Iinkonzo zeposi ezilawulwa ngamashishini abucala

Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani

 

 

Malunga nelayisenisi yokuhambisa iinkonzo zeposi ezilawulwa ngamashishini abucala

Abantu (bezimele) kunye namashishini abucala bangasifaka isicelo sokufumana ilayisenisi yokuhambisa iinkonzo zeposi ezilawulwa ngamashishini abucala.

Iinkonzo zeposi ezilawulwa ngamashishini abucala ziquka:

  • iileta, amakhadi anemiyalezo aposwayo, izinto ezishicilelweyo, iipasile ezincinci kunye nezinye izinto ezihanjiswa ngeposi ezingahanjiswa ngeenkonzo zeposi ezilawulwa ngurhulumente.
  • iinkonzo zeposi ze-courier kunye nezinye iinkonzo zeposi ezingahanjiswa ngeenkonzo zeposi ezilawulwa ngurhulumente.:

Isiqinisekiso sokubhalisa sisebenza ngokusemthethweni isithuba sonyaka omnye ukusuka kumhla wokukhutshwa kwaso.

Kufuneka wenze ntoni

  1. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo, iFomu A.
  2. Hlawula imali yokufaka isicelo ehlawulwa kanye nengabuyiswayo usebenzisa i-intanethi okanye uyibhatale ngqo  kuGunyaziwe wezoNxibelelwano oziMeleyo waseMzantsi Afrika (i-Icasa) Bank Name:  Nedbank Account number: 1454090456, Branch name: Corporate Client Services Johannesburg, Branch Code: 1454053.
  3. Thumela ifomu yokufaka isicelo kunye nesiqinisekiso esichaza ukuba ubhatele.
  4. Ngenisa ifomu yokufaka isicelo phambi kwentsimbi ye-16:00 ngeentsuku zeveki.

Kuthatha ixesha elingakanani

Ilayisenisi iza kube sele ikhona emva kweentsuku ezingama-30.

Kubiza malini

Tariffs 2020/21
 

Kunxityelelwana nabani

 

ICASA head office
Tel: 012 568 3000/3001
E-mail: info@icasa.org.za 

Physical address: 350 Witch-Hazel Ave, Eco-Park Estate, Centurion, 0144
Postal address: Private Bag X10, Highveld Park 0169

Regional offices

 

Share this page