Amachiza okuthithela izifo kwizilwanyana

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesicelo sephepha mvume lokufaka amachiza okuthintela izifo kwizilwanyana kwelomzanzi Afrika

Ungathenga kumazwe anga phandle ,  wabe okanye uthengise amachiza okuthintela izifo kwizilwanyana kweli lomzantsi Afrika  xa sele ubhalisile ngomthetho wonyaka 1947 womgquba, ukutya kwezilwanyana, amachiza ezolimo namachiza emfuyo (Umthetho 36 wonyaka ka1947).

Ukuba ufuna ukuthenga  ichiza lokuthintela izifo elibhalisiweyo ufuna ukulisebenzisa kwizilwanyana, kufanele ufumane iphepha mvume lwezilwanyana elisuka kubalawuli bezempilo yezilwanyana.

Lemvume yokuthenga ngahandle  yeyxeshana kwaye yeyomthwalo omnye kuphela. Kunemigaqo nkqubo yokulawula ukungena kwezilwanyana kweli. Njengoko imithetho yezempilo iguquguquka  qhagamshelana  noMbexeshi wempilo yezilwanyana kwezi nombolo zilandelayo: Tel 012 319 7507/7684/7700/7673/7456, feksela ku 012 329 6892, VetPermits@daff.gov.za) ukuze ufumane inkcukacha zamva.

Ukuba ufuna ukufaka ichiza lokuthintela izifo elingabhaliswanga ukuze livavanywe kweli loMzantsi Afrika udinga amaphepha mvume amabini. Elinye iphephamvume lisuka kuMbexeshi womthetho 36 wonyaka ka 19747 kanti elinye lona lisuka kubalawuli bempilo yezilwanyana. Isicelo semvume esuka kuMbaxeshi womthetho 36 ka 1947 kufanele sikhatshwe ngumgaqo nkqubo yokwenza uvavanyo.

Abalawuli bempilo yezilwanyana bakhupha imvume yokuthenga phesheya xa sele befumene ikopi yemvume ekhutshwe nguMbexeshi womthetho 36 wonyaka ka 1947. Ichiza lokuthintela izifo elisuka phesheya ngenjongo yovavanyo alithengiswa. Kwimeko engxamisekileyo apho kuqhambuke isifo libe lingekho ichiza elibhalisiweyo, singakho isidingo sokuthi lisetyenziswe ichiza elinga bhaliswanga.

Kuthi ke wena njengomntu ofake elichiza kweli ufake isicelo kwi khansela yabalawuli bamachiza (medicine control council) ngokwesigaba 21 somthetho sokukhululwa nokulawulwa kwamayeza namachiza (umthetho 101 wonyaka ka 1965, as amended ngumthetho 90 wonyaka ka 1997). Udinga imvume yokuthenga phesheya kubalawuli bempilo yezilwanyana ukuze ichiza lingene kweli lizwe. Bakhipha lemvume yokuthenga phessheya kuphela xa ufumene imvume kwi Khansela yabalawuli bamachiza kwaye nawe uveze ubungqina kubo. Phantsi kwale meko ichiza elingeka bhaliswa lingathengiswa okwethutyana kude kugqwitywe ubhaliso.

Ofanele kukwenza

  1. Kuqala ufanele ukubhaliss okanye ufumane imvume kuMbexeshi womthetho 36 wonyaka ka 1947, okanye ubekelwe bucala phantsi kwesigaba 21 somthetho 101 wonyaka ka 1965, wokufaka ichiza lezilwanyana elithintela izifo kweli.
  2. Xa ufumana imvume yokuthenga phesheya kuMbexeshi womthetho 36 wonyaka ka 1947, okanye ukubekelwa bucala phantsi kwesigaba 21 somthetho 101 wonyaka ka 1965, thumela ikopi yayo kunye nesicelo sakho sokuthenga izilwanyana phesheya kuMbhexeshi  wempilo yezilwanyana.
  3. Ukuba ichiza lokuthintela sele libhalisiwe ukuthi linga sebenza kweloMzantsi Afrika ngoko mthetho 36 wonyaka ka 1947, udinga iphephamvume elinye elisuka kubalawuli bezempilo yezilwanyana. Thumela ikopi yobhaliso ngokomthetho 356 wonyaka ka 1947 nesicelo sakho.
  4. Gcwalisa uxwebu lwesicelo se phepha mvume lokuthenga amachiza uwazisa kweli loMzantsi Afrika. 
  5. Thinta abalawulu bempilo yezilwanyana ukuba awuqinisekanga ngoxwebhu omawuligcwalise.
  6. Ugqirha wezilwanyana ka rhulumente kubalawuli bempilo yezilwanyana uzaku qhagamshelana nawe xa kukho ulwazi abalifunayo kwaye bazakuvavanya nobungozi phambi kokuba bajonge isicelo sakho.
  7. Faka kwi akhawunti ye bhanki yesebe:
    I gama le Bhanki: Standard Bank of South Africa
    Igama lomnini Akhawunti: National Department of Agriculture
    Account No: 011219556 International Band
    Branch: 010845
    IB brand 0001982 Centre Code
    Swift Code: SBZA-ZAJJ
    branch: Arcadia
    Isaziso esibalulekileyo: uphawu lwempahla kufanele lube ligama nefani yomthumeli wempahla. Kwilixa apho ufaka isicelo egameni lomnye umntu, qinisekisa ukuthi uhlawula ngegama lalomntu okanye igama lekampani.
  8. Ungahlawula nge tsheki enegama lomlawuli jikelele: Isebe lezolimo, Amahlathi nokuloba.
  9. Ungahlawula kwi ofisi yesebe lezolimo Amahlathi Nokuloba.
  10. luxanduva lakho ukuhlawula indleko zebhanki kunye nendleko zebhanki yelinye ilizwe, isebe alinakukhupha iphepha mvume ukuba imali ayihlawulwanga ngokupheleleyo.
  11. Thumela uxwebu olugcwalisiweyo nobungqina bokuthi uhlawulile kule dilesi:
    The Director: Animal Health
    Import Export Policy Unit
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
    South Africa
    okanye Feksela kule nombolo 012 329 8292 / VetPermits@daff.gov.za
  12. Beka ngokucacileyo kwixwebu lwesicelo ukuba ufuna imvume ithunyelwe kuwe okanye uzakuyilanda ngokwakho.
  13. Emva kokuba kufunyenwe uxwebu lwesicelo sakho nobungqina bokuthi uhlawulile, iphepha mvume lokuthenga izilwanyana phesheya  liza kukhutshwa lithunyelwe ngqo kuwe.

Qaphela: Akukho sicelo sizakujongwa ngaphandle kobungqina bokuthi kuhlawuliwe. Ubungqina behlawulo bungathunyelwa ngohlobo lwe Feksi kule nombolo: 012 329 8292 / VetPermits@daff.gov.za.

Ixesha elimiselweyo

Ukuba nje igosa lonyango lwezilwanyana kwi ofisi ka zwelonke linga samkela isicelo kuthabatha iintsuku ezintathu ukuya kwekwezintlanu ukugqoba isicelo kukhutshwe ne phepha mvume.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama-2023/24

Ungaqhagamshela nabani

Share this page