Tshintsha iphepha-mvume lakho lokuqhuba lelizwe langaphandle

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokutshintsha iphepha-mvume lakho lokuqhuba lelizwe langaphandle

Ukuba unikwe imvume yokuba ngumhlali osisigxina eMzantsi Afrik, kufuneka utshintshe iphepha-mvume lakho lokuqhuba libe lelaseMzantsi Afrika kwisithuba sonyaka wokufumana kwakho imvume yokuba ngumhlali osisigxina.

Ukuba awukwazi ukutshintsha iphepha-mvume lakho kwisithuba sonyaka, iya kuthathwa njengengekho mthethweni.

Ungafaka isicelo sokutshintsha iphepha-mvume lakho libe lelaseMzantsi Afrika ukuba unemvume yozakuzo kodwa akunayo imvume yokuba ngumhlali osisigxina.

Ukuba iphepha-mvume yakho ayibhalwanga ngenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika ezisemthethweni, kufuneka ufumane incwadi eguquliweyo yephepha-mvume eyenziwe ligunyabantu elinobuchule.

Iphepha-mvume lakho liya kuguqulwa ukuba:

  • iphepha-mvume lisemthethweni
  • liguqulelwe kwenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika  
  • iphepha-mvume likhatshwa yincwadi esemthethweni efunyenwe kumzi wommelisizwe kunye nephepha-mvume eliguqulelwe kwenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika ukuba belingabhalwanga ngenye yezi lwimi
  • iphepha-mvume linefoto yakho kwaye ulityikityile.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba (i-DLTC) kwiphondo ofumene kulo imvume yokuhlala esisigxina.
  2. Gcwalisa ifomu (i-DL1) yokuFaka isiCelo sokutshintshwa kwelayisenisi yokuqhuba kulo naliphi na iziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba.
  3. Gcwalisa ifomu (i-NCP) yesaziso sokutshintshwa kwedilesi okanye iinkcukhacha zomntu okanye iqumrhu.
  4. Kufuneka ufake oku kulandelayo:
    • Isaziso esamkelekileyo njengoko kulindelekile ngokomthetho waseMzantsi Afrika (umz., incwadi yesazisi (i-ID), i-ID yethutyana, ipaspoti yaseMzantsi  Afrika esemthethweni, okanye ipaspoti yamazwe angaphandle enephepha-mvume lokuhlala isigxina).
    • Iifoto zakho ezine ezifanayo ezimbala umnyama namhlophe ezilingana nezi ze-ID.
    • Ilayisenisi yokuqhuba yelizwe langaphandle le unayo ngoku
    • Isiqinisekiso sokuhlala ngokusisigxina kwiRhiphabliki yoMzantsi Afrika
    • Isiqinisekiso sokuba ubungenguye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika ngexesha wakhutshelwa ngalo ilayisenisi yokuqhuba yelizwe langaphandle (umz., usenokuveza ipaspoti, iphepha-mvume lokuhlala ngokusisigxina okanye i-visa).
    • Ileta yenguqulelo yelayisenisi liqumrhu elifanelekileyo ukuba ngaba ilayisenisi ayikho kwelinye leelwimi ezisemthethweni zaseMzantsi Afrika
    • Isiqinisekiso esikhutshwe liqumrhu elikhupha ilayisenisi yokuqhuba sokuba unelayisenisi yokuqhuba esemthethweni (esichaza iikhowudi neendidi zezithuthi umntu avumeleke ukuba angaziqhuba) engacinywanga okanye enganqunyanyiswanga.
    • Kwimeko yePhepha-mvume lokuQhuba leZizwe ngezizwe (i-IDP), kufuneka ufake ilayisenisi yokuqhuba ekukhutshwe phantsi kwegunya layo lo mpepha-mvume.
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize i-akhawunti leyo ihambe nenkcazelo efungelweyo.
    • Ukuba ngaba uhlala kwindawo engamatyotyombeni, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
  5. Iziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba liza kukhuphela ilayisenisi ukuba ngaba lanelisekile ukuba:
  • unguye umnikazi wale layisenisi yokuqhuba yelizwe langaphandle.
  • Uza kuyinikezela kwabasemagunyeni ilayisenisi yakho yokuqhuba yelizwe langaphandle okanye iphepha-mvume lokuqhuba xa ufumana ilayisenisi yaseMzantsi Afrika.
  • Awuyikulindeleka ukuba ubhaliswe uvavanyo lwelayisenisi yokuqhuba kodwa uza kwenziwa uvavanyo lwamehlo kwiziko elo phambi kokuba kuqukunjelwe utshintsho olo.

Ixesha elimiselweyo

Ixesha elithathwayo ukutshintshela iphepha-mvume liyohluka ukusuka kwiziko ukuya kwelinye ngenxa yeenkqubo zophicotho-zincwadi zangaphakathi.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokuqhuba (DL1) luyafumaneka kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba nakwiwebhusayithi edilesi ye -eNatis

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact your local department of transport

Share this page