Igosa elifaneleyo lonyango lwezilwanyana kufanele liphinde lityikitye luphinde lifake isitampu kwixwebhu lwesicelo uphinde usiFeksele kwi ofisi yemvume kubalawuli bempilo yezilwanyana. Xa oku konke kugqityiwe iofisi ekhupha iimvume izakukhupha iphephamvume lokuthenga izilwanyana phesheya. 
  19. ukuba uthenga izilwanyana zefama  ezifana nee nkomo, iigusha, iibhokhwe, amahashe, iihagu, ingciniba, inkukhu (hayi iikati nezinja) okanye  incindi yemvelo yezi zilwanyana. kufanele ugunyaziswe nguMbhexeshi wophuculo  lwezilwanyana kuqala phambi kokuba ufumane iphepha mvume likhutshwe.
  20. Imibuzo malunga nokugunyazwa kophuculo lwezilwanyana tsalela umnxeba kulenombolo :012 319 7434 okanye 012 319 7424.
  21. omabini amaqobelo eemvume kumele abekhona kwigosa lezonyango lwezilwanyana kwizibuko lokungena kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana esikhutshwe lilizwe elithumelayo.

Isaziso esibalulekileyo:

  • uphawu lwempahla ligama ne fani zomthumeli wempahla.
  • Luxanduva lakho ukuhlawula indleko zebhanki kunye nendleko zebhanki yelinye ilizwe, isebe alinakukhupha iphepha mvume ukuba imali enga nge R120 abayifumananga. (iyaphengululwa unyaka noyaka ipapashwe kwi gazethi ka rhulumente).
  • Itsheki ene gama lomlawuli jikele: ISebe lezolimo, Amahlathi nokuloba ingafakwa noxwebhu lwesicelo ithunyelwe ngeposi kule dilesi ingezantsi: 
  • ungahlawula kwi ofisis ze Sebe lezolimo amahlathi nokuloba ebalwe ngaphantsi kwesihloko esithi Qhamshela.
  • Apho ufaka isicelo egameni lomnye umntu  qinisekisa ukuba uhlawula egameni lakhe okanye igama lekampani.
  • Asikho isicelo esizakuhoywa singekho isiqinisekiso sokuthi kuhlawuliwe. Ubungqina bokuhlawula kufanele bufekselwe kule nombolo: 012 329 8292 egameni lika: Ina Labuschagne

Ixesha elimiselweyo

Ukuba nje igosa lonyango lwezilwanyana kwi ofisi ka zwelonke linga samkela isicelo kuthabatha iintsuku ezintathu ukuya kwekwezintlanu ukugqoba isicelo kukhutshwe ne phepha mvume.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama-2024/24

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact list: Import and export of animals and animal products

Share this page