Faka isicelo sokuthumela iinciniba namaqanda eenciniba kwamanye amazwe

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuthumela iinciniba namaqanda eenciniba kwamanye amazwe

Ukuthumela iinciniba okanye amaqanda eenciniba kwamanye amazwe, kufuneka ufake isicelo semvume yokuthumela kwamanye amazwe kwiGosa loBhaliso lokuPhuculwa kwezilwanyana iintsuku ezingama-30 phambi kokuthumela.
                
Emva kokufaka isicelo, uya kufumana imvume evela kwiQela lezoShishino ngeeNciniba laseMzantsi Afrika (South African Ostrich Business Chamber).

Ukuba kukho umkhuhlane weenkukhu okanye naluphi na uhlobo lwesifo, iinciniba aziyi kuthunyelwa kwamanye amazwe de iimpawu zesifo eso zibe ziphelile. 

Kufuneka ubengumntu osemthethweni, umzekelo John Peter Citizen, okanye John Peter Citizen T/A Diepsloot Stud, okanye Diepsloot Stud CC, okanye Diepsloot Stud (Pty) Ltd, okanye Diepsloot Ltd.

Ofanele kukwenza

  1. Zalisa uxwebhu lwesicelo sokuthumela iinciniba okanye amaqanda eenciniba kwamanye amazwe uze usifake kwi:
    Gosa loBhaliso lokuPhuculwa kwezilwanyana, Private Bag X138, Pretoria, 0001 okanye Delpen Building, corner Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria 0084.
  2. Faka oku kulandelayo:
    • Imvume yokuthumela kwamanye amazwe evela kwilizwe onqwenela ukuthumela kulo. 
    • Isiqinisekiso sezempilo esivela kugqirha wezilwanyana karhulumente wasekhaya     
    • Incwadi egunyazisa lowo unelungelo lokutyikitya (i-arhente) ukuba ityikitye isicelo egameni lakho              
    • Nika izizathu nempembelelo yenjongo yokuthumela kwamanye amazwe                                            
  3. Ungahlawula ngetshekhi okanye ngephetshana eliyimali yaseposini kuMlawuli Jikelele, iSebe lezoLimo, amaHlati nokuLoba. Nazi iinkcukacha zebhanki: 

Standard Bank
DAFF-Animal Improvement
Isebe: Pretoria
Inombolo ye-akhawunti: 010725385
Inombolo yesebe: 010045.                                    

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iintsuku ezingama-30 ukuchophela izicelo.

Ingaba kubiza malini na

R390

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Faka isicelo sokuthumela iinciniba okanye amaqanda eenciniba kwamanye amazwe (Apply for exportation of ostriches or eggs)

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate: Animal Improvement

Tel: 012 319 7486
Fax: 012 319 7570
Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001

Share this page