Isicelo sokuthumela kumazwe angaphandle izilwanyana, izihluma, amaqanda kunye namadlozi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuthumela izilwanyana, izihluma, amaqanda kunye namadlozi

Ukuthumela izilwanyana okanye izihluma zemvelo zemfuzo ezifana nezihluma, amaqanda okanye amadlozi ezisuka eMzantsi Afrika, kufuneka ufake isicelo semvume yokuthumela kwigosa lobhaliso lokuPhuculwa kweZilwanyana.
                                                                    
Umbutho wabafuyi ofanelekileyo okanye igunyabantu lokubhalisa kufuneka lixhase ukuthunyelwa kwazo.
       
Izicelo kufuneka zifakwe kwigosa lokubhalisa iintsuku ezingama-30 phambi kokuthunyelwa kwezilwanyana.            

Ofanele kukwenza

  1. Zalisa uxwebhu lwesicelo ngokuzeleyo.  
  2. Faka isicelo sakho kunye nokuqhotyoshelweyo kwi:
    The Registrar of Animal Improvement
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
  3. Hlawula umrhumo uze uqhoboshele ubungqina bentlawulo kuxwebhu lwesicelo sakho.  
    Iinkcukacha zebhanki zezi:
    Standard Bank
    DAFF-Animal Improvement
    Isebe: Pretoria
    Inombolo ye-akhawunti: 010725385
    Inombolo yesebe: 010045
  4. Faka isicelo kumbutho wabafuyi ofanelekileyo okanye kwigunyabantu lokubhalisa ukuze sixhaswe.                                                                                                         

Ixesha elimiselweyo

Isicelo siya kuphunyezwa kwiintsuku ezingama-30.

Ingaba kubiza malini na

R390

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Animal Improvement

Tel: 012 319 7424/34
Fax: 012 319 7570/7425
Physical address: Delpen Building, Cnr Annie Botha Avenue and Union Street, Riviera, Pretoria
Postal address: The Registrar of Animal Improvement, Private Bag X138, Pretoria, 0001
 

Share this page