Isicelo sokuvunywa nokubhaliswa kwamaziko okuthumela izilwanyana kumazwe

Malunga 
Ofanele kukwenza 
Ixesha elimiselweyo 
Ingaba kubiza malini na 
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa 
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo semvume nokubhalisa isakhiwo sokuthengisa kumazwe angaphandle izinto ezinxulumene  nezilwanyana

Ungakwazi ukuthengisa izilwanyana okanye imveliso yazo kumazwe angaphandle xa ziphuma kwizakhiwo ezihambisana nezinga lezomhlaba okanye imithetho yelizwe elithengayo. Ezindawo zingaquka isilarha esivunyiweyo, isitishi esikhuselekileyo kwizifo, iziko lokuzalisa ngobuxhaka-xhaka, izikolokugcina amaqanda enzalo, indawo yokudla izilwanyanaefama , indawo yemveliso yokutya, izakhiwo zokugcina ukutya.

Ofanele kukwenza

  1. Qhagamshela ugqirha wezilwanyana okufutshane worhulumente wephondo lwakho ukuze ufake isicelo sokuhlolelwa ukubhalisela ukuthengisela amazwe angaphandle.  
  2. Lungiselela ukuhlolwa kweziko nogqirha wezilwanyana wephondo.
  3. Ugqirha wezilwanyana uzakubhala ingxelo ngohlolo, lengxelo ihamba nenkuthazo kunye nokungenziwe. Ithunyelwe kwisebe Lwezolimo, Amahlathi noKuloba ukuze yamkwelwa. 
  4. Ukuba iyamkelwa isebe Lwezolimo, Amahlathi Nokuloba liza kubhalisa iziko likhuphe isiqinisekiso sokubhaliswa esizakusebenza unyaka omnye.

Ixesha elimiselweyo

Kuyahluka ukuya ngephondo.

Ingaba kubiza malini na

Amaxabiso ayahluka ukuya ngokwamaphondo.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu afumaneka  kugqirha we zilwanyana wephondo kuphela ngako oko qhagamshelana naye okanye  isebe lezolimo likazwelonke.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page