Isatikiketi sokusweleka

Ukusweleka komntu kufanele kuxelwe kuye nawuphi na kwaba bantu balandelayo:

  • igosa elithile kwiSebe leMicimbi yezeKhaya
  • amalungu eNkonzo yezaMapolisa oMzantsi Afrika, ingakumbi kwindawo apho kungekho zi-ofisi zeSebe leMicimbi yezeKhaya
  • ukuba ngaba isehlo sokusweleka senzeke kumazwe angaphesheya, umthunywa wezozakuzo woMzantsi Afrika, ummelilizwe okanye ummeli wozakuzo
  • abangcwabi abachongiwe baza bavunywa ngumthetho.

Emveni kokubhaliswa kokusweleka kuya kukhutshwa iNgxelo yokuSweleka. Aba bantu bachongiweyo banakho nokukhupha imiyalelo yokungcwaba. Akukho mngcwabo unokuqhubeka ngaphandle kokugunyaziswa ngohlobo olufana nomyalelo wokungcwaba.

Ebe leMicimbi yezeKhaya liza kukhupha isatifiketi sokusweleka ekufumaneni kwalo isaziso sokusweleka.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokufumana isatifiketi sokusweleka okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page