Ukufaka isicelo senkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba

Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani

 

 

Malunga nelayisenisi yenkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba

Ilayisenisi yenkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba ikhutshelwa inkonzo yosasazo esebenzela ukwenza ingeniso eyimali okanye eziyinxalenye yenkampani  elenza ingeniso eyimali. IQumrhu loSasazo loMzantsi Afrika lilo lodwa elinelayisenisi yokusasazela uluntu eMzantsi Afrika. 

Nabani na ofuna ukunikezela ngenkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba kufuneka abe nelayisenisi yenkonzo yosasazo ngezandi ngeenjongo zokurhweba.

Ifomu yokufaka isicelo kunye nemimandla ecetywayo ziyinxalenye yesimemo esingqalileyo sokufaka isicelo esiza kupapashwa kwiPhephandaba likaRhulumente.

Kufuneka wenze ntoni

  1. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo ngesandla usebenzisa oonobumba abakhulu.
  2. Ngenisa ifomu yokufaka isicelo le ingeyokopi kunye neekopi zayo eziqinisekisiweyo ezili-16 kunye nentlawulo engazikubuyiswa yokufaka isicelo kuGunyaziwe wezoNxibelelwano oziMeleyo woMzantsi Afrika (i-ICasa).
  3. Izicelo ezingagqitywanga ziza kubuyiselwa kulowo ebefake isicelo kwaye yingxaki yakhe ukuba uye waxhamleka koku.

Kuthatha ixesha elingakanani

Ukukhupha ilayisenisi kungathatha iinyanga ezintandathu ukuya kwezili-12.

Kubiza malini

Tariffs 2023/24

Iifomu emazigcwaliswe

Ifomu yokufaka isicelo iyinxaleye yeenkcukacha eziza kupapashwa kwiPhephandaba loMbuso.

Kunxityelelwana nabani

 

ICASA head office

Tel: 012 568 3000/3001
E-mail: info@icasa.org.za 

Physical address: 350 Witch-Hazel Ave, Eco-Park Estate, Centurion, 0144
Postal address: Private Bag X10, Highveld Park 0169

Regional offices

Share this page