Ukukhupha isisu

Ukukhupha isisu kuxa umntu wasetyhini ethatha isigqibo sokukhutshwa isisu ngoogqirha phambi kokuba kufike ixesha lokubeleka. Kufuneka lowo wasetyhini abe uneeveki ezingaphantsi kwezili-13 ekhulelwe ukuze akwazi ukukhupha isisu ngaphandle kokunikezela izizathu.

Ukuba umntu wasetyhini unexesha eliziveki eziphakathi kwezili-13 nezingama-20 ekhulelwe, angasikhupha isisu phantsi kwezizathu ezicacileyo. Ukuba unexesha elingaphezulu kwiiveki ezingama-20 ekhulelwe, isisu singakhutshwa kuphela ukuba ubomi bakhe kunye nobomntwana osesiswini busengozini okanye ukuba kukhangeleka ngathi umntwana uza kuba nokukhubazeka neengxaki ezigqithisileyo.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokukhupha isisu okanye qhagamshelana neSebe lezeMpilo kule nombolo:-012 395 8000.

 

Share this page