Isicelo sokucima ubhaliso okanye sokuphelisa iqumrhu elingavulelekanga

Ukuba inkamapni yakho okanye umasibambisane uyayeka ukusebenza,ungayisula kwikhomishoni yobumnini bekhampani nolwazi (CIPC).

  • Ukusulwa kwekhampani kuthetha ukuthi ishishini liyayeka ukubhaliswa njenge khampani okanye umasibambisane (umthetho awuyamkeli okanye ayisakwazi kuzimela) kuba alisasebenzi kwaye alina mpahla okanye izikweleti.
  • Ukubhanga kuthetha ukuthi ishishini liyayeka ukusebenza (kumaxa amaninzi ngenxa yengxaki zemali). Ukuba ishishini lakho line mpahla, izikweleti okanye zombini kufuneka ulndele indlela yokubhangisa ishishini.

Fumana ulwazi malunga nokusula okanye ukubhangisa ikhampani kwiKhomishoni yobumnini beekhampani nolwazi (CIPC) okanye qhagamshela i CIPC apha 086 100 2472.

 

Share this page