Isicelo sepemethe yomqhubi yoqeqesho lobuchule

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo semvume yokuba ngumqhubi

Ukuze uqhube endleleni kawonke-wonke uthutha impahla, izinto ezinobungozi okanye abakhweli eMzantsi Afrika, oko ukwenzela ingeniso, kufuneka ube nemvume yokuqhuba njengengcali esisigxina (PrDP). 
             
Le mvume ikhutshwa njengesongezo phezu kwephepha-mvume lakho lokuqhuba eliqhelekileyo. IMvume yokuQhuba njengoMqhubi oyiNgcali esisigxina ifuneka xa uqhuba ezi ndidi zezithuthi: 

  • isithuthi sokuthutha impahla esibunzima bungaphezu kwama-3 500 kg
  • isithuthi esitsala ezinye ezonakeleyo okanye uduladula/ibhasi  
  • iteksi/uduladula omncinane (ibhasi encinane) ebunzima bungaphaya kwama-3 500 kg okanye eyenzelwe ukuthwala abantu abali-12 okanye ngaphezulu (kuquka nomqhubi) 
  • iimoto ezincinane, ziboniswe kwicandelo lwezoqoqosho njengezithutha abakhweli, oko zikwenzela inzuzo (iiteksi ezizimoto ezincinane)
  • isithuthi esenzelwe ukuthwala abantu abali-12 okanye ngaphezulu
  • nasiphi na isithuthi ekufuneka sikhutshelwe iphepha-mvume ukuze sisebenze 
  • isithuthi esithutha izinto ezinobungozi (umzekelo esithutha ipetroli njalo njalo).

Ubudala obumiselwe ngokwasemthethweni bokuqhuba iindidi zezithuthi bobu bulandelayo: 

  • izithuthi ezithwala impahla - kufuneka ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu  
  • izithuthi ezithwala abakhweli - kufuneka ube neminyaka engama-21 ubudala okanye ngaphezulu
  • izithuthi ezithwala izinto ezinobungozi - kufuneka ube neminyaka engama-25 okanye ngaphezulu. 

Ungakwazi ukufumana iMvume yokuQhuba njengoMqhubi oyiNgcali esisigxina ukuba:

  • unephepha-mvume elisemthethweni lesithuthi eso kuthethwa ngaso
  • uqinisekiswe ngugqirha ukuba ngokwasempilwleni ukulungele ukuqhuba eso sithuthi 
  • uqinisekiswe liqumrhu elifanelekileyo loqeqesho (oku kufunwa kuphela xa uqhuba izithuthi (ezithutha izinto ezinobungozi) ezikwicandelo D)
  • akuzange wabanjwa wagwetyelwa ulwaphulo-mthetho kwiminyaka emihlanu edlulileyo elolu hlobo:
    • ukuqhuba isithuthi uphantsi kweempembelezo zotywala okanye isiyobisi esinefuthe lokudakumbisa
    • ukuqhuba isithuthi lo gama ubungakanani botywala egazini okanye kumphefumlo budlulile kumlinganiselo omiselwe ngokwasemthethweni
    • kwimeko yokufaka isicelo semvume yecandelo P kunye no-D, ityala apho ubundlobongela bebuyinxalenye
  • alizange laxhonywa iphepha-mvume lakho
  • akuzange wagwetyelwa ulwaphulo-mthetho okanye wahlawula isohlwayo sokuvuma ityala.

Njengosebenzisa okanye njengomnini wesithuthi ekufuneka enemvume yokuba ngumqhubi oyiNgcali esisigxina, awunakho ukuvumela omnye umntu aqhube isithuthi kwindlela kawonke-wonke, ngaphandle kokuba naye unemvume esemthethweni yokuqhuba njengomqhubi oyingcali esisigxina yodidi olufanelekileyo lwesithuthi. 

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba (i-DLTC) uze ugcwalise ifomu (i-PD1) yokuFakaisiCelo sePhepha-mvume lokuqhuba ngobuchule.
  2. Gcwalisa ifomu (i-NCP) yesaziso sokutshintshwa kwedilesi okanye iinkcukhacha zomntu okanye umbutho.
  3. Phatha oku kulandelayo:
    • Incwadi yesazisi (i-ID), ikhadi lelayisenisi yokuqhuba, okanye ipaspoti yoMzantsi Afrika esemthethweni.
    • Iifoto zakho ezine ezifanayo ezingenambala. Kufuneka uqale ngokuqinisekisa kwiziko le-DLTC ukuba bafuna iifoto ezingaphi phambi kokuthatha iifoto.
    • Ilayisenisi yokuqhuba esemthethweni (ikhowudi yesithuthi esifanayo neso ufaka isicelo saso)
    • Isatifikethi soqeqesho (ukuba ngaba siyafuneka)
    • Isatifikethi sikagqirha (kuphela ukuba ngaba asinaxesha lingaphezulu kweenyanga ezimbini sikho)
    • Elinye iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule okanye iphepha-mvume lokuqhuba kawonkewonke onayo
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta ye-akhawunti leyo ihambe nale nkcazelo ifungelweyo.
    • Ukuba ngaba uhlala endaweni engamatyotyombe, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
    • Umrhumo wentlawulo omiselweyo.
  4. Uza kwenza uvavanyo lwamehlo kwiziko lokuvavanya. Kungenjalo, ungalenza kugqirha wamehlo ofanelekileyo uvavanyo uze ungenise ifomu.
  5. Emva kokuhlawula, uza kuthunyelwa kwisikhululo samapolisa esikufutshane uyokucela ingxelo yokugwetywa ngenxa yolwaphula-mthetho. Ukuba ngaba i-DLTC inecandelo lokufaka iinkcukhacha ngoko nangoko (i-LCU), ingxelo yolwaphula-mthetho iza kuthunyelwa ngekhompyutha kwisikhululo samapolisa.
  6. Kufuneka ufake umrhumo wokufaka isicelo ebhankini kule akhawunti ingezantsi phambi kokuba kusetyenzwe ngesicelo sakho.
    Iinkcukhacha zebhanki zokufaka umrhumo wokufaka isicelo:
    Igama le-akhawunti: IdecoAFISwitch (Pty) Ltd
    Ibhanki: ABSA
    Isebe: Business Banking Johannesburg North
    Uhlobo lwe-akhawunti: Cheque
    Inombolo ye-akhawunti: 4074078548
    Ikhowudi yesebe: 630256
    Ireferensi: Bhala inombolo ye-ID yomfaki-sicelo.
  7. Uza kwaziswa xa ikhadi le-PrDP lilungele ukulandwa. Phatha isazisi esifana ne-ID xa ulanda ikhadi lakho. Nawaphi na amakhadi angalandwanga kwiintsuku ezi-120 aya kutshatyalaliswa.

Ixesha elimiselweyo

Imvume yakho ingaba seyilungile kwiiveki ezili-12 ubude bexesha. 

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

  • Uxwebhu lwesicelo semvume yokuba ngumqhubi oyingcali esisigxina (PD1)
  • Uxwebhu lwesicelo sesiqinisekiso sikagqirha (MC) 

La maxwebhu ayafumaneka kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba kunye ne eNatis.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact the relevant municipality

Share this page