Isicelo semvume yokuthumela imichiza kumazwe angaphandle

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga isicelo semvume yokuthumela imichiza kumazwe angaphandle

Ukuba ufuna ukuthumela imichiza ethile kumazwe angaphandle, kufuneka ube nemvume evela kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).

Imichiza ilawulwa ukuze ithobele uMnqophiso waseMontreal kunye neNgqungquthela yeZizwe eziManyeneyo yowama-1988 eChasene nokuSasazwa ngokuNgekhomthethweni kweZiyobisi neZidodobalisi. Ezi ziinzame zamazwe ngamazwe zokukhusela uqweqwe lwe-Ozone kunye nokulwa ukuveliswa nokushishina ngeziyobisi ngokulandelelana kwazo.

Xa ufaka isicelo semvume yokurhweba ngokuthumela imichiza kumazwe angaphandle, kufuneka ufumane incwadi ekuthethelelayo evela  kwiNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika (SAPS) okanye evela kwiSebe lezeMicimbi yokusiNgqongileyo (DEA), kuxhomekeke kumchiza lowo unqwenela ukuwuthumela kumazwe angaphandle.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC) okanye uzikopele uxwebhu olufunekayo.
  2. Zalisa amaxwebhu okufaka isicelo
  3. Faka oku kulandelayo:
    • ikopi yesiqinisekiso sakho seVat
    • ikopi eqinisekisiweyo yesazisi sakho ukuba akunaso isiqinisekiso seVat
    • incwadi ekuthethelayo evela kwiSAPS okanye
    • incwadi ekuthethelelayo evela kwiDEA ukuba imichiza leyo idweliswe kuMnqophiso waseMontreal (Montreal Protocol).

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha malunga neentsuku ezintlanu zomsebenzi ukuchophela isicelo sakho semvume yokuthumela impahla kumazwe angaphandle.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Isicelo semvume yokuthumela impahla kumazwe angaphandle: impahla jikelele (Application for export permit: general goods)

Ungaqhagamshela nabani

 

ITAC
Tel 0861 843 384
City/town Pretoria
Province Gauteng
Physical address International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address Private Bag X753 Pretoria, 0001

 

Share this page