Ugonyo lweentsana

Ugonyo luvuselela amajoni omzimba ukuze akwazi ukukhusela umzimba kwizifo ezithile.

Ugonyo lunceda ukomeleza amajoni omzimba omntwana wakho ukuba alwe izifo ezifana nepoliyo, imasisi, isifo sokudumba kwesibindi (i-hepatitis B), isifo sokubola komqala (i-diphtheria), isifo sephepha (i-TB) nokudumba kwenwebu yobuchopho (i-meningitis).

Ugonyo lufumaneka simahla kwiikliniki zikarhulumente, olokuqala umntwana ulufumana xa ezalwa.

Funda ngokuthe vetshe malunga neshedyuli yogonyo lweentsana okanye qhagamshelana neSebe lezeMpilo kule nombolo: 012 395 8000.

Share this page