Isibonelelo-mali sokonga umntwana okhubazeke kakhulu

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesibonelelo-mali sokonga umntwana okhubazeke kakhulu

Fumana isibonelelo sokonga umntwana okhubazeke kakhulu kwaye efuna uncedo olulodwa.

Esi sibonelelo-mali sokonga umntwana okhubazeke kakhulu sinceda umntwana okhubazekileyo ukususela ekuzalweni kwakhe ade abe neminyaka eli-18.

Uzazi njani ukuba ufanelekile?

Kufuneka:

  • ube ngumzali, umntu ekukuphela kwakhe owonga lo mntu okanye ongumzali okhulisa umntwana ongengowakhe ngegunya lenkundla
  • ube ngummi woMzantsi Afrika okanye ummi osisigxina
  • ungamkeli umvuzo ongaphezulu kwama-223 200 eerandi ngonyaka ukuba awutshatanga. Ukuba utshatile umvuzo wenu udibene akufuneki ube ngaphezulu kwama-446 400 eerandi ngonyaka.

Qaphela: Lo mda umiselweyo womvuzo awubachaphazeli abazali abafumana isibonelelo-malisokukhulisa umntwana ongengowakho ngegunya lenkundla.

Umntwana kufuneka:

  • abe neminyaka engaphantsi kwe-18 ubudala
  • angabi phantsi konakekelo lweziko likarhulumente ngokusisigxina
  • abe ukhubazeke kakhulu kwaye udinga ukuba phantsi konakekelo olulodwa ubusuku nemini.

Wena kunye nomntwana lowo kufuneka nibe nihlala eMzantsi Afrika.

Qaphela: Igosa lezonyango likarhulumente kufuneka limhlole umntwana phambi kokuba sivunywe isibonelelo-mali eso.

Uza kufumana malini?

Uza kufumana i-R2 080 ngenyanga.

Uza kuhlawulwa njani?

I-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) iza kukuhlawula esi sibonelelo-mali ngenye yezi ndlela zilandelayo:

  • ngokunika imali esandleni kwindawo eyodwa ekuhlawulelwa kuyo ngosuku oluthile
  • ngokuyifaka kwi-akhawunti yakho yebhanki isebenzisa i-intanethi okanye kwa-Postbank (le bhanki isenokuhlawulisa ngalo nkonzo)
  • kwiziko elisebenza njengomlawuli wesibonelelo-mali (umz., umbutho wezentlalo-ntle).

Qaphela: Ukuba awukwazi ukuyilanda ngokwakho le mali, ungazichongela umntu kwi-ofisi yakwa-SASSA oza kumnika ilungelo lokwamkela imali egameni lakho, okanye unike omnye umntu ilungelo lokulanda imali yesibonelelo egameni lakho.

Singahlaziywa nini isibonelelo-mali somntwana?

Abakwa-SASSA bangathatha isigqibo ngokwabo ukuba isibonelelo sakho kufuneka sihlaziyiwe. Umvuzo wakho njengoko ubuwazisile ngela xesha ubufaka ngalo isicelo sesibonelelo kuza kujongwa wona xa kuthathwa eso sigqibo. Uza kwaziswa kwisithuba seenyanga ezintathu phambi komhla wokuhlaziywa kwesibonelelo okanye umhla esilindeleke ngawo isatifikethi sobomi (ixwebhu eliqinisekisa ukuba usaphila na). Ukuba imali yakho uyifumana ngebhanki, ngeziko okanye kulo mntu wakwa-SASSA umchongileyo, uyakulindeleka ukuba ugcwalise isatifikethi sobomi kwi-ofisi yakwa-SASSA qho ngonyaka.   

Singarhoxiswa xa kutheni isibonelelo-mali somntwana?

Oku kulandelayo kungakhokelela ekurhoxisweni kwesi sibonelelo-mali:

  • xa kutshintsha imeko yomntwana
  • iziphumo zohlaziyo
  • ukuba khange kufunywane ntsebenziswano kuwe ngethuba kuhlaziywa isibonelelo-mali somntwana
  • xa uthe wenza ubumenemene okanye wanikezela ngolwazi olungeyonyani malunga nomntwana
  • ukuba kwathi kanti bekukho impazamo ekuvunyweni kwesibonelelo-mali somntwana.

Siphelelwa nini lixesha isibonelelo-mali sakho?

Isibonelelo-mali siyakuphelelwa lixesha xa:

  • umntwana eswelekile
  • umntwana engeniswe wamkelwa kwiziko likarhulumente
  • umntu owamkela le mali ungomongi womntwana akasilandanga isibonelelo-mali kwade kwadlula iinyanga ezintathu zilandelelana
  • umntwana engekho kweli lizwe
  • umntwana esiba neminyaka eli-18.

Kokuphi omawukwenze

  1. Yiya kwi-ofisi ye-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) ekufutshane nalapho uhlala khona uphathe oku kulandelayo:
    • Incwadi-sazisi (i-ID) yakho enebha khowudi enamanani ali-13) kunye nesatifikethi sokuzalwa. Ukuba awunayo i-ID okanye isatifikethi sokuzalwa:
      • Gcwalisa ifomu yakwa-SASSA elungiselelwe ukwenza ingxelo efungelweyo phambi koMfungisi ongelilo igosa lakwa-SASSA.
      • Zisa lo ngxelo ifungelweyo ityikitywe ngumntu obekekekileyo (ofana noceba, inkokheli yemveli, unontlalo-ntle, umfundisi wakwalizwi okanye inqununu yesikolo) onokuqinisekisa igama nobudala bakho.  
      • Igosa lwakwa-SASSA liza kunyathelisa iminwe yakho lize likuthumele kwiSebe leMicimbi yezeKhaya ukuba uyokwenza i-ID ngeli xesha isicelo sakho kusetyenzwa ngaso. Ukuba awude uyifumane i-ID isicelo sakho siyakurhoxiswa.
      • Isiqinisekiso sokuba usifakile isicelo se-ID okanye nesatifikethi sokuzalwa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
      • I-ID yakho yethutyana ekhutshwe liSebe leMicimbi yezeKhaya (ukuba iyachaphazeleka).
      • Isatifikethi sokuphehlelelwa ukuba sikhona.
      • Ikhadi lasekliniki ukuba likhona
      • Ingxelo yesikolo ukuba ikhona.
    • Ingxelo yezonyango/yohlolo engqina ngokukhubazeka komntwana.
    • Isiqinisekiso sobume bakho bomtshato
    • Isiqinisekiso somvuzo wakho, ingxelo ngemali yakho esebhankini yeenyanga ezintathu ezidlulileyo, okanye iphetshana lendodla, kunye naso nasiphi na isiqinisekiso somvuzo. (Qaphela: oku akubachaphazeli abazali abazimbacu abanikwe igunya lobuzali yinkundla.)  
    • Ukuba:
      • Nceda qaphela: Ukuba sowumdala kakhulu okanye ugula kangangokuba awukwazi ukuza kufaka isicelo ezi-ofisini, ilungu losapho lwakho okanye umhlobo angasifaka isicelo egameni lakho. Lo mtu kufanele aze neleta evela kuwe okanye nevela kugqirha echaza ukuba kutheni ungenakuza ngokwakho nje ezi-ofisini,
      • ungumzali womntwana ngokunikwa igunya lobuzali yinkundla, yiza nomyalelo wenkundla onikezela lo mntwana kuwe. 
      • ungumzali oyimbacu onikwe igunya lobuzali yinkundla, iphepha-mvume lobume bobumbacu kunye ne-ID yobumbacu
      • awuphangeli, isiqinisekiso esivela kwiNgxowa-mali ye-Insorensi yabaNgaphangeliyo (i-UIF) okanye isatifikethi sokudendwa emsebenzini esivela kumqeshi wakho wokugqibela
      • ungumzali womntwana nokukuphela kwakhe owondla nongumlondolozi womntwana, yiza nesiqinisekiso sokuba uzenzile iinzame zokuba omnye umzali womntwana ahlawule isondlo  
      • awungomzali womntana lowo, isiqinisekiso sokuba nguwe kuphela umlondolozi onoxanduva lokukhathalela lo mntwana, oko ukwenza ngenkcazelo efungelweyo eyenziwe emapoliseni, ingxelo yoonontlalo-ntle, inkcazelo efungelweyo evela kumzali womntwana okanye incwadi evela kwinqununu yesikolo afunda kuso umntwana.
  2. Abakwa-SASSA bayakuthumela umntwana lowo kugqirha karhulumente ukuze axilongwe phambi kokuba senziwe isicelo sakho
  3. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo phambi kwegosa lakwa-SASSA (qaphela ukuba nguwe kuphela njengomfaki-sicelo okanye igosa lwakwa-SASSA abanokugcwalisa ifomu yokufaka isicelo).
  4. Uza kunikwa irisiti. Yigcine njengesiqinisekiso sokuba usifakile isicelo.

Ukuba asivunywanga isicelo sakho?

Ukuba isicelo sakho asivunywanga, abakwa-SASSA bayakwazisa ngembalelwano ukuba kutheni isicelo sakho singaphumelelanga.

Ukuba awuvumelani neso sigqibo, ungafaka isibheno kuMphathiswa woPhuhliso loluNtu kwi-ofisi yesizwe yeSebe loPhuhliso loluNtu, ucacise ukuba kutheni ungavumelani nokungaphumeleli kwesicelo sakho. Kufuneka ufake isibheno zingadlulanga iintsuku ezingama-90 emva kokuba wazisiwe ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.

Sithatha ixesha elingakanani

  • Inkqubo yokuqwalasela isicelo ingathatha iinyanga ezingafika kwezintathu.
  • Ukuba isicelo sakho siphumelele, uza kuhlawulwa ukususela ngomhla owafaka ngawo isicelo.

Kubiza malini

Le nkonzo isimahla.

Iifomu emazigcwaliswe

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki ku-intanethi, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yakwa-SASSA ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshelana nabani

 I-Arhente Arhente yeziBonelelo sezeNtlalo noMhlala-phantisi saseMzantsi Afrika (i-SASSA)

 

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email: GrantEnquiries@sassa.gov.za

 

Share this page