Isicelo sepemethe yokuthumela iintlanzi kwilizwe okanye kumazwe angaphandle

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka kweli intlanzi kweli ngenjongo yokwenza ingeniso

Ukuze ufake kweli intlanzi, njengentlanzi yase lwandle, ukuze wenze inzuzo kufanele ufake isicelo semvume kwisebe Lezolimo Amahlathi

lemiqathango kuthenga kwamanye amazwe iyalandelwa:

  • iAbalone kunye nezinye  intlanzi zamakhoba akuvunyelwanga ukuthi uzithenge kwamanye amazwe.
  • Unga faka kweli oonokala abakhenkceziziweyo (nezinye izilwanyana) ezinobunzima obuyi 600 g okanye ngaphezulu nganye kanti enobunzima bee toni ezingama 25 ingathengwa kanye ngonyaka.
  • Awukwazi kufaka kweli oononkala abaphilayo.

Qaphela: imvume yokufaka kweli ayiquki intlanzi zasemadamini.

Imvume yokufaka kweli ithatha iinyanga ezintandathu ukusukela ngosuku lokukhutshwa kwe mvume.

Ofanele kukwenza

  1. Fumana uxwebhu lwesicelo semvume yokuthenga kwamanye amazwe kubalawuli beentlanzi kwiGatya le Sebe Lezolimo, Amahlathi Nokuloba kumgangatho ophantsi kwisakhiwo Foretrust , Martin Hammerschlag Way, Foreshore, Cape Town.
  2. Funda uxwebu lwesicelo kakuhle kwaye uqinisekise ngemiqathango nemibandela.
  3. Gcwalisa uxwebu lwesicelo ngezinkcukacha zilandelayo:
    • ididlesi yomntu othenga kuye kwilizwe lakhe
    • amagama apheleleyo new sayensi ezilwanyana ozithengayo
    • ubungakanani bezilwanyana ofuna ukuzifaka kweli.
  4. Kwisicelo sakho ncamathisela oku kulandelayo:
    • Ikopi eqinisekisiweyo ye sazizisakho okanye incwadi zokubhaliswa kwe kampani yakho, umasibambisane, ishishini lokuncedisa.
    • Ikopi eqinisekisiweyo yemvume yokuthenga kumazwe anga phandle kwiSebe Lezorhwebo neMizi yemveliso okanye isaziso semvume kubalawuli bekomishoni yamazwe yezorhwebo.
    • Iqobelo lesiqinisekiso sentlawulo yerhafu kubaqokeleli beRhafu baseMzantsi Afrika.
  5. Bhatala imali ebekiweyo kule akhawunti:
    Bank: First National Bank
    Inombolo ye akhawunti: 62123256382
    Uhlobo leakhawunti: Current
    Igama le akhawunti: Marine Living Resources Fund
    Igama le sebe: Corporate Account Service Cape Town
    Ikhowudi ye sebe: 204109
    fumana ireferensi yakho ngokutsalela  abenkonzo zoncedo loluntu kule nombolo 021 402 3911.
  6. Faka uxwebu lesicelo kwiSebe Lezolimo, Amahlathi Nokuloba, Private Bag X2, Roggebaai, Cape Town, 8012 okanye ufake kwiGatya labalawuli bentlanzi, kumgangatho ophantsi, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, eCape Town  ungathumela ngeposi okanye ufake iqobelo lesicelo, ukuba awukwazi kwenza njalo awunakuyifumana imvume.

Ixesha elimiselweyo

Ingathatha intsuku ezisixhenxe zokusebenza nanga phezulu, kuxhomekeka ekubeni ufake ufake isicelo ngendlela eyiyiyo.

Ingaba kubiza malini na

Customer Service Centre

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Fumana uxwebu lesicelo kwiSebe Lezolimo, Amahlathi Nokuloba , kwiGatya labalawuli bentlanzi kumgangatho ophantsi, Foretrust Building, Martin Hammerschlag Way, Foreshore, eCape Town (Customer Service Centre).

Ungaqhagamshela nabani

 

Call Centre
Tel: +27 12 399 9000
Fax: +27 12 359 3625

Share this page