Ukuvuselela ilayisensi yomqhubi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokuhlaziya icwecwe lakho lephepha–mvume lokuqhuba   

Kufuneka uhlaziye icwecwe lephepha-mvume lakho lokuqhuba iiveki ezine phambi kokuba kokufika komhla wokuphelelwe kwalo lixesha. Ukuba ulihlaziye emva komhla wokuphelelwa kwalo lixesha, kuya kufuneka ufake isicelo sephepha-mvume lokuqhuba okwethutyana ngendleko ezongezelelekileyo lo gama ulinde ukukhutshwa kwephepha-mvume lakho lokuqhuba.

Qaphela: Ukuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba lakho, akuyi kufuneka uvavanyelwe iphepha-mvume lokuqhuba, kodwa uya kuvavanywa amehlo kuthathwe neminwe. Okanye ungaya kugqirha wamehlo akuvavanye uze ufake olo xwebhu lwengxelo kagrirha kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba (DLTC). Ukuba akuboni ngaphezulu kunomhla wokukhutshwa kwephepha-mvume lakho, kuya kufakelwa imiqathango emitsha kwiphepha-mvume lakho.

Ofanele kukwenza

  • Yiya kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba noku kulandelayo:
    • isazisi kunye nekopi yesazisi sakho, icwecwe lephepha-mvume lakho lokuqhuba elidala okanye incwadi yakho yokundwendwela esemthethweni                           
    • iifoto ezingangezesazisi ezine ezimnyama-mhlophe 
    • umrhumo wokufaka isicelo omiselweyo.
  • Zalisa uxwebhu DL1, Isicelo sokuhlaziya icwecwe lephepha-mvume lokuqhuba.
  • Uya kuvavanywa amehlo okanye ungaya kugqirha wamehlo omkhethileyo uze uzise iziphumo zovavanyo olo kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.

Ixesha elimiselweyo

Iphepha-mvume lakho lokuqhuba liya kuba selilungile kwiiveki ezine ukuya kwezintandathu. 

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokuqhuba, DL1. Uxwebhu luyafumaneka kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba kunye newebhusayithi edilesi ye eNatis.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact the relevant municipality

Share this page