Isicelo sokubhalisela ukubangumthumeli wempahla kumazwe angaphandle

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo semvume yokuthumela impahla kumazwe angaphandle

Ukuthumela iimpahla ezithile eziphuma eMzantsi Afrika, kufuneka ube nemvume eqinisekisa ukuba uyithobele imiqathango elawula ukuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle.

Ukuthunyelwa kwempahla ezithile kungathintelwa ukuxhasa ubugcisa bemveliso yezimbiwa nokucokiswa kwazo ukuze kwenziwe ezinye iimveliso ngazo okanye ukunceda abavelisi basekhaya bafumane izimbiwa phambi kokuba zithunyelwe kumazwe angaphandle.

Imvume yokuthumela impahla kumazwe angaphandle iyafuneka ukuqinisekisa ukuba iimpahla ezithunyelwa ngumntu oyedwa okanye ngumbutho ziyithobele imiqathango yezivumelwano zamazwe ngamazwe.

Iimvume zokuthumela impahla kumazwe angaphandle zikwanceda ukulawula ukuphuma kwempahla yobugcisa bohlobo oluthile okanye ukuthutyeleziswa kunye nokubiwa kwempahla.

Umgaqo-nkqubo wokuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle uyohluka kwicandelo ngecandelo lezorhwebo. Ukuba ufuna ulwazi malunga nokuthumela impahla ethile, kufuneka unikezele ngeenkcukacha zempahla leyo unqwenela ukuyithumela kumazwe angaphandle kwi-ofisi yoLawulo lokuthunyelwa nokungeniswa kwempahla kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).

Asiyiyo yonke impahla elawulwa yimiqathango yokuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle.  Uludwe lwempahla ephantsi kolawulo kwemiqathango yokuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle luyafumaneka kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC) kwaye lungathunyelwa ngeposi, ngefeksi okanye nge-imeyili ukuba ucele ukuba kwenziwe njalo.

Ofanele kukwenza

  1. Tsalela umnxeba kwabezoLawulo lokuThunyelwa nokuNgeniswa kwempahla ku: 0866843384 okanye
  2. ubhalele kuMlawuli Oyintloko Import and Export Control, Private Bag x192, Pretoria uze unikezele ngeenkcukacha zakho zoqhagamshelwano eziya kwenza ukuba abakwa-ITAC bakwazi ukukuthumela amaxwebhu.
  3. Zikopele uze uzalise la maxwebhu alandelayo okufaka isicelo:
  4.  Faka amaxwebhu kwiqela labongameli: ULawulo lokuThunyelwa nokuNgeniswa kwempahla evela kumazwe angaphandle

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha ukuya kwiintsuku ezintathu ukuchophela isicelo sakho semvume yenkonzo yokuthumela impahla kumazwe angaphandle.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

Export Control
Tel: 0861 843 384 / 012 394 3590/1
Physical address The Import and Export Unit, International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address Import and Export Control, Private Bag X192, Pretoria, 0001
Web address http://www.itac.org.za

 

Share this page