Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani
Malunga nelayisenisi yenkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba
Ilayisenisi yenkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba ikhutshelwa inkonzo yosasazo esebenzela ukwenza ingeniso eyimali okanye eziyinxalenye yenkampani elenza ingeniso eyimali. IQumrhu loSasazo loMzantsi Afrika lilo lodwa elinelayisenisi yokusasazela uluntu eMzantsi Afrika.
Nabani na ofuna ukunikezela ngenkonzo yokusasaza ngeenjongo zokurhweba kufuneka abe nelayisenisi yenkonzo yosasazo ngezandi ngeenjongo zokurhweba.
Ifomu yokufaka isicelo kunye nemimandla ecetywayo ziyinxalenye yesimemo esingqalileyo sokufaka isicelo esiza kupapashwa kwiPhephandaba likaRhulumente.
Kufuneka wenze ntoni
- Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo ngesandla usebenzisa oonobumba abakhulu.
- Ngenisa ifomu yokufaka isicelo le ingeyokopi kunye neekopi zayo eziqinisekisiweyo ezili-16 kunye nentlawulo engazikubuyiswa yokufaka isicelo kuGunyaziwe wezoNxibelelwano oziMeleyo woMzantsi Afrika (i-ICasa).
- Izicelo ezingagqitywanga ziza kubuyiselwa kulowo ebefake isicelo kwaye yingxaki yakhe ukuba uye waxhamleka koku.
Kuthatha ixesha elingakanani
Ukukhupha ilayisenisi kungathatha iinyanga ezintandathu ukuya kwezili-12.
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Ifomu yokufaka isicelo iyinxaleye yeenkcukacha eziza kupapashwa kwiPhephandaba loMbuso.
Kunxityelelwana nabani
ICASA head office
Tel: 012 568 3000/3001
E-mail: info@icasa.org.za
Physical address: 350 Witch-Hazel Ave, Eco-Park Estate, Centurion, 0144
Postal address: Private Bag X10, Highveld Park 0169